Genesis 11:1-32
11 Ke kaloku wonke umhlaba wawululwimi-lunye kwaye untetho-nye.
2 Kwathi ke ekuhambeni kwabo besiya ngasempuma ekugqibeleni bafumana ithafa elisentlanjeni kwilizwe laseShinare,+ baza bahlala khona.
3 Yaye bathi, omnye komnye: “Yizani! Masenze izitena, sizitshise.” Ngoko basebenzisa izitena endaweni yamatye, nebhitumene endaweni yodaka.+
4 Baza ke bathi: “Yizani! Masizakhele isixeko kwanenqaba encopho yayo ifikelela emazulwini,+ size sizenzele igama elidumileyo,+ kuba hleze sichithakale emhlabeni wonke.”+
5 Wandula ke uYehova wehla ukuze asibone isixeko eso nenqaba leyo babeyakhile oonyana babantu.+
6 Emva koko uYehova wathi: “Khangela! Abantu banye, nolwimi lwabo bonke lunye,+ yaye baqala ngokwenza oku. Ayikho ke ngoku into abacinga ukuyenza enokubanqabela.+
7 Yiza ke ngoku! Masihle+ size siludube+ ulwimi lwabo ukuze bangevani ngentetho.”+
8 Ngako oko uYehova wabachithachitha bathi saa emhlabeni wonke,+ baza bayeka ukwakha isixeko eso.+
9 Kungenxa yoko le nto kwathiwa igama laso yiBhabheli,+ kuba uYehova waluduba khona apho ulwimi lomhlaba wonke, waza wabachithachitha+ kwalapho uYehova emhlabeni wonke.
10 Yiyo le imbali kaShem.+
UShem wayeneminyaka elikhulu ubudala xa wazala uArpakhishadi+ kwiminyaka emibini emva konogumbe.
11 Emva kokuzala kwakhe uArpakhishadi uShem waphila iminyaka engamakhulu amahlanu. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi.+
12 UArpakhishadi waphila iminyaka engamashumi amathathu anesihlanu. Waza ke wazala uShela.+
13 Emva kokuzala kwakhe uShela uArpakhishadi waphila iminyaka engamakhulu amane anesithathu. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi.
14 UShela waphila iminyaka engamashumi amathathu. Waza ke wazala uEbhere.+
15 Emva kokuzala kwakhe uEbhere uShela waphila iminyaka engamakhulu amane anesithathu. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi.
16 UEbhere waphila iminyaka engamashumi amathathu anesine. Waza ke wazala uPelege.+
17 Emva kokuzala kwakhe uPelege uEbhere waphila iminyaka engamakhulu amane anamashumi amathathu. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi.
18 UPelege waphila iminyaka engamashumi amathathu. Waza ke wazala uRewu.+
19 Emva kokuzala kwakhe uRewu uPelege waphila iminyaka engamakhulu amabini anesithoba. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi.
20 URewu waphila iminyaka engamashumi amathathu anesibini. Waza ke wazala uSerugi.+
21 Emva kokuzala kwakhe uSerugi uRewu waphila iminyaka engamakhulu amabini anesixhenxe. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi.
22 USerugi waphila iminyaka engamashumi amathathu. Waza ke wazala uNahore.+
23 Emva kokuzala kwakhe uNahore uSerugi waphila iminyaka engamakhulu amabini. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi.
24 UNahore waphila iminyaka engamashumi amabini anesithoba. Waza ke wazala uTera.+
25 Emva kokuzala kwakhe uTera uNahore waphila iminyaka elikhulu elineshumi elinesithoba. Ngelo thuba wazala oonyana neentombi.
26 UTera waphila iminyaka engamashumi asixhenxe, waza emva koko wazala uAbram,+ uNahore+ noHaran.
27 Yiyo le imbali kaTera.
UTera wazala uAbram, uNahore noHaran; yena uHaran wazala uLote.+
28 Kamva uHaran wafa esekho uTera uyise ezweni lokuzalwa kwakhe, eUre+ yamaKhaledi.+
29 Yaye uAbram noNahore bathabatha abafazi. Igama lomfazi ka-Abram lalinguSarayi,+ ngoxa igama lomfazi kaNahore lalinguMilka,+ intombi kaHaran, uyise kaMilka noyise kaIska.
30 Kodwa uSarayi wayeludlolo,+ engenamntwana.
31 Emva koko uTera wathabatha uAbram unyana wakhe noLote, unyana kaHaran, umzukulwana wakhe,+ noSarayi+ umolokazana wakhe, umfazi ka-Abram unyana wakhe, baza baphuma naye eUre yamaKhaledi baya kwilizwe lakwaKanan.+ Ethubeni bafika kwelakwaHaran+ baza bahlala khona.
32 Imihla kaTera yaba yiminyaka engamakhulu amabini anesihlanu. Wafa ke ngoko uTera ekwelakwaHaran.