Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Ezra 6:1-22

6  Kungelo xesha awathi uDariyo ukumkani wakhupha umyalelo, yaye bahlolisisa endlwini yeengxelo+ zobuncwane ezazibekwe eBhabhiloni.  Yaye e-Ekbhatana, kwindawo enqatyisiweyo eyayikwiphondo laseMedi,+ kwafunyanwa umsongo, nesaziso esibhaliweyo ngokusingisele koku kubhalwe oku kuso:  “Ngonyaka wokuqala kaKoreshi ukumkani,+ uKoreshi ukumkani wakhupha umyalelo ngokuphathelele indlu kaThixo eseYerusalem: Indlu mayakhiwe kwakhona njengendawo abaza kunikela kuyo imibingelelo,+ neziseko zayo mazizinziswe, ukuphakama kwayo kube ngamashumi amathandathu eekubhite, ububanzi bayo bube ngamashumi amathandathu eekubhite,+  ngeengcamba ezintathu zamatye aqengqwayo+ nocamba olunye lwamaplanga;+ iindleko maziphume endlwini kakumkani.+  Kwakhona izitya zegolide nezesilivere+ zendlu kaThixo ezo uNebhukadenetsare+ wazikhuphayo etempileni eyayiseYerusalem waza wazizisa eBhabhiloni mazibuyiswe, ukuze zifike etempileni eseYerusalem endaweni yayo zize zibekwe endlwini kaThixo.+  “Ke kaloku Tatenayi+ rhuluneli engaphaya koMlambo,+ Sheta-bhozenayi+ nabalingane benu, iirhuluneli ezingaphantsi+ ezingaphaya koMlambo, rhoxani apho.+  Wuyekeni umsebenzi wendlu kaThixo.+ Irhuluneli yamaYuda namadoda amakhulu amaYuda aya kubuya ayakhe indlu kaThixo endaweni yayo.  Umyalelo+ ukhutshwe ndim ngokuphathelele oko niya kukwenza ngala madoda makhulu amaYuda, ukuze ibuye yakhiwe indlu kaThixo; yaye indleko iya kuphuma kwindawo yokugcina ubuncwane+ berhafu ngaphaya koMlambo ize inikwe+ la madoda omeleleyo ngokukhawuleza kungayekwa.+  Okufunekayo, ngamathole eenkunzi zeenkomo+ neenkunzi zeegusha+ neemvana+ ukwenzela iminikelo etshiswayo kuTHIXO wezulu, ingqolowa,+ ityuwa,+ iwayini+ neoli,+ kanye njengokutsho kwababingeleli abaseYerusalem, mabanikwe ngokuqhubekayo usuku nosuku kungabikho kusilela; 10  ukuze ngokuqhubekayo+ kunikelwe umnikelo othozamisayo+ kuTHIXO wamazulu kuthandazelwe nobomi bukakumkani noonyana bakhe.+ 11  Ndikhuphe umyalelo wokuba, nabani na owaphula+ lo mmiselo, kutsalwe iplanga+ endlwini yakhe abethelelwe+ kulo, ize indlu yakhe ijikwe ibe yindawo yangasese ngenxa yoku.+ 12  Wanga uTHIXO obangele igama lakhe+ lahlala apho angambhukuqa nawuphi na ukumkani nabantu abolulela isandla sabo ukuze bahlambele baze batshabalalise+ loo ndlu kaThixo, eseYerusalem. Mna, Dariyo, ndikhupha umyalelo. Mawenziwe ngokukhawuleza.” 13  Wandula uTatenayi irhuluneli engaphaya koMlambo,+ uSheta-bhozenayi+ nabalingane babo, benjenjalo ngokukhawuleza, kanye njengoko uDariyo ukumkani wayethumele ilizwi. 14  Amadoda amakhulu+ amaYuda ayesakha+ esenza nenkqubela ngokokuprofeta kukaHagayi+ umprofeti noZekariya+ umzukulwana kaIdo,+ yaye ayakha aza ayigqiba ngokomyalelo kaTHIXO kaSirayeli+ nangokomyalelo kaKoreshi+ noDariyo+ noArtashashta+ ukumkani wasePersi. 15  Yaye ayigqiba le ndlu ngosuku lwesithathu lwenyanga enguAdare,+ oko kukuthi, ngonyaka wesithandathu wolawulo lukaDariyo ukumkani. 16  Yaye oonyana bakaSirayeli, ababingeleli nabaLevi+ nabanye ababethinjiwe ngaphambili+ bakusungula ngovuyo ukuvulwa+ kwale ndlu kaThixo. 17  Banikela ngenxa yokuvulwa kwale ndlu kaThixo ngekhulu leenkunzi zeenkomo, amakhulu amabini eenkunzi zeegusha amakhulu amane eemvana, neshumi elinambini leenkunzi zeebhokwe zomnikelo wesono kaSirayeli wonke, ngokwenani lezizwe zakwaSirayeli.+ 18  Yaye bamisela ababingeleli kwizahlulo zabo nabaLevi kwizahlulo zabo,+ ngenxa yenkonzo kaThixo eseYerusalem, ngokommiselo wencwadi kaMoses.+ 19  Yaye abo babethinjiwe ngaphambili benza ipasika+ ngosuku lweshumi elinesine lwenyanga yokuqala.+ 20  Njengoko ababingeleli nabaLevi babezihlambulule+ njengeqela elinye, bonke babehlambulukile, ngoko bazixhelela bona nabo bonke ababethinjiwe ngaphambili nabazalwana babo nababingeleli ixhoba lepasika.+ 21  Baza oonyana bakaSirayeli ababebuyile ekuThinjweni badla,+ naye wonk’ ubani owayezahlule kubo ngokungahlambuluki+ kweentlanga zelizwe, ukuba afune uYehova uTHIXO kaSirayeli.+ 22  Baqhubeka besenza umthendeleko wamaqebengwana angenagwele+ iintsuku ezisixhenxe benemihlali; kuba uYehova wababangela banemihlali, wayijika+ nentliziyo kakumkani waseAsiriya yangakubo ukuba azomeleze izandla zabo emsebenzini wendlu kaTHIXO oyinyaniso, uTHIXO kaSirayeli.

Umbhalo osemazantsi