I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Estere 10:1-3

10  UKumkani uAhaswerosi wabeka umsebenzi wokuqhutywa ngebhaxa+ elizweni nakwiziqithi+ zolwandle.  Ke wonke umsebenzi wakhe wamandla namandla akhe nengxelo echanileyo yobukhulu bukaMordekayi+ awamenza mkhulu+ ngabo ukumkani, awubhalwanga na eNcwadini yemicimbi+ yemihla yookumkani bamaMedi namaPersi?+  Kuba uMordekayi umYuda wayengowesibini+ kuKumkani uAhaswerosi kwaye wayemkhulu phakathi kwamaYuda yaye uninzi lwabazalwana bakhe lwalukholiswa nguye, esebenzela ukulungelwa kwabantu bakowabo ethetha uxolo+ kuyo yonke inzala yabo.

Umbhalo osemazantsi