I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Eksodus 30:1-38

30  “Uze wenze isibingelelo esiyindawo yesiqhumiso;+ usenze ngomthi womnga.  Ubude baso boba yikubhite nobubanzi baso bube yikubhite, sibe namacala amane alinganayo, kuze kona ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezimbini. Ziphume kuso iimpondo zaso.+  Umphezulu waso wowaleka ngegolide esulungekileyo, namacala aso onke, neempondo zaso; uze usijikeleze ngomphetho wegolide.+  Wosenzela namakhonkco egolide abe mabini. Uze uwenze ngezantsi komphetho waso macala omabini, abe ziindawo zokuxhasa izibonda zokusithwala.+  Zona izibonda umele uzenze ngomthi womnga, uzaleke ngegolide.+  Uze usibeke phambi kwekhuselo elikufuphi netyeya yesingqino,+ phambi kwesigubungelo esiphezu kweSingqino, apho ndiya kuhlangana nawe khona.+  “Woqhumisela kuso+ uAron ngesiqhumiso sobulawu.+ Imiso ngemiso, woqhumisela ngaso ekulungiseni kwakhe izibane.+  Ekuzikhanyiseni kwakhe uAron izibane phakathi kweengokuhlwa ezimbini, woqhumisela ngaso. Siya kwenziwa rhoqo isiqhumiso eso phambi koYehova ezizukulwaneni zenu.  Kuso nize ninganyusi siqhumiso singekho sikweni+ okanye umnikelo otshiswayo okanye umnikelo wokudla okuziinkozo; nomnikelo othululwayo nize ningawuthululeli kuso. 10  UAron makacamagushele iimpondo zaso kube kanye ngonyaka.+ Asicamagushele ngenxalenye yegazi lomnikelo wesono+ lokucamagusha kube kanye ngonyaka, ezizukulwaneni zenu. Sisesona singcwele kuYehova.” 11  Waqhubeka uYehova ethetha kuMoses, wathi: 12  “Xa ubala inani loonyana bakaSirayeli,+ ngoko ngamnye kubo makanikele intlawulelo yomphefumlo wakhe kuYehova ekubalweni kwabo,+ ukuze kungabikho sibetho kubo ekubalweni kwabo.+ 13  Naku abaya kukunikela bonke abadlulela kwababaliweyo: isiqingatha seshekele ngokweshekele yendawo engcwele.+ Ishekele leyo ilingana neegera ezingamashumi amabini. Isiqingatha seshekele leyo soba ngumnikelo kuYehova.+ 14  Wonk’ ubani odlulela kwabo babhalisiweyo, besusela kwabangamashumi amabini eminyaka ubudala kuse phambili, makamnike uYehova umnikelo.+ 15  Isityebi masinganikeli ngakumbi, nosweleyo makanganikeli ngaphantsi kwesiqingatha seshekele,+ ekunikeleni kwenu umnikelo kuYehova ukuze kucanyagushelwe imiphefumlo yenu.+ 16  Uze uyithabathe imali yesilivere yokucamagusha koonyana bakaSirayeli, uyinikele enkonzweni yentente yokuhlangana,+ ukuze ibe sisikhumbuzo ngenene koonyana bakaSirayeli phambi koYehova, sokucanyagushelwa kwemiphefumlo yenu.” 17  Wathetha ngokubhekele phaya uYehova kuMoses, wathi: 18  “Yenza isitya sokuhlambela sobhedu,+ nesiphatho saso sobhedu, usibeke phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo uze ugalele amanzi kuso.+ 19  UAron noonyana bakhe bamele bahlambele kuso izandla neenyawo zabo.+ 20  Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana bohlamba ngamanzi ukuze bangafi, nasekusondeleni kwabo esibingelelweni ukuze balungiselele, baqhumisele ngomnikelo wasemlilweni kuYehova.+ 21  Bamele bahlambe izandla zabo neenyawo zabo ukuze bangafi,+ oko kube ngummiselo kubo kuse kwixesha elingenammiselo, kuye nakwinzala yakhe ezizukulwaneni zayo.”+ 22  Waqhubeka uYehova ethetha kuMoses, esithi: 23  “Wena ke, zithabathele obona bulawu bubalaseleyo:+ amagaqa emore+ abe ngumlinganiselo wamakhulu amahlanu, nesinamon emnandi+ esisiqingatha soko, ibe ngumlinganiselo wamakhulu amabini anamashumi amahlanu, nekalamo emnandi+ ibe ngumlinganiselo wamakhulu amabini anamashumi amahlanu, 24  nekasiya+ ibe ngumlinganiselo wamakhulu amahlanu ngokweshekele yendawo engcwele,+ nehin yeoli yeminquma.+ 25  Wothi ke wenze ioli engcwele yokuthambisa, umxube wesithambiso, njengoko esenza umenzi wezithambiso.+ Yoba yioli engcwele yokuthambisa.+ 26  “Uze uthambise ngayo intente yokuhlangana+ netyeya yesingqino, 27  netafile nempahla yayo yonke nesiphatho sezibane nempahla yaso nesibingelelo sokuqhumisela, 28  nesibingelelo somnikelo otshiswayo nempahla yaso yonke nesitya nesiseko saso. 29  Uze uzingcwalise ukuze zibe zezona zingcwele.+ Nabani na ozichukumisayo woba ngcwele.+ 30  UAron+ noonyana bakhe+ uze ubathambise, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum.+ 31  “Wothetha koonyana bakaSirayeli, uthi: ‘Yoba yioli engcwele yokuthambisa kum le kwizizukulwana zenu.+ 32  Ize ingathanjiswa nyameni yamntu, yaye nize ningenzi enjengayo ngomxube wayo. Ingcwele yona. Mayihlale ingcwele kuni. 33  Nabani na owenza isithambiso esinjengayo nosukuba ethambisa ngayo owasemzini makanqunyulwe angabikho ebantwini bakowabo.’”+ 34  Wahlabela mgama wathi uYehova kuMoses: “Zithabathele ubulawu:+ amafutha estorakisi neonika negalebhana yobulawu nentlaka yokuqhumisa esulungekileyo.+ Mazibe yimilinganiselo elinganayo. 35  Uze wenze ngabo isiqhumiso,+ umxube oqholiweyo, ngokomenzi wezithambiso, uwugalele ityuwa,+ usulungeke, ube yinto engcwele. 36  Woyiguba inxalenye yawo ibe ngumgubo ocolekileyo uze uyibeke phambi kweSingqino ententeni yokuhlangana,+ apho ndiya kuhlangana nawe khona.+ Yoba yeyona ingcwele kuni. 37  Nize ningazenzeli isiqhumiso esinjengeso uya kusenza ngalo mxube.+ Kuwe simele sibe njengento engcwele kuYehova.+ 38  Nabani na owenza esinjengaso ukuze anandiphe ivumba laso makanqunyulwe+ angabikho ebantwini bakowabo.”

Umbhalo osemazantsi