I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Genesis 14:1-24

14  Kwathi ngemihla ka-Amrafele ukumkani waseShinare,+ uAriyoki ukumkani wase-Elasare, uKedolahomere+ ukumkani wase-Elam,+ noTidali ukumkani wamaGoyi,+  benza imfazwe kunye noBhera ukumkani waseSodom,+ kwakunye noBhirsha ukumkani waseGomora,+ noShinabhi ukumkani waseAdima,+ noShemebhere ukumkani waseTsebhoyim,+ nokumkani waseBhela (oko kukuthi, eTsoware).+  Bonke aba bahamba bemanyene+ ukuya eNtilini yaseSidim,+ oko kukuthi, uLwandle lweTyuwa.+  Kangangeminyaka elishumi elinesibini babekhonza uKedolahomere, kodwa ngonyaka weshumi elinesithathu bavukela.  Ngonyaka weshumi elinesine kweza uKedolahomere, nookumkani ababekunye naye, baza bawoyisa amaRefa eAshteroti-karnayim,+ namaZuzi eHam, namaEma+ eShave-kiriyatayim,  namaHori+ entabeni yawo yeSehire,+ kwasa kwiEl-paran,+ esentlango.  Bajika beza e-En-mishpati, oko kukuthi, eKadeshe,+ baza baloyisa ilizwe lama-Amaleki+ liphela kwanama-Amori+ awayehlala eHatsatson-tamare.+  Waphuma ke xa kulapho ukumkani waseSodom waza wamatsha, kwanokumkani waseGomora nokumkani waseAdima nokumkani waseTsebhoyim nokumkani waseBhela (oko kukuthi, eTsoware), baza bazilungiselela ukulwa idabi nxamnye nabo eNtilini yaseSidim,+  nxamnye noKedolahomere ukumkani wase-Elam noTidali ukumkani wamaGoyi noAmrafele ukumkani waseShinare noAriyoki ukumkani wase-Elasare;+ ookumkani abane nxamnye nabahlanu. 10  Ke iNtili yaseSidim+ yayinemihadi ngemihadi yebhitumene;+ yaye ukumkani waseSodom nowaseGomora+ basaba baza beyela kuyo, baza abaseleyo basabela kummandla weentaba.+ 11  Abo boyisileyo bayithabatha yonke impahla yaseSodom naseGomora nako konke ukutya kwabo baza bemka.+ 12  Bamthabatha noLote unyana womntakwabo Abram nempahla yakhe baza bemka. Wayehlala eSodom ngoko.+ 13  Emva koko indoda eyayisindile yaya kuxelela uAbram umHebhere.+ Wayemise umnquba wakhe ngoko phakathi kwemithi emikhulu kaMamre umAmori,+ umntakwabo Eshkoli nomntakwabo Anere;+ bona babenqophisene noAbram. 14  Ngaloo ndlela uAbram weva ukuba umntakwabo wayethatyathwe njengomthinjwa.+ Wasuka ke wahlanganisa amadoda akhe aqeqeshiweyo,+ amakhoboka angamakhulu amathathu aneshumi elinesibhozo azalelwe endlwini yakhe,+ waza wasukela ukusa kwaDan.+ 15  Yaye wayahlula ngobusuku imikhosi yakhe,+ yena namakhoboka akhe, ngokunxamnye nabo, waza ngaloo ndlela waboyisa, wabasukela ukusa eHobha, ekumntla weDamasko. 16  Kwaye wayibuyisa yonke impahla,+ wabuyisa kwanoLote umntakwabo nempahla yakhe kwanabafazi nabantu.+ 17  Waphuma ukumkani waseSodom ukuya kumhlangabeza ekubuyeni kwakhe ekoyiseni uKedolahomere nookumkani ababekunye naye, eNtilini yaseShave, oko kukuthi, iNtili yokumkani.+ 18  UMelkitsedeki+ ukumkani waseSalem+ wazisa isonka newayini,+ yaye wayengumbingeleli wOyena Thixo Uphakamileyo.+ 19  Wandula ke wamsikelela wathi: “Makasikelelwe uAbram wOyena Thixo Uphakamileyo,+ UMvelisi wezulu nomhlaba;+ 20  Yaye makabongwe Oyena Thixo Uphakamileyo,+ Obanikele abacinezeli bakho esandleni sakho!”+ Ngoko uAbram wamnika isishumi sento yonke.+ 21  Emva koko ukumkani waseSodom wathi kuAbram: “Ndinike imiphefumlo,+ wena uthabathe impahla.” 22  Waza ke uAbram wathi kukumkani waseSodom: “Ndiyasiphakamisa isandla sam ukuze ndifunge+ kuYehova ongOyena Thixo Uphakamileyo, uMvelisi wezulu nomhlaba, 23  ukuba, andiyi kuthabatha msonto namtya wembadada, nditsho, nantoni na eyeyakho,+ ukuze ungathi, ‘Ndim omenze isityebi uAbram.’ 24  Mna andifuni nento le!+ Kuphela mayibe koko abafana sele bekudlile, nesabelo samadoda abehamba nam, uAnere, uEshkoli noMamre+—bona mabathabathe isabelo sabo.”+

Umbhalo osemazantsi