I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Galati 6:1-18

6  Bazalwana, ukuba umntu uqutyulwe sisiphoso,+ nina enineemfaneleko zokomoya+ zamani ukumlungisa umntu onjalo ngomoya wobulali,+ nizilumkela+ ukuba ningahendwa nani.+  Qhubekani nithwala elowo uxanduva+ lomnye, yaye ngokwenjenjalo noba nizalisekisa umthetho kaKRISTU.+  Kuba ukuba ubani ucinga ukuba unguthile xa engeyonto,+ ukhohlisa ingqondo yakhe.  Kodwa ngamnye makangqine oko ukuko umsebenzi wakhe,+ uya kwandula ke abe nesizathu sokugcoba ngaye siqu, kungekhona ngokuzithelekisa+ nomnye umntu.  Kuba ngamnye uya kuthwala owakhe umthwalo.+  Noko ke, lowo ufundiswa ilizwi ngomlomo+ makabelane+ nalowo ufundisayo+ ngeento zonke ezilungileyo anazo.  Ningalahlekiswa:+ UThixo akanakwenziwa intlekisa.+ Loo nto ayihlwayelayo umntu, uya kuvuna kwayona;+  kuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama uya kuvuna ukonakala ngokwasenyameni,+ kodwa lowo uhlwayelela umoya+ uya kuvuna ubomi obungunaphakade ngokwasemoyeni.+  Ngoko masingayeki ukwenza okuhle,+ kuba sovuna ngexesha elililo ukuba asidinwa.+ 10  Ngoko ke, lo gama ixesha lisasivumela,+ masenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa kwabo bahlobene nathi elukholweni.+ 11  Khanibone indlela ababakhulu ngayo oonobumba endinibhalele ngabo ngesam isandla.+ 12  Bonke abo bafuna ukukholisa abanye ngembonakalo yasenyameni ngabo abazama ukuninyanzela ukuba naluke,+ kuphela ukuze bangatshutshiswa ngenxa yesibonda sentuthumbo sikaKRISTU+ Yesu. 13  Kuba kwanabo balukayo bona ngokwabo abawugcini uMthetho,+ kodwa bafuna ukuba nina naluke ukuze babe nesizathu sokuqhayisa ngenyama yenu. 14  Mna ke andingi ndingaqhayisa nganto, ngaphandle kwangesibonda sentuthumbo+ seNkosi yethu uYesu Kristu, ekuthe ngayo ihlabathi laba njengelibethelelweyo kum,+ nam ndaba njengobethelelweyo kulo ihlabathi. 15  Kuba ukwaluka nokungaluki akubalulekanga,+ kodwa into ebalulekileyo kukuba sisidalwa esitsha.+ 16  Ngamana bangaba noxolo nenceba bonke abo bahamba ngalo mgaqo, oko kukuthi, uSirayeli kaThixo.+ 17  Ndiphetha ngelithi, makungabikho bani undikhathazayo, kuba ndithwele emzimbeni wam iimpawu zomtshiso+ ezindifanisa njengekhoboka likaYesu.+ 18  Ububele obungasifanelanga beNkosi yethu uYesu Kristu mabube nomoya+ eniwubonisayo, bazalwana. Amen.

Umbhalo osemazantsi