I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Eksodus 40:1-38

40  Wathetha uYehova kuMoses, wathi:  “Ngenyanga yokuqala, ngolokuqala usuku enyangeni leyo,+ uze uwumise umnquba wentente yokuhlangana.+  Woyibeka khona ityeya yesingqino+ uze uvale ngekhuselo ukuba kungasondelwa kwiTyeya leyo.+  Wothi ke ungenise itafile+ uze umise izinto zayo ngolungelelwano, ungenise nesiphatho sezibane,+ uzikhanyise izibane zaso.+  Uze usimise phambi kwetyeya yesingqino isibingelelo segolide sokuqhumisela,+ uwuxhome umkhusane womnyango womnquba endaweni yawo.+  “Uze usimise isibingelelo+ somnikelo otshiswayo phambi komnyango womnquba wentente yokuhlangana,  yaye uze ubeke isitya phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kuso.+  Uze uyimise intendelezo+ ijikeleze, uwuxhome umkhusane wesango+ lentendelezo.  Uze uthabathe ioli yokuthambisa+ uthambise umnquba nako konke okukuwo,+ uwungcwalise wona nempahla yawo yonke, ukuze ube yinto engcwele. 10  Uze usithambise isibingelelo somnikelo otshiswayo nempahla yaso yonke, usingcwalise isibingelelo,+ sibe sesona sibingelelo singcwele.+ 11  Uze usithambise isitya nesiphatho saso, usingcwalise. 12  “Wothi ke usondeze uAron noonyana bakhe emnyangweni wentente yokuhlangana, ubahlambe ngamanzi.+ 13  Uze umambese uAron izambatho ezingcwele,+ umthambise,+ umngcwalise, ukuze akhonze njengombingeleli kum. 14  Emva koko wosondeza oonyana bakhe, ubambese imiwunduzo.+ 15  Wandule ke ubathambise kanye njengoko umthambisile uyise,+ ukuze bakhonze njengababingeleli kum, yaye ukuthanjiswa kwabo koba kokobubingeleli bexesha elingenammiselo kubo kwizizukulwana zabo.”+ 16  Wenza ke uMoses njengako konke awamyalela kona uYehova.+ Wenza kanye njengoko. 17  Kwathi ke ngenyanga yokuqala, ngonyaka wesibini, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, wamiswa umnquba.+ 18  Wawumisa ke uMoses umnquba, wazibeka iziseko zawo,+ wawamisa amanqwanqwa awo amaplanga,+ wayifaka imivalo yawo,+ wazimisa neentsika zawo.+ 19  Waza ke wayitwabulula intente+ phezu komnquba, wabeka isigqubuthelo+ sentente phezu kwayo, kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses. 20  Emva koko wasithabatha iSingqino,+ wasibeka eTyeyeni,+ wazifaka izibonda+ eTyeyeni waza wabeka isigubungelo+ phezu kweTyeya.+ 21  Wandula ke wayingenisa iTyeya emnqubeni waza waxhoma ikhuselo+ lomkhusane endaweni yalo, wavala ukuze kungasondelwa etyeyeni yesingqino,+ kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses. 22  Wabeka itafile+ ententeni yokuhlangana ngakwicala lomnquba elingasentla nganeno kwekhuselo, 23  waza walungiselela phezu kwayo uluhlu lwezonka+ phambi koYehova, kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses. 24  Wandula wabeka isiphatho sezibane+ ententeni yokuhlangana phambi kwetafile, ngakwicala elingasezantsi lomnquba. 25  Wazikhanyisa izibane ezo+ phambi koYehova, kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses. 26  Emva koko wabeka isibingelelo segolide+ ententeni yokuhlangana phambi kwekhuselo, 27  ukuze aqhumisele phezu kwaso ngesiqhumiso sobulawu,+ kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses. 28  Ekugqibeleni wawuxhoma endaweni yawo umkhusane+ womnyango womnquba. 29  Wasibeka isibingelelo+ somnikelo otshiswayo emnyangweni womnquba wentente yokuhlangana, ukuze anikele kuso umnikelo otshiswayo+ nomnikelo wokudla, kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses. 30  Wandula ke wabeka isitya phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo waza wagalela amanzi okuhlamba kuso.+ 31  Bazihlamba ooMoses noAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo kuso. 32  Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana nasekusondeleni kwabo esibingelelweni babehlamba,+ kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses. 33  Ekugqibeleni wamisa intendelezo+ ejikeleze umnquba nesibingelelo waza wawuxhoma umkhusane wesango lentendelezo.+ Wawugqiba ke uMoses umsebenzi. 34  Landula ilifu+ layigubungela intente yokuhlangana, bathi nobuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba. 35  Waza uMoses akaba nakungena ententeni yokuhlangana,+ ngokuba ilifu lahlala phezu kwayo baza nobuqaqawuli bukaYehova bawuzalisa umnquba.+ 36  Ebudeni balo lonke uhambo lwabo, belisithi lakunyuka lisuke ilifu emnqubeni, bayichithe oonyana bakaSirayeli inkampu yabo.+ 37  Ngako oko, xa lingekanyuki ilifu, babengayichithi inkampu de kube ngumhla wokunyuka kwalo.+ 38  Kuba ilifu likaYehova beliba phezu komnquba emini, umlilo ube phezu kwawo ebusuku emehlweni ayo yonke indlu kaSirayeli ebudeni balo lonke uhambo lwabo.+

Umbhalo osemazantsi