I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Estere 1:1-22

1  Ke kaloku kwathi ngemihla ka-Ahaswerosi,+ oko kukuthi, uAhaswerosi owayelawula njengokumkani ukusuka eIndiya ukuya eTiyopiya, amaphondo angaphezu kwekhulu elinamashumi amabini anesixhenxe,+  ngaloo mihla njengoko uKumkani uAhaswerosi wayehleli etroneni yakhe yobukhosi,+ eyayikwinqaba+ iShushan,+  ngonyaka wesithathu wokulawula kwakhe wenzela zonke iinkosana nabakhonzi bakhe isidlo,+ umkhosi wamajoni wamaPersi+ namaMedi,+ izidwangube+ neenkosana zamaphondo phambi kwakhe,+  xa wabonisa ngobutyebi+ bobukumkani bakhe obuzukileyo nembeko+ nobuhle bobukhulu bakhe iintsuku ezininzi, iintsuku ezilikhulu elinamashumi asibhozo.  Ekuzalisekeni kwemihla, ukumkani wenzela bonke abantu ababefumaneka kwinqaba iShushan, isidlo kangangeentsuku ezisixhenxe, abakhulu nabancinane, kwintendelezo yomyezo webhotwe likakumkani.  Kwakukho ilinen, umqhaphu ocikizekileyo noluhlaza+ ubotshwe nkqi ngeentsontelo zelaphu elicikizekileyo, noboya obudaywe bamfusa bubomvu+ bukwimisesane yesilivere nakwiintsika zemabhile, izingqengqelo+ zegolide kwindlela egangathiweyo yeporfayire neperile nemabhile emnyama.  Yaye kwadluliswa iwayini ngezitya zegolide ukuba iselwe;+ kwaye izitya zazahlukile esinye kwesinye, newayini yasebukhosini+ yayininzi, ngokwamandla kakumkani.  Ngokuphathelele ixesha lokusela ngokuvumelana nomthetho, kwakungekho bani unyanzelayo, kuba leyo yayiyindlela ukumkani awayelungiselele ngayo yonke indoda enkulu yendlu yakhe, ngamnye enze ngokuthanda kwakhe.  Kanjalo, noVashti+ ukumkanikazi wenzela abafazi isidlo kwindlu yasebukhosini kaKumkani uAhaswerosi. 10  Ngosuku lwesixhenxe, xa intliziyo kakumkani yayichwayitile yiwayini,+ wathi kuMehuman, uBhizeta, uHarbhona,+ uBhigeta noAbhageta, noZetare noKarkas, amagosa enkundla asixhenxe awayelungiselela+ uKumkani uAhaswerosi, 11  mabeze noVashti ukumkanikazi enesigqubuthelo sentloko sasebukhosini phambi kokumkani, ukuze abonise izizwana neenkosana ukuthandeka kwakhe; kuba wayemhle ngembonakalo.+ 12  Kodwa uKumkanikazi uVashti wala+ ukuza ngokwelizwi likakumkani elalidluliselwe ngamagosa enkundla. Ukumkani wacaphuka kakhulu nomsindo wakhe wavutha ngaphakathi kuye.+ 13  Ukumkani wathi kubantu abazizilumko+ nababenolwazi ngamaxesha+ (kuba ubusenziwa njalo umbandela kakumkani phambi kwabo bonke abo babewazi umthetho namatyala, 14  kwaye abo babengabona basondeleyo kuye yayinguKarshena, uShetare, uAdemata, uTarshishe, uMeres, uMarsena, noMemukan, iinkosana ezisixhenxe+ zamaPersi namaMedi, ezazinokufikelela kukumkani,+ nezazikwindawo yokuqala ebukumkanini): 15  “Ngokomthetho kuza kwenziwa ntoni ngoKumkanikazi uVashti ngenxa yokuba engalenzanga ilizwi likaKumkani uAhaswerosi alithethe ngamagosa enkundla?” 16  UMemukan+ wathi kukumkani neenkosana: “UVashti ukumkanikazi akenzanga bubi+ phambi kukakumkani yedwa, kodwa nxamnye nazo zonke iinkosana nazo zonke izizwana ezikuwo onke amaphondo kaKumkani uAhaswerosi. 17  Kuba umcimbi kakumkanikazi uza kuphuma uye kubo bonke abafazi baze babadelele+ abanini bawo+ emehlweni abo, xa besithi, ‘UKumkani uAhaswerosi wathi makuziswe uVashti ukumkanikazi phambi kwakhe, kodwa akazange afike.’ 18  Yaye ngalo mhla amakhosazana asePersi naseMedi, awuvileyo umcimbi kakumkanikazi, aya kuthetha nazo zonke iinkosana zikakumkani, kwaye kuya kubakho indelelo eninzi nokucaphuka.+ 19  Ukuba kubonakala kulungile kukumkani,+ makuphume ilizwi lasebukhosini kuye ngenkqu, lize libhalwe phakathi kwemithetho+ yamaPersi namaMedi, ukuze lingabi nakudlula,+ lokuba uVashti angabi nakuza phambi kukaKumkani uAhaswerosi; nesidima sakhe sasebukhosini ukumkani makasinike iqabane lakhe, umfazi olunge ngakumbi kunaye. 20  Ummiselo oza kwenziwa ngukumkani umele uviwe kuwo wonke ummandla wakhe (kuba mkhulu), yaye bonke abafazi baya kubanika imbeko+ abanini babo,+ abakhulu nabancinane.” 21  Le nto yakholeka emehlweni kakumkani+ nakwiinkosana, yaye ukumkani wenza ngokwelizwi likaMemukan. 22  Ngoko wathumela amaxwebhu abhaliweyo+ kuwo onke amaphondo kakumkani, kwiphondo ngalinye+ ngesimbo salo sokubhala nakwisizwana ngasinye ngokolwimi lwaso, ukuze onke amadoda aqhubeke eziinkosana ezindlwini zawo+ yaye ethetha ngolwimi lwabantu bakowawo.

Umbhalo osemazantsi