I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Estere 4:1-17

4  UMordekayi+ wayazi yonk’ into eyayenziwe;+ yaye uMordekayi wazikrazula izambatho zakhe, wambatha irhonya+ wafaka nothuthu+ waphuma waya phakathi esixekweni, wadanduluka ngesikhalo esikrakra kakhulu.+  Ekugqibeleni waya kufikelela esangweni likakumkani,+ kuba kwakungekho bani wayefanele angene esangweni likakumkani ambethe irhonya.  Kuwo onke amaphondo ahlukahlukeneyo,+ naphi na apho ilizwi likakumkani nomthetho wakhe wawufikelele khona, kwakukho ukuzila okukhulu+ phakathi kwamaYuda, nokuzila ukutya+ nokulila nokwenza isijwili. Kwabaninzi kwakwandlalwe irhonya+ nothuthu+ ngokungathi sisingqengqelo.  Amabhinqa aselula namathenwa+ kaEstere angena kuye ukuze amxelele. Yaye ukumkanikazi waba buhlungu kakhulu. Wandula ke wathumela izambatho zokwambesa uMordekayi ukuze alishenxise irhonya kuye. Akazange azamkele.+  UEstere wabiza uHataki,+ omnye wamathenwa kakumkani, owayemiselwe ngukumkani ukuba amnyamekele, yaye wamnika umyalelo ngokuphathelele uMordekayi, ukuze azi ukuba kuthetha ukuthini na oko yaye kungani na.  Ngoko uHataki waphuma waya kuMordekayi kwindawo yembutho yesixeko eyayiphambi kwesango likakumkani.  Wandula ke uMordekayi wamxelela ngazo zonke izinto ezazimehlele+ nengxelo echanileyo yemali awayethe uHaman uza kuyihlawula kwindawo yokugcina ubuncwane bukakumkani+ nxamnye namaYuda, ukuze awatshabalalise.+  Wamnika umbhalo+ okhutshelweyo womthetho owawuwiswe eShushan+ ukuba mababhujiswe ukuba awubonise uEstere nokuba amxelele aze ambekele umyalelo+ ukuba aye kukumkani acele ubabalo kuye+ abacelele ngokungqalileyo phambi kwakhe abantu bakowabo.+  UHataki+ wangena waza wamxelela uEstere amazwi kaMordekayi. 10  Wandula ke uEstere wathi kuHataki emyalela ngokuphathelele uMordekayi:+ 11  “Bonke abakhonzi bakakumkani nabantu bamaphondo kakumkani bayaqonda ukuba, ngokubhekisele kuyo nayiphi na indoda okanye nawuphi na umfazi ongena kukumkani kwintendelezo engaphakathi+ engabizwanga, mnye umthetho wakhe+ ngowokuba abulawe; ngaphandle kokuba kuphela kuye kwenzeka ukumkani amolulele intonga yobukhosi yegolide, ngokuqinisekileyo uya kuhlala ephila.+ Ke mna, andibizwanga ukuba ndingene kukumkani kangangeentsuku ezingamashumi amathathu.” 12  Baza bamxelela uMordekayi amazwi kaEstere. 13  Wandula ke uMordekayi wathi ukuphendula uEstere: “Ungazicingeli emphefumlweni wakho ukuba indlu kakumkani iya kusinda kunawo onke amanye amaYuda.+ 14  Kuba ukuba uthe cwaka ngokupheleleyo ngeli xesha, ukukhululeka nentlangulo yamaYuda iya kuvela kwenye indawo;+ kodwa wena nendlu kayihlo, niya kutshabalala. Kodwa ngubani owaziyo enoba uye wafumana isidima sasebukhosini ngenxa yexesha elinje?”+ 15  Ngako oko uEstere wathi ukuphendula uMordekayi: 16  “Hamba, uye kuwahlanganisa onke amaYuda afumanekayo eShushan+ uze uzile ukutya+ ngenxa yam ungadli ungaseli kangangeentsuku ezintathu,+ ubusuku nemini. Nam kunye namabhinqa am aselula,+ siya kuzila ukutya ngokunjalo, ukuze ndingene kukumkani, nto leyo engavumelaniyo nomthetho; yaye ukuba ndimele nditshabalale,+ manditshabalale.” 17  Wadlula ke uMordekayi ukuze enze ngokuvumelana nako konke oko uEstere wayemyalele kona.

Umbhalo osemazantsi