Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Ezra 5:1-17

5  Yaye uHagayi+ umprofeti noZekariya+ umzukulwana kaIdo+ umprofeti waprofeta kumaYuda awayekwaYuda naseYerusalem, egameni+ likaTHIXO kaSirayeli obekuwo.+  Kungoko awathi uZerubhabheli+ unyana kaShelatiyeli+ noYeshuwa+ unyana kaYehotsadaki basuka ukuze baqalise ukuyakha kwakhona indlu kaThixo, eyayiseYerusalem; yaye kwakukho abaprofeti bakaThixo+ ababekunye nabo bebanceda.  Ngelo xesha uTatenayi+ irhuluneli ngaphaya koMlambo+ noSheta-bhozenayi nabalingane babo beza kubo, yaye bathi kubo: “Ngubani na okhuphe lo myalelo wokuba nakhe le ndlu nize nigqibe olu phahla?”+  Bandula bathi kubo: “Ngoobani amagama ala madoda omeleleyo akha esi sakhiwo?”  Iliso+ loThixo wawo laba phezu+ kwamadoda amakhulu amaYuda, yaye abazange bawayekise de ingxelo yaya kuDariyo lwaza uxwebhu olusemthethweni oluphathelele oku lwabuyiselwa emva.  Nanku umbhalo+ okhutshelweyo wencwadi eyathunyelwa kuDariyo ukumkani, nguTatenayi+ irhuluneli engaphaya koMlambo+ noSheta-bhozenayi+ nabalingane bakhe,+ iirhuluneli ezingaphantsi ezazingaphaya koMlambo;  bathumela ilizwi kuye, kwaye yayibhalwe ngolu hlobo: “KuDariyo ukumkani: “Uxolo lonke!+  Makwazeke kukumkani ukuba sihambile saya kumaphondo+ akwaYuda endlwini yoTHIXO omkhulu,+ yaye yakhiwa ngamatye aqengqiweyo, kubekwa namaplanga ezindongeni; loo msebenzi wenziwa ngentumekelelo wenza inkqubela ezandleni zabo.  Ngoko siwabuzile la madoda makhulu. Sithe kuwo: ‘Ngubani na okhuphe lo myalelo wokuba nakhe le ndlu nize nigqibe olu phahla?’+ 10  Siwabuze namagama awo, ukuze sinazise, ukuze sibhale amagama amadoda omeleleyo aziintloko zawo.+ 11  “Nali ilizwi alibuyisele kuthi, esithi: ‘Singabakhonzi boTHIXO wamazulu nomhlaba,+ yaye sakha indlu eyayakhiwe iminyaka emininzi ngaphambi koku, leyo ukumkani omkhulu wakwaSirayeli wayakhayo wayigqiba.+ 12  Noko ke, ngenxa yokuba oobawo bamcaphukisa+ uTHIXO wamazulu, wabanikela+ esandleni sikaNebhukadenetsare+ ukumkani waseBhabhiloni, umKhaledi,+ waza wayichitha le ndlu,+ abantu wabathabathela ekuthinjweni eBhabhiloni.+ 13  Noko ke, ngonyaka wokuqala kaKoreshi+ ukumkani waseBhabhiloni, uKoreshi ukumkani wakhupha umyalelo wokuba ibuye yakhiwe le ndlu kaThixo.+ 14  Izitya zegolide nezesilivere+ zendlu kaThixo ezo uNebhukadenetsare wazithabathayo etempileni, leyo yayiseYerusalem, waza wazizisa etempileni yaseBhabhiloni,+ ezi uKoreshi ukumkani+ wazikhupha etempileni yaseBhabhiloni, yaye zanikelwa kuSheshbhatsare,+ igama lalowo wamenza irhuluneli.+ 15  Yaye wathi kuye: “Thabatha ezi zitya.+ Hamba, uye kuzibeka etempileni eseYerusalem, yaye indlu kaThixo mayakhiwe endaweni yayo kwakhona.”+ 16  Xa uSheshbhatsare wafikayo wabeka isiseko sendlu kaThixo,+ eseYerusalem; yaye ukususela ngoko kude kube ngoku iyakhiwa kwakhona kodwa ayikagqitywa.’+ 17  “Ke kaloku ukuba kubonakala kulungile kukumkani, makuhlolwe+ endlwini kakumkani yobuncwane eseBhabhiloni, enoba umyalelo+ wokuba ibuye yakhiwe indlu kaThixo eYerusalem wawuphuma kuKoreshi ukumkani na; aze asithumelele isigqibo sikakumkani ngokuphathelele oku.”

Umbhalo osemazantsi