I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Estere 3:1-15

3  Emva kwezi zinto uKumkani uAhaswerosi wamenza mkhulu uHaman+ unyana kaHamedata umAgagi+ waza wamphakamisa+ wambeka etroneni yakhe ngaphezu kwazo zonke ezinye iinkosana ezazikunye naye.+  Kwaye bonke abakhonzi bakakumkani ababesesangweni likakumkani+ babethoba bequbuda kuHaman, kuba ukumkani wayeyalele ngolo hlobo ngaye. Kodwa uMordekayi, wayengathobi engaqubudi kuye.+  Yaye abakhonzi bakakumkani ababesesangweni likakumkani bathi kuMordekayi: “Kutheni na uwugqitha umyalelo kakumkani?”+  Yaye kwathi, xa babethetha kuye imihla ngemihla, kwaye engabaphulaphuli, bandula ke baxelela uHaman ukuze babone ukuba uMordekayi wayeza kuqhubeka kusini na nesi simo sakhe;+ kuba wayebaxelele ukuba ungumYuda.+  Ke kaloku uHaman waqhubeka embona uMordekayi ukuba wayengathobi engaqubudi kuye,+ waza uHaman wazaliswa ngumsindo.+  Kodwa kwakuyinto ecekisekayo emehlweni akhe ukuba amse isandla uMordekayi yedwa, kuba babemxelele ngabantu bakuloMordekayi; yaye uHaman wafuna ukuwabhubhisa+ onke amaYuda awayekuwo wonke ummandla ka-Ahaswerosi, abantu bakuloMordekayi.+  Ngenyanga yokuqala,+ oko kukuthi, inyanga enguNisan, ngonyaka weshumi elinesibini+ kaKumkani uAhaswerosi, uthile wenza iPuri,+ oko kukuthi, iQashiso,+ phambi koHaman imihla ngemihla nenyanga ngenyanga, ukuya kweyeshumi elinesibini, inyanga enguAdare.+  UHaman wathi kuKumkani uAhaswerosi: “Kukho bantu bathile abachithachithiweyo+ nabahlukileyo abaphakathi kwezizwana kuwo onke amaphondo kummandla wakho;+ yaye imithetho yabo yahlukile kweyabo bonke abanye abantu, nemithetho kakumkani abayenzi,+ yaye akufanelekanga ngokumkani ukuba abayeke.  Ukuba kubonakala kulungile kukumkani, makubhalwe ukuba batshatyalaliswe; yaye ndiya kuhlawula iitalente zesilivere ezilishumi lamawaka+ ezandleni zabo benza lo msebenzi+ ngokuyizisa kwindawo yokugcina ubuncwane bukakumkani.” 10  Ukumkani wawushenxisa umsesane wakhe wokutywina+ esandleni sakhe waza wawunika uHaman+ unyana kaHamedata umAgagi,+ lowo wayebonakalisa ubutshaba kumaYuda.+ 11  Yaye ukumkani wahlabela mgama wathi kuHaman: “Unikwe isilivere,+ nabantu, ukuba wenze kubo ngokuvumelana nokulungileyo emehlweni akho.”+ 12  Kwandula ke kwabizwa oonobhala bakakumkani+ ngenyanga yokuqala ngomhla wayo weshumi elinesithathu, kwaza kwabhalwa+ ngokuvumelana nako konke oko uHaman wayekuyalele amabamba kakumkani neerhuluneli ezazilawula kumaphondo ahlukahlukeneyo,+ neenkosana zezizwana ezahlukahlukeneyo, zephondo ngalinye, ngesimbo salo sokubhala,+ nesizwana ngasinye ngolwimi lwaso; kwabhalwa kwaza kwatywinwa ngomsesane wokutywina+ kakumkani egameni+ likaKumkani uAhaswerosi. 13  Kwathunyelwa iincwadi ngabathwali besigidimi+ kuwo onke amaphondo kakumkani, ukuba kubhujiswe, kubulawe kuze kutshatyalaliswe onke amaYuda, umfana kunye nendoda endala, abantwana nabafazi, ngosuku olunye,+ ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga yeshumi elinesibini, oko kukuthi, ngenyanga enguAdare,+ nokuze kuphangwe amaxhoba abo.+ 14  Umbhalo okhutshelweyo wawuza kunikwa bonke ababekumaphondo+ ahlukahlukeneyo njengomthetho+ upapashwe kuzo zonke izizwana, ukuze zilungele olu suku. 15  Baphuma abathwali besigidimi, bekhawuleza+ ngenxa yelizwi likakumkani, kwaye umthetho wawiswa kwinqaba iShushan.+ Ke yena ukumkani noHaman, bahlala phantsi ukuze basele;+ kodwa kwakusisiphithiphithi+ kwisixeko saseShushan.+

Umbhalo osemazantsi