Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Ezra 7:1-28

7  Yaye emva kwezi zinto kulawulo luka-Artashashta+ ukumkani wasePersi, uEzra+ unyana kaSeraya+ unyana ka-Azariya unyana kaHilekiya+  unyana kaShalum+ unyana kaTsadoki unyana ka-Ahitubhi+  unyana ka-Amariya+ unyana ka-Azariya+ unyana kaMerayoti+  unyana kaZerahiya+ unyana kaUzi+ unyana kaBhuki+  unyana ka-Abhishuwa+ unyana kaFinehasi+ unyana kaEleyazare+ unyana ka-Aron+ umbingeleli oyintloko+ 6   uEzra lowo wenyuka waya eBhabhiloni; yaye wayengumkhupheli olichule+ womthetho kaMoses,+ owawuvela kuYehova uTHIXO kaSirayeli, kangangokuba ukumkani wamnika konke awayekucelile, ngesandla sikaYehova uThixo wakhe esasiphezu kwakhe.+  Ngenxa yoko abanye boonyana bakaSirayeli nabababingeleli+ nabaLevi+ neemvumi+ nabagcini-masango+ namaNethini+ benyuka baya eYerusalem ngonyaka wesixhenxe ka-Artashashta+ ukumkani.  Ekuhambeni kwethuba weza eYerusalem ngenyanga yesihlanu, oko kukuthi, ngonyaka wesixhenxe kakumkani.  Kuba ngosuku lokuqala lwenyanga yokuqala wazimisela ukuba anyuke esuka eBhabhiloni, yaye ngosuku lokuqala lwenyanga yesihlanu weza eYerusalem, ngesandla esilungileyo sikaThixo wakhe esasiphezu kwakhe.+ 10  Kuba uEzra wayeyilungisile+ intliziyo yakhe ukuba ahlole umthetho kaYehova,+ awenze+ aze afundise+ uSirayeli imimiselo+ nokusesikweni.+ 11  Yaye lo ngumbhalo okhutshelweyo wencwadi uKumkani uArtashashta awayinika uEzra umkhupheli,+ umkhupheli wamazwi emiyalelo kaYehova nemimiselo yakhe kuSirayeli: 12  “UArtashashta,+ ukumkani wookumkani,+ kuEzra umbingeleli, umkhupheli womthetho kaTHIXO wamazulu:+ Uxolo malugqibelele.+ Ke kaloku 13  ndikhuphe umyalelo+ wokuba wonk’ ubani okummandla wam+ kubantu bakwaSirayeli nababingeleli babo nabaLevi ovumayo ukuya eYerusalem ahambe nawe.+ 14  Kwanjengokuba kwathunyelwa umyalelo phambi kokumkani nabacebisi+ bakhe abasixhenxe wokuba kuhlolwe+ emthethweni+ kaThixo+ wakho osesandleni sakho ngokuphathelele uYuda neYerusalem, 15  nokuba kuziswe isilivere negolide leyo ukumkani nabacebisi bakhe banikele ngayo ngokuzithandela+ kuTHIXO kaSirayeli, ondawo yakhe yokuhlala iseYerusalem,+ 16  ngayo yonke isilivere negolide oyifumana kuwo onke amaphondo aseBhabhiloni kunye nesipho sabantu+ nababingeleli abanikela ngokuzithandela endlwini kaThixo wabo,+ eseYerusalem; 17  ngako oko ngokukhawuleza uya kuthenga ngale mali iinkunzi zeenkomo,+ iinkunzi zeegusha,+ iimvana+ nomnikelo wazo wokudla okuziinkozo+ nomnikelo wazo othululwayo+ yaye uya kunikela ngazo esibingelelweni sendlu kaThixo wenu,+ eseYerusalem.+ 18  “Yaye niya kwenza nantoni na ebonakala ilungile kuwe nakubazalwana bakho ukuba niyenze ngenye isilivere negolide,+ ngokokuthanda+ kukaThixo wenu.+ 19  Izitya+ ozinikwayo ngenxa yenkonzo yendlu kaThixo wakho zinikele ziphelele phambi koThixo eYerusalem.+ 20  Ezinye izinto ezifunekayo zendlu kaThixo wakho ekuphezu kwakho ukuba uzinikele, wozithabatha endlwini yobuncwane kakumkani.+ 21  “Yaye mna, Artashashta kumkani, ndikhuphe umyalelo+ oya kubo bonke oonondyebo+ abangaphaya koMlambo,+ wokuba yonk’ into uEzra+ umbingeleli, umkhupheli womthetho kaTHIXO wamazulu, anicela yona niyenze ngokukhawuleza, 22  kude kuse kwikhulu leetalente+ zesilivere nemilinganiselo elikhulu yekore+ yengqolowa nemilinganiselo elikhulu yebhate+ zewayini+ nemilinganiselo elikhulu yebhate zeoli,+ netyuwa+ ingalinganiselwa. 23  Konke oko kuyalelwe+ nguTHIXO wamazulu makwenzelwe indlu kaTHIXO wamazulu+ ngenzondelelo,+ ukuze kungabikho ngqumbo nxamnye nommandla kakumkani noonyana bakhe.+ 24  Nina madoda niyaziswa ukuba, ngokuphathelele nawuphi na kubabingeleli+ nabaLevi,+ abadlali bomculo,+ abagcini-minyango,+ amaNethini,+ nabasebenzi bale ndlu kaThixo, akuvumelekanga ukuba kubizwe rhafu, lunikelo+ okanye mrhumo+ kubo. 25  “Yaye wena, Ezra, ngokobulumko+ bukaThixo wakho obusesandleni sakho misela oomantyi nabagwebi ukuze bagwebe ngokuqhubekayo+ bonke abantu abangaphaya koMlambo, kwanabo bonke abo bayaziyo imithetho kaThixo wakho; naye nabani na ongayaziyo niya kumfundisa.+ 26  Yaye wonk’ ubani ongawenziyo umthetho kaThixo+ wakho nomthetho kakumkani, makuphunyezwe isigwebo kuye ngokukhawuleza, enoba sesokufa+ okanye sesokugxothwa,+ okanye sesentlawulo yemali+ okanye esokuvalelwa entolongweni.” 27  Makabongwe uYehova uTHIXO wookhokho bethu,+ ofake into enjalo entliziyweni+ kakumkani, ukuba ayihombise+ indlu kaYehova, eseYerusalem! 28  Yaye undolulele ububele bakhe bothando+ phambi kokumkani nabacebisi bakhe+ nangokuphathelele zonke iinkosana ezinamandla zikakumkani. Yaye mna ndazomeleza ngesandla+ sikaYehova uThixo wam esasiphezu kwam, ndaza ndaqokelela kwaSirayeli abaziintloko ukuba benyuke nam.

Umbhalo osemazantsi