Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Eks 35:1-35

35  Kamva wayibizela ndawonye uMoses indibano iphela yoonyana bakaSirayeli waza wathi kubo: “Ngawo la amazwi aniyalele wona uYehova, ukuba niwenze:+  Nosebenza imihla emithandathu,+ kodwa wona umhla wesixhenxe woba yingcwele kuni, isabatha yophumlo olupheleleyo kuYehova. Nabani na owenza umsebenzi ngayo wobulawa.+  Nize ningabasi mlilo nakuyiphi na indawo enihlala kuyo ngomhla wesabatha.”  Waqhubeka wathi uMoses kwindibano iphela yoonyana bakaSirayeli: “Lilo eli ilizwi aliyaleleyo uYehova, esithi,  ‘Thabathani phakathi kwenu umnikelo kaYehova.+ Bonke abantliziyo zivumayo+ mabawuzise ube ngumnikelo kuYehova, oko kukuthi, igolide nesilivere nobhedu+  nemisonto eluhlaza noboya obudaywe bamfusa bubomvu nomchako omfusa nelinen ecikizekileyo noboya bebhokhwe+  neemfele zeenkunzi zeegusha ezidaywe zabomvu nezikhumba zeentini nemithi yomnga  neoli yesikhanyiso neoli yebhalsam yeoli yokuthambisa neyobulawu besiqhumiso+  namatye eanikis namatye afakwa kwiefodi+ naselubengweni.+ 10  “‘Bonke abantliziyo zilumkileyo+ kuni mabeze baze bakwenze konke akuyaleleyo uYehova, 11  oko kukuthi, umnquba nentente yawo nesigqubuthelo sayo, amagwegwe ayo namanqwanqwa ayo amaplanga, imivalo yayo, iintsika zayo neziseko zayo; 12  iTyeya+ nezibonda zayo,+ isigubungelo+ nekhuselo+ lomkhusane; 13  itafile+ nezibonda zayo neempahla zayo zonke nesonka sayo sokubonisa;+ 14  isiphatho sezibane+ zokukhanyisa nempahla yaso nezibane zaso neoli+ yokukhanyisa; 15  isibingelelo sokuqhumisela+ nezibonda zaso; neoli yokuthambisa nesiqhumiso sobulawu;+ nomkhusane womnyango emnyangweni womnquba; 16  isibingelelo+ somnikelo otshiswayo nothango lwaso lobhedu, nezibonda zaso kwaneempahla zaso zonke; isitya+ nesiphatho saso; 17  amawunduwundu entendelezo,+ neentsika zayo kwaneziseko zayo; nomkhusane wesango lentendelezo; 18  izikhonkwane zentente yomnquba nezikhonkwane zentente yentendelezo neentambo zazo;+ 19  izambatho+ ezinithiweyo zokulungiselela engcweleni, nezambatho ezingcwele+ zika-Aron umbingeleli kwanezambatho zoonyana bakhe ukuze bakhonze njengababingeleli.’” 20  Ngako oko yemka yonke indibano yoonyana bakaSirayeli phambi koMoses. 21  Bandula ke beza, wonk’ ubani owayeqhutywa yintliziyo,+ abo bonke bamoya wabaqhubayo, bawuzisa umnikelo kaYehova womsebenzi wentente yokuhlangana nowenkonzo yayo yonke nowezambatho ezingcwele. 22  Beza, amadoda kwanabafazi, bonke abantliziyo zivumayo. Bazisa iimbasa zokuhombisa namacici nemisesane nezihombo zamabhinqa, zonke iintlobo zempahla yegolide, bonke abo babenikele umnikelo otshangatshangiswayo wegolide kuYehova.+ 23  Bonke abo bafunyanwa benemisonto eluhlaza noboya obudaywe bamfusa bubomvu nomchako omfusa nelinen ecikizekileyo noboya bebhokhwe neemfele zeenkunzi zezimvu ezidaywe zabomvu nezikhumba zeentini, bazizisa.+ 24  Bonke abanikela umnikelo wesilivere nowobhedu bawuzisa umnikelo kaYehova, yaye bonke abo bafunyanwa benemithi yomnga yomsebenzi wonke wenkonzo bayizisa. 25  Bonke abafazi abantliziyo zilumkileyo+ basonta ngezandla zabo, baza bakuzisa oko kusontiweyo, okuyimisonto eluhlaza noboya obudaywe bamfusa, umchako omfusa nelinen ecikizekileyo. 26  Yaye bonke abafazi abaqhutywa yintliziyo ngobulumko basonta uboya bebhokhwe. 27  Izikhulu zazisa amatye eanikis namatye afakwa kwiefodi naselubengweni,+ 28  neoli yebhalsam neoli yokukhanyisa neoli yokuthambisa neyesiqhumiso sobulawu.+ 29  Bonke abantu abaqhutywa ziintliziyo bazisa okuthile emsebenzini wonke uYehova awayalela ngoMoses ukuba wenziwe; bawuzisa oonyana bakaSirayeli umnikelo wokuzithandela kuYehova.+ 30  Wathi uMoses koonyana bakaSirayeli: “Yabona, uYehova umbize ngegama uBhetsaleli+ unyana kaUri unyana kaHure wesizwe sakwaYuda. 31  Umzalisile ngomoya kaThixo ngobulumko, ngokuqonda nangokwazi nangobungcibi bohlobo lonke 32  ukuba ayile amacebo, asebenze ngegolide nangesilivere nangobhedu,+ 33  nangokukrola amatye okufakwa nangokukrola imithi aze enze imveliso yohlobo lonke lobugcisa.+ 34  Ubeke entliziyweni yakhe ukuba afundise, yena kunye no-Oholiyabhi+ unyana ka-Ahisamaki wesizwe sakwaDan. 35  Ubazalise ngobulumko bentliziyo+ ukuba benze umsebenzi wonke wobungcibi nowokuluka ngemisonto+ eluhlaza nangoboya obudaywe bamfusa, nangomchako omfusa nangelinen ecikizekileyo, nemisebenzi yomluki, babe ngamadoda enza lonke uhlobo lomsebenzi nabayili bamacebo.

Umbhalo osemazantsi