I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Estere 6:1-14

6  Ebudeni bobo busuku ukumkani waphuthelwa.+ Ngoko ke wathi makuziswe incwadi yengxelo yemicimbi+ yamaxesha. Ngaloo ndlela yafundwa phambi kukakumkani.  Ethubeni kwafunyanwa kubhalwe oko uMordekayi wayekuxelile+ ngokuphathelele uBhigetana noTereshe, amagosa enkundla kakumkani amabini,+ abagcini-mnyango, ababefuna ukusa isandla kuKumkani uAhaswerosi.  Wandula ke ukumkani wathi: “Yiyiphi na imbeko nento enkulu eyenzelwe uMordekayi ngenxa yoku?” Abalindi bakakumkani, abalungiseleli bakhe, bathi: “Akenzelwanga nto.”+  Kamva ukumkani wathi: “Ngubani na osentendelezweni?” Ke kaloku uHaman wayeze entendelezweni+ yendlu kakumkani ukuze athi kukumkani makaxhome uMordekayi esibondeni+ awayesilungiselele yena.  Ngako oko abalindi bakakumkani bathi kuye: “Nanku uHaman+ emi entendelezweni.” Ngoko ukumkani wathi: “Makangene.”  Akungena uHaman, ukumkani wathi kuye: “Makwenziwe ntoni na kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani?”+ UHaman wathi entliziyweni yakhe: “Ngubani na ukumkani anokuthanda ukumbeka embekweni ngaphezu kwam?”+  Ngoko uHaman wathi kukumkani: “Ke kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani,  makuziswe isivatho sasebukhosini+ esambathwa ngukumkani ngokwakhe nehashe akhwela+ kulo ukumkani nesigqubuthelo sentloko sasebukhosini sibekwe phezu kwentloko yalo.  Isivatho nehashe mabazinikele esandleni sesinye sezidwangube zeenkosana zikakumkani;+ kwaye indoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani mabayambese, baze bayikhwelise ehasheni ihamba-hambe kwindawo yembutho+ yesixeko,+ yaye bamele bamemeze phambi kwayo bathi, ‘Kwenziwa ngale ndlela kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani.’”+ 10  Kwaoko ukumkani wathi kuHaman: “Ngokukhawuleza, thabatha isivatho nehashe, kanye njengoko utshilo, uze wenjenjalo kuMordekayi umYuda ohleli esangweni likakumkani. Ungavumeli nantoni na ingazaliseki kuyo yonke into oyithethileyo.”+ 11  UHaman wasithabatha isivatho+ nehashe waza wamambesa uMordekayi+ wamkhwelisa, waya kwindawo yembutho+ yesixeko, wamemeza phambi kwakhe esithi:+ “Kwenziwa ngale ndlela kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani.”+ 12  Emva koko uMordekayi wabuyela esangweni likakumkani.+ Ke yena uHaman, wakhawuleza waya endlwini yakhe, ezilile yaye intloko yakhe eyigqubuthele.+ 13  Yaye uHaman wahlabela mgama wabalisela uZereshe+ umfazi wakhe nabo bonke abahlobo bakhe yonk’ into eyayimehlele. Amadoda akhe azizilumko+ noZereshe umfazi wakhe bathi kuye: “Ukuba lo Mordekayi uqalise ukuwa phambi kwakhe ungowembewu yamaYuda, akuyi kumoyisa, kodwa ngokuqinisekileyo uya kuwa phambi kwakhe.”+ 14  Ngoxa babesathetha naye kwafika amagosa enkundla kakumkani aza ngokungxama+ amzisa uHaman kwisidlo+ esasenziwe nguEstere.

Umbhalo osemazantsi