I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Ezra 1:1-11

1  Ngonyaka wokuqala kaKoreshi+ ukumkani wasePersi, ukuze ilizwi likaYehova ngomlomo kaYeremiya+ liphunyezwe, uYehova wavusa+ umoya kaKoreshi ukumkani wasePersi kangangokuba wabangela ukuba kudluliswe isimemezo+ kuwo wonke ummandla wakhe,+ wasibhala, esithi:  “Utsho uKoreshi ukumkani wasePersi ukuthi,+ ‘Zonke izikumkani zomhlaba uYehova uTHIXO wamazulu+ uzinike mna,+ yaye undimisele ukuba ndimakhele indlu eYerusalem,+ ekwaYuda.  Nabani na ophakathi kwenu ebantwini bakhe bonke, wanga uThixo wakhe anganaye.+ Ngoko makenyuke aye eYerusalem, ekwaYuda, aze abuye akhe indlu kaYehova uTHIXO kaSirayeli—unguTHIXO oyinyaniso+—eyayiseYerusalem.+  Nabani na oye wasala kuzo zonke iindawo ahlala kuzo njengomphambukeli,+ amadoda endawo yakhe makamncede ngesilivere nangegolide nangeempahla nangezilwanyana zasekhaya kunye nomnikelo wokuzithandela+ wendlu yoTHIXO oyinyaniso, eyayiseYerusalem.’”  Zandula ke zaphakama iintloko+ zezindlu zooyise bakwaYuda nabakwaBhenjamin nababingeleli nabaLevi, naye wonk’ ubani awawuvusayo umoya+ wakhe uTHIXO oyinyaniso, benyuka ukuze babuye bayakhe indlu kaYehova,+ eyayiseYerusalem.  Ke bonke abo babebajikelezile, bazomeleza+ izandla zabo ngempahla yesilivere, ngegolide, ngeempahla nangezilwanyana zasekhaya nangezinto ezintle, ngaphandle kwako konke oko kwakunikelwe ngokuzithandela.+  UKumkani uKoreshi wazizisa iimpahla zendlu kaYehova,+ ezo uNebhukadenetsare wayeze nazo eYerusalem+ waza wazibeka endlwini yothixo wakhe.+  Yaye uKoreshi ukumkani wasePersi wazibeka phantsi kolawulo lukaMiteredati unondyebo waza wazibalela kuSheshbhatsare+ isikhulu sakwaYuda.+  Nali inani lazo: izitya zegolide ezimile okwengobozi ezingamashumi amathathu, izitya zesilivere ezimile okwengobozi eziliwaka, izitya zokutshintsha ezingamashumi amabini anesithoba, 10  izitya ezincinane+ zegolide ezingamashumi amathathu, izitya zohlobo lwesibini zesilivere ezingamakhulu amane aneshumi, nezinye iimpahla eziliwaka. 11  Yonke impahla yegolide neyesilivere yayingamawaka amahlanu namakhulu amane. Wayizisa yonk’ into uSheshbhatsare,+ ekukhupheni kwakhe abantu ababethinjwe+ eBhabhiloni ebazisa eYerusalem.

Umbhalo osemazantsi