I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Eksodus 37:1-29

37  UBhetsaleli+ wayenza iTyeya+ ngomthi womnga. Ubude bayo baba ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, baza ububanzi bayo baba yikubhite enesiqingatha, nokuphakama kwayo kwaba yikubhite enesiqingatha.+  Wayaleka ngegolide esulungekileyo ngaphakathi nangaphandle waza wayijikeleza ngomphetho wegolide.+  Emva koko wayityhidela amakhonkco egolide aba mane, angasentla kwemilenze yayo yomine, yangamakhonkco amabini kweli cala layo namakhonkco amabini kweliya icala layo.+  Emva koko wenza izibonda ngomthi womnga waza wazaleka ngegolide.+  Wazifaka izibonda ezo emakhonkcweni asemacaleni eTyeya ukuze ithwalwe ngazo iTyeya leyo.+  Wenza nesigubungelo+ ngegolide esulungekileyo. Ubude baso baba ziikubhite ezimbini ezinesiqingatha, baza ububanzi baso baba yikubhite enesiqingatha.+  Wenza neekherubhi zambini ngegolide. Wazenza ngokuzikhanda zaba seziphelweni zozibini zesigubungelo.+  Enye ikherubhi yaba sesiphelweni ngaphaya yaza enye ikherubhi yaba sesiphelweni ngapha. Wazenza iikherubhi ezo zaba seziphelweni zozibini zesigubungelo.+  Iikherubhi ezo zawolulela phezulu amaphiko azo, zasikhusela ngamaphiko azo isigubungelo,+ ubuso bazo bakhangelana. Bajonga esigubungelweni ubuso beekherubhi ezo.+ 10  Wenza netafile ngomthi womnga.+ Ubude bayo baba ziikubhite ezimbini, ububanzi bayo baba yikubhite, ukuphakama kwayo kwaba yikubhite enesiqingatha.+ 11  Wayaleka ngegolide esulungekileyo waza wayijikeleza ngomphetho wegolide.+ 12  Wayenzela ungqameko oluyijikelezileyo olungangobubanzi besandla waza walujikeleza ungqameko olo ngomphetho wegolide.+ 13  Ngokubhekele phaya, wayityhidela amakhonkco egolide amane waza wawafaka amakhonkco lawo ezimbombeni zone zemilenze yayo yomine.+ 14  Aba kufuphi nongqameko amakhonkco lawo, aba ngawokuxhasa izibonda zokuthwala itafile.+ 15  Wazenza izibonda ezo ngomthi womnga waza wazaleka ngegolide, zaba zezokuthwala itafile.+ 16  Emva koko wenza impahla yaphezu kwetafile, izitya zayo neendebe zayo nemiphanda yayo ekwakuya kuthululwa ngazo iminikelo ethululwayo, wazenza ngegolide esulungekileyo.+ 17  Wenza nesiphatho sezibane+ ngegolide esulungekileyo. Wasenza ngokusikhanda isiphatho eso sezibane. Amacala aso namasebe aso, iindebe zaso, amaqhina aso neentyatyambo zaso zavela kwakuso.+ 18  Kwabakho amasebe amathandathu aphumela emacaleni kuso, amasebe amathathu esiphatho sezibane avela kweli cala laso aza amanye amasebe amathathu esiphatho sezibane avela kwelinye icala laso.+ 19  Kwabakho iindebe ezintathu ezimile okweentyatyambo zom-amangile sebeni linye, zinamaqhina neentyatyambo; zaza ezinye iindebe ezintathu ezimile okweentyatyambo zom-amangile zaba kwelinye isebe, zinamaqhina neentyatyambo. Kwaba njalo kumasebe omathandathu avela esiphathweni eso sezibane.+ 20  Zaba ne iindebe esiphathweni eso sezibane ezifana neentyatyambo zom-amangile, zinamaqhina azo neentyatyambo zazo.+ 21  Kwabakho iqhina phantsi kwamasebe amabini livela kuso, neqhina phantsi kwamanye amasebe amabini livela kuso, nelinye iqhina phantsi kwamanye amasebe amabini livela kuso, emasebeni omathandathu aphuma esiphathweni eso sezibane.+ 22  Amaqhina namasebe ayevela kuso. Sonke saba yimbumba enye ekhandiweyo, yegolide esulungekileyo.+ 23  Wenza izibane zaso zasixhenxe nezifinyiso zaso neengcedevu zaso ngegolide esulungekileyo.+ 24  Wasenza ngetalente yegolide esulungekileyo, sona kunye neempahla zaso zonke. 25  Wenza nesibingelelo sokuqhumisela+ ngomthi womnga.+ Ubude baso baba yikubhite nobubanzi baso baba yikubhite, saba namacala amane alinganayo, ukuphakama kwaso kwaba ziikubhite ezimbini. Zaphuma kuso iimpondo zaso.+ 26  Wasaleka ngegolide esulungekileyo, umphezulu waso namacala aso onke neempondo zaso, waza wasijikeleza ngomphetho wegolide.+ 27  Wasenzela amakhonkco amabini ngegolide ngezantsi komphetho waso macala omabini, aba ziindawo zokuxhasa izibonda zokusithwala.+ 28  Emva koko wazenza izibonda ezo ngomthi womnga waza wazaleka ngegolide.+ 29  Wenza neoli engcwele yokuthambisa+ nesiqhumiso sobulawu esisulungekileyo,+ ngokomenzi wezithambiso.

Umbhalo osemazantsi