Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Eksodus 39:1-43

39  Ngemisonto eluhlaza nangoboya obudaywe bamfusa bubomvu nangomchako omfusa+ benza izambatho+ ezinithiweyo zokulungiselela endaweni engcwele.+ Bazenza ke izambatho ezingcwele+ zika-Aron, kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses.  Wayenza iefodi+ ngegolide, ngemisonto eluhlaza nangoboya obudaywe bamfusa bubomvu nangomchako omfusa nangelinen ecikizekileyo ephothiweyo.  Bandula bakhanda igolide yaba zizixwexwe ezicekethekileyo, bayincwela yaba yimisonto ukuze bayixube emisontweni eluhlaza naseboyeni obudaywe bamfusa bubomvu nasemchakweni omfusa nakwilinen ecikizekileyo, nelukiweyo.+  Bayenzela iziziba zamagxa zokuyixakatha. Zahlanganiswa emiphethweni yayo yomibini.  Nombhinqo ophezu kwayo wokuyibopha ntshi, wawenziwe kwanjengayo ngemichako yayo, ngegolide, nemisonto eluhlaza, noboya obudaywe bamfusa bubomvu nemichako emfusa nelinen ecikizekileyo ephothiweyo,+ kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses.  Benza amatye eanikis+ afakwe kwizakhelo zegolide, akrolwa ngomkrolo wetywina ngokwamagama oonyana bakaSirayeli.+  Wawabeka ezizibeni zamagxa e-efodi njengamatye esikhumbuzo+ koonyana bakaSirayeli, kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses.  Wandula ke wenza ubengo+ ngokwengcibi yokuluka, njengokwenziwa kwe-efodi, ngegolide, nangemisonto eluhlaza noboya obudaywe bamfusa bubomvu nomchako omfusa nelinen ecikizekileyo ephothiweyo.+  Lwalunamacala amane alinganayo xa luphindwe kubini. Balwenza ubengo olo, lwaba ngangomolulo wesandla ubude balo nobubanzi balo, xa luphindwe kubini.+ 10  Bafaka kulo izintlu ezine zamatye. Yaba luluhlu lwerubhi, itopazi ne-emeraldi kuluhlu lokuqala.+ 11  Uluhlu lwesibini+ lwaba yitokoyize, isafire+ neyaspisi.+ 12  Uluhlu lwesithathu+ lwaba lilitye leleshem, iagate neamethiste. 13  Uluhlu lwesine+ lwaba yikrizolite neanikis+ nejeyidi. Kwakukho izakhelo zegolide kwiziseko zazo. 14  Amatye lawo ayengokwamagama oonyana bakaSirayeli. Ayelishumi elinesibini ngokwamagama abo, aba nomkrolo wetywina, ngalinye ngokwegama lalo kulawo ezizwe ezilishumi elinesibini.+ 15  Benza elubengweni olo imixokelelwane esontiweyo, enjengentsontelo, ngegolide esulungekileyo.+ 16  Benza nezakhelo zazibini ngegolide kwanamakhonkco amabini egolide baza bawafaka amakhonkco lawo omabini emiphethweni yomibini yobengo.+ 17  Emva koko bazifaka ezo ntsontelo zimbini zegolide emakhonkcweni lawo omabini asemiphethweni yobengo.+ 18  Neencam zombini zezo ntsontelo zimbini bazifaka kwizakhelo zozibini. Baza bazibeka ngaphambili ezizibeni zamagxa e-efodi.+ 19  Benza amakhonkco amabini egolide baza bawafaka emiphethweni yomibini yobengo ekwicala elikhangelene nomphakathi we-efodi.+ 20  Benza namanye amakhonkco amabini egolide baza bawafaka ezizibeni zozibini zamagxa e-efodi ngaphantsi, ngakumphambili wayo, malunga nasekuhlanganeni kwayo, entla kombhinqo we-efodi.+ 21  Ekugqibeleni balubopha ubengo ngamakhonkco alo emakhonkcweni e-efodi ngomtya oluhlaza, ukuze lube sentla kombhinqo we-efodi luze lungashenxi ubengo olo kumphezulu we-efodi, kanye njengoko uYehova wayemyalele uMoses.+ 22  Wandula ke wenza isambatho esingenamikhono+ se-efodi, wasiluka sonke ngemisonto eluhlaza. 23  Sasivulekile embindini waso, njengokuvuleka kwesambatho sentsimbi. Waza ke apho wafaka umphetho ukuze singakrazuki.+ 24  Benza emqukumbelweni wesambatho eso singenamikhono iirharnati ngemisonto eluhlaza nangoboya obudaywe bamfusa bubomvu nangomchako omfusa, ophothiweyo.+ 25  Ngokubhekele phaya, benza neentsimbi zegolide esulungekileyo baza bazibeka iintsimbi ezo phakathi kweerharnati+ zajikeleza umqukumbelo wesambatho esingenamikhono, phakathi kweerharnati; 26  yaba yintsimbi nerharnati, intsimbi nerharnati, zajikeleza umqukumbelo wesambatho esingenamikhono,+ sokulungiselela, kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses. 27  Benzela uAron noonyana bakhe imiwunduzo yelinen ecikizekileyo,+ bayiluka, 28  kwanonkontsho+ ngelinen ecikizekileyo nezigqubuthelo zentloko zokuhomba+ ngelinen ecikizekileyo kwanempahla yangaphantsi+ ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo, 29  nombhinqo+ ngelinen ecikizekileyo ephothiweyo nangomsonto oluhlaza nangoboya obudaywe bamfusa bubomvu nangomchako omfusa, olukiweyo, kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses. 30  Ekugqibeleni benza ipleyiti ekhazimlayo, engumqondiso ongcwele wokuzinikezela, ngegolide esulungekileyo baza babhala kuyo umbhalo ngokrolo lwetywina, othi: “Ubungcwele bobukaYehova.”+ 31  Bandula bayifaka umtya wemisonto eluhlaza ukuze ibotshelelwe elunkontshweni phezulu,+ kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses. 32  Wagqitywa ke wonke umsebenzi womnquba wentente yokuhlangana, kuba oonyana bakaSirayeli benza njengako konke uYehova awamyalela kona uMoses.+ Benza kanye njengoko. 33  Bawuzisa umnquba+ kuMoses, intente+ nempahla yayo yonke,+ amagwegwe ayo,+ amanqwanqwa ayo amaplanga,+ imivalo yayo+ neentsika zayo neziseko zayo,+ 34  nesigqubuthelo sayo seemfele zeenkunzi zeegusha ezidaywe+ zabomvu nesigqubuthelo sayo sezikhumba zeentini+ nekhuselo lomkhusane,+ 35  netyeya+ yesingqino nezibonda zayo+ nesigubungelo,+ 36  itafile,+ neempahla zayo zonke+ nesonka sokubonisa, 37  isiphatho sezibane+ segolide esulungekileyo, izibane zaso, uluhlu lwezibane,+ nempahla yaso yonke+ neoli yokukhanyisa,+ 38  nesibingelelo+ segolide neoli yokuthambisa+ nesiqhumiso sobulawu+ nomkhusane+ womnyango wentente, 39  isibingelelo+ sobhedu nothango lwaso+ lobhedu, izibonda zaso+ nempahla yaso yonke,+ isitya+ nesiphatho saso,+ 40  amawunduwundu+ entendelezo, iintsika zayo+ neziseko zayo+ nomkhusane+ wesango lentendelezo, iintambo zentente yaso+ nezikhonkwane zentente yaso+ nempahla yonke+ yenkonzo yomnquba, yentente yokuhlangana, 41  izambatho+ ezinithiweyo zokulungiselela engcweleni, izambatho ezingcwele+ zika-Aron umbingeleli nezambatho zoonyana bakhe ukuze bakhonze njengababingeleli.+ 42  Bayenza ke oonyana bakaSirayeli inkonzo leyo, njengako konke uYehova awamyalela kona uMoses.+ 43  Wawubona uMoses wonke loo msebenzi, kwaye, khangela! bawenze kanye njengoko wayeyalele uYehova. Benze njengoko. Ngako oko wabasikelela ke uMoses.+

Umbhalo osemazantsi