Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Estere 5:1-14

5  Kwathi ngosuku lwesithathu+ uEstere wambatha ezasebukhosini,+ emva koko wema kwintendelezo engaphakathi+ yendlu kakumkani malunga nendlu kakumkani, ngoxa ukumkani wayehleli etroneni yakhe yobukhosi malunga nomnyango wendlu.  Yaye kwathi, kamsinya nje ukumkani akumbona ukumkanikazi uEstere emi entendelezweni, wazuza inkoleko+ emehlweni akhe, kangangokuba ukumkani wamolulela uEstere intonga yasebukhosini+ yegolide eyayisesandleni sakhe. UEstere ke wasondela waza wachukumisa umphezulu wentonga yasebukhosini.  Wandula ke ukumkani wathi kuye: “Unantoni na, kumkanikazi Estere, yaye siyintoni na isicelo sakho?+ Kuse kwisiqingatha sobukumkani+—wosinikwa!”  Waza uEstere wathi: “Ukuba kubonakala kulungile kukumkani, ukumkani makeze noHaman+ esidlweni+ endimenzele sona namhlanje.”  Ngako oko ukumkani wathi: “Madoda, uHaman makenze ngokukhawuleza+ ngokwelizwi likaEstere.” Kamva ukumkani noHaman beza kwisidlo esasenziwe nguEstere.  Ekuhambeni kwexesha ukumkani wathi kuEstere ebudeni besidlo sewayini: “Siyintoni na isibongozo sakho?+ Wosinikwa! Yaye siyintoni na isicelo sakho? Kuse kwisiqingatha sobukumkani—wosenzelwa!”  Waphendula wathi uEstere: “Isibongozo sam nesicelo sam nasi,  Ukuba ndikholekile emehlweni kakumkani+ yaye ukuba kubonakala kulungile kukumkani ukuba andinike isibongozo sam aze asebenze ngesicelo sam, ukumkani makeze noHaman kwisidlo endiya kubenzela sona ngomso, kwaye ngomso ndiya kwenza ngokwelizwi likakumkani.”+  Ngenxa yoko uHaman waphuma ngaloo mini evuya+ nentliziyo ichwayitile; kodwa kamsinya uHaman esakuba ebone uMordekayi esangweni likakumkani+ ukuba akakhange asukume+ engakhange angcangcazele ngenxa yakhe,+ ngoko nangoko uHaman wazaliswa ngumsindo+ nxamnye noMordekayi. 10  Noko ke, uHaman wazibamba wangena endlwini yakhe. Wandula ke wathumela ukuba kungeniswe abahlobo bakhe noZereshe+ umfazi wakhe; 11  yaye uHaman wavakalisa kubo uzuko lobutyebi bakhe+ nobuninzi boonyana bakhe+ nayo yonk’ into ukumkani awayemenze mkhulu ngayo nendlela awayemphakamise ngayo ngaphezu kweenkosana nabakhonzi bakakumkani.+ 12  UHaman wahlabela mgama wathi: “Ngaphezu koko, ukumkanikazi uEstere akukho mntu wumbi amngenise nokumkani kwisidlo abesenzile ngaphandle kwam,+ yaye nangomso+ undimemile nokumkani. 13  Kodwa konke oku—akukho nanye into endikholisayo lo gama ndisabona uMordekayi umYuda ehleli esangweni likakumkani.” 14  UZereshe umfazi wakhe nabo bonke abahlobo bakhe bathi kuye: “Mabenze isibonda+ esingamashumi amahlanu eekubhite ukuphakama. Wandule ke kusasa+ uthi kukumkani mabamxhome kuso uMordekayi.+ Uze ungene esidlweni nokumkani uvuya.” Ngoko le nto yabonakala ilungile+ phambi koHaman, yaye wathi makwenziwe isibonda.+

Umbhalo osemazantsi