I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Estere 2:1-23

2  Emva kwezi zinto, wakuba udambile umsindo kaKumkani uAhaswerosi,+  wamkhumbula uVashti+ noko wayekwenzile+ noko kwakugqityiwe ngaye.+  Bandula abalindi bakakumkani, abalungiseleli bakhe,+ bathi: “Mabafunele+ ukumkani amabhinqa aselula, iintombi ezinyulu,+ ezintle ngembonakalo,  yaye ukumkani makamisele abaveleli kuwo onke amaphondo+ kummandla wakhe, baze bona baqokelele ndawonye onke amabhinqa aselula, iintombi ezinyulu, ezintle ngembonakalo, kwinqaba iShushan,+ endlwini yabafazi abaphethwe nguHegayi+ ithenwa likakumkani,+ umlindi wabafazi; kwaye mabanikwe izinto zokuthambisa.  Yaye elo bhinqa liselula libonakele likholekile emehlweni kakumkani liya kuba ngukumkanikazi esikhundleni sikaVashti.”+ Kwaye loo nto yakholeka emehlweni kakumkani, waza wenza ngolo hlobo.  Kwakukho ndoda ithile, engumYuda kwinqaba iShushan,+ yaye igama layo lalinguMordekayi+ unyana kaYayire unyana kaShimeyi unyana kaKishe umBhenjamin,+  owayethatyathwe eYerusalem wasiwa ekuthinjweni+ nabantu abagxothiweyo ababethatyathelwe ekuthinjweni noYekoniya+ ukumkani wakwaYuda lowo wayethatyathelwe ekuthinjweni nguNebhukadenetsare+ ukumkani waseBhabhiloni.  Waba ngumnyamekeli+ kaHadasa, oko kukuthi, uEstere, intombi kayisekazi,+ kuba wayengenayise engenanina; yaye eli bhinqa liselula lalimile kakuhle, lilihle nangembonakalo,+ kwathi ke ekufeni kukayise nonina uMordekayi walithabatha laba yintombi yakhe.  Yaye kwathi, lakuviwa ilizwi likakumkani nomthetho wakhe, naxa ayesele eqokelelwe ndawonye amabhinqa aselula kwinqaba iShushan+ eyayiphethwe nguHegayi,+ wandula uEstere wathatyathwa wasiwa endlwini kakumkani eyayiphethwe nguHegayi umlindi wabafazi.  Ke kaloku eli bhinqa liselula lalikholekile emehlweni akhe, kangangokuba lazuza ububele bothando+ phambi kwakhe yaye ngokungxama walinika izinto zalo zokuthambisa+ nokutya kwalo okufanelekileyo, walinika namabhinqa aselula akhethiweyo asixhenxe awayevela endlwini kakumkani, waza walifudusa lona namabhinqa aselula alo wabasa kweyona ndawo ilungileyo endlwini yabafazi. 10  UEstere akazange athethe ngabantu bakowabo+ okanye ngezalamane zakhe, kuba uMordekayi wayembekele umyalelo ukuba angaxeli.+ 11  Usuku nosuku uMordekayi wayehamba phambi kwentendelezo yendlu yabafazi ukuze azi ngentlalo-ntle kaEstere noko kwakusenziwa kuye. 12  Yaye xa kwakufika ithuba lebhinqa ngalinye lokuba lingene kuKumkani uAhaswerosi emva kokuba kwakusele kwenzekile kulo ngokommiselo wabafazi iinyanga ezilishumi elinesibini, kuba leyo yayiyindlela eyayizaliseka ngayo imihla yenkqubo yokuthanjiswa kwawo, iinyanga ezintandathu ngeoli yemore+ neenyanga ezintandathu ngeoli yebhalsam+ nangezinto zokuthambisa zabafazi; 13  landule ke ibhinqa elo emva koku lize kukumkani. Lalinikwa yonke into eliyikhankanyileyo, lize nayo ukusuka kwalo endlwini yabafazi ukuya endlwini kakumkani.+ 14  Ngokuhlwa lalingena, yaye kusasa lalibuyela endlwini yesibini yabafazi eyayiphethwe nguShahashegazi ithenwa likakumkani, umlindi wamashweshwe.+ Lalingangeni kwakhona kukumkani ngaphandle kokuba ukumkani uye wayoliswa lilo lize libizwe ngegama.+ 15  Ekufikeni kwethuba likaEstere, intombi ka-Abhihali umalume kaMordekayi, nowamthabathayo waba yintombi yakhe,+ ukuba eze kukumkani, akazange acele nto+ ngaphandle koko kwakhankanywa nguHegayi+ ithenwa likakumkani, umlindi wabafazi, (ngalo lonke elo xesha uEstere wayezuza inkoleko emehlweni akhe wonk’ ubani owayembona).+ 16  Wandula uEstere wathatyathwa wasiwa kuKumkani uAhaswerosi endlwini yakhe yobukhosi ngenyanga yeshumi, oko kukuthi, inyanga enguTebheti, ngonyaka wesixhenxe+ wokulawula kwakhe. 17  Yaye ukumkani wamthanda uEstere ngaphezu kwawo onke amanye amabhinqa, kangangokuba wakholeka ngakumbi wafumana nobubele bothando obungakumbi kuye ngaphezu kwazo zonke ezinye iintombi ezinyulu.+ Yaye wabeka isigqubuthelo sentloko sasebukhosini entlokweni yakhe waza wamenza ukumkanikazi+ esikhundleni sikaVashti. 18  Yaye ukumkani wenzela zonke iinkosana zakhe nabo bonke abakhonzi bakhe isidlo esikhulu, isidlo sikaEstere; wawanika uxolo+ amaphondo, waqhubeka enika izipho ngokwamandla kakumkani. 19  Ke kaloku ekuqokelelweni ndawonye kweentombi ezinyulu+ okwesihlandlo sesibini, uMordekayi wayehleli esangweni likakumkani.+ 20  UEstere wayengazixeli izalamane zakhe nabantu bakowabo,+ kanye njengoko uMordekayi+ wayembekele umyalelo;+ ngokuba ilizwi likaMordekayi ubelenza uEstere, kanye njengoko wayesenjenjalo ekunyanyekelweni kwakhe nguye.+ 21  Ngaloo mihla ngoxa uMordekayi wayehleli esangweni likakumkani, uBhigetan noTereshe, amagosa enkundla kakumkani amabini, abagcini-mnyango, bacaphuka yaye baqhubeka befuna ukumsa isandla+ uKumkani uAhaswerosi. 22  Le nto wayazi uMordekayi, yaye ngoko nangoko waxelela+ uEstere ukumkanikazi. Waza uEstere wathetha nokumkani egameni likaMordekayi.+ 23  Ngoko lo mbandela wancinwa waza ekugqibeleni wafunyanwa, baza baxhonywa+ esibondeni bobabini;+ emva koko oko kwabhalwa encwadini yemicimbi+ yaloo mihla phambi kukakumkani.

Umbhalo osemazantsi