I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Eksodus 28:1-43

28  “Wena ke, sondeza kuwe uAron umntakwenu enoonyana bakhe, umthabathe phakathi koonyana bakaSirayeli, abe ngumbingeleli kum,+ uAron,+ uNadabhi noAbhihu,+ uEleyazare noItamare,+ oonyana baka-Aron.  Uze umenzele izambatho ezingcwele uAron umntakwenu, ukuze abe nozuko nomfaneleko.+  Wothetha ke wena kubo bonke abantliziyo zilumkileyo endibazalise ngomoya wobulumko,+ bazenze izambatho zika-Aron zokumngcwalisa, abe ngumbingeleli kum.+  “Zizo ke ezi izambatho abaya kuzenza: ubengo,+ ne-efodi+ nesambatho esingenamikhono+ nomwunduzo omibalabala, unkontsho+ nombhinqo;+ bamenzele ke izambatho ezingcwele uAron umntakwenu noonyana bakhe, abe ngumbingeleli kum.  Bothabatha bona igolide nemisonto eluhlaza noboya obudaywe bamfusa bubomvu nomchako omfusa nelinen ecikizekileyo.  “Bamele bayenze iefodi ngegolide, nangemisonto eluhlaza nangoboya obudaywe bamfusa bubomvu, ngomchako omfusa nangelinen ecikizekileyo ephothiweyo, yalukwa.+  Yoba neziziba ezibini zamagxa zokuyixakatha zize zihlanganiswe emiphethweni yayo emibini.+  Nombhinqo+ ophezu kwayo wokuyibopha ntshi, mawenziwe kwanjengayo ngemichako yayo, ngegolide, nemisonto eluhlaza, noboya obudaywe bamfusa bubomvu nemichako emfusa nelinen ecikizekileyo ephothiweyo.  “Uze uthabathe amatye eanikis abe mabini,+ ukrole+ kuwo amagama oonyana bakaSirayeli,+ 10  amagama amathandathu abo oba kwelinye ilitye namagama amathandathu abanye abe kwelinye ilitye ngokokuzalwa kwabo.+ 11  Wowakrola amagama oonyana bakaSirayeli+ ematyeni lawo omabini, ngokwengcibi yamatye, ngokrolo lwetywina. Uze uwenzele izakhelo zegolide.+ 12  Wowabeka amatye lawo omabini ezizibeni zamagxa e-efodi, abe ngamatye esikhumbuzo koonyana bakaSirayeli;+ awathwale uAron amagama abo phambi koYehova ezizibeni zamagxa akhe omabini, abe sisikhumbuzo. 13  Uze wenze nezakhelo zegolide, 14  nemixokelelwane emibini yegolide esulungekileyo.+ Uyenze ibe njengentambo, enjengentsontelo; uze uyifake loo mixokelelwane enjengentsontelo kwizakhelo ezo.+ 15  “Uze ulwenze ubengo lwesigwebo+ ngokwengcibi yokuluka. Ulwenze njengokwenziwa kwe-efodi. Ulwenze ngegolide, nangemisonto eluhlaza nangoboya obudaywe bamfusa bubomvu nangomchako omfusa nangelinen ecikizekileyo ephothiweyo.+ 16  Loba namacala amane alinganayo xa luphindwe kubini, ubude balo bube ngangomolulo wesandla nobubanzi balo bube ngangomolulo wesandla.+ 17  Uze ufake kulo iziseko zamatye, izintlu ezine zamatye.+ Ibe luluhlu lwerubhi,+ itopazi+ ne-emeraldi,+ kuluhlu lokuqala. 18  Uluhlu lwesibini lube yitokoyize,+ isafire+ neyaspisi.+ 19  Uluhlu lwesithathu lube lilitye lelesh′em, iagate+ neamethiste.+ 20  Uluhlu lwesine lube yikrizolite+ neanikis+ nejeyidi. Kobakho izisekelo zegolide kwiziseko zazo.+ 21  Amatye lawo oba ngokwamagama oonyana bakaSirayeli, abe lishumi elinesibini ngokwamagama abo.+ Mawabe nomkrolo wetywina, ngalinye libe negama lalo, kulawo ezizwe ezilishumi elinesibini.+ 22  “Uze wenze elubengweni olo imixokelelwane esontiweyo, enjengentsontelo, ngegolide esulungekileyo.+ 23  Wenze elubengweni amakhonkco amabini egolide,+ uwafake loo makhonkco omabini emiphethweni yomibini yobengo. 24  Uzifake ezo ntsontelo zimbini zegolide emakhonkcweni lawo omabini asemiphethweni yobengo.+ 25  Neencam zombini zezo ntsontelo zimbini uze uzifake kwizakhelo zozibini, uzibeke ngaphambili ezizibeni zamagxa e-efodi.+ 26  Uze wenze amakhonkco amabini egolide, uwafake emiphethweni yomibini yobengo ekwicala elikhangelene nomphakathi we-efodi.+ 27  Wenze namanye amakhonkco amabini egolide, uwafake ezizibeni zozibini zamagxa e-efodi ngaphantsi, ngakumphambili wayo, malungana nokuhlangana kwayo, entla kombhinqo we-efodi.+ 28  Bolubopha ubengo ngamakhonkco alo emakhonkcweni e-efodi ngomtya oluhlaza, lube sentla kombhinqo we-efodi, ukuze lungashenxi ubengo olo kumphezulu we-efodi.+ 29  “Wowathwala uAron amagama oonyana bakaSirayeli elubengweni lwesigwebo phezu kwentliziyo yakhe ekungeneni kwakhe kuyo iNgcwele, lube sisikhumbuzo rhoqo phambi koYehova. 30  Uze ufake elubengweni lwesigwebo iUrim+ neTumim, zibe phezu kwentliziyo ka-Aron ekungeneni kwakhe phambi koYehova; azithwale rhoqo uAron izigwebo+ zoonyana bakaSirayeli phezu kwentliziyo yakhe phambi koYehova. 31  “Isambatho esingenamikhono se-efodi uze usenze sonke ngemisonto eluhlaza.+ 32  Masivuleke ngasentla embindini waso. Le ndawo ivulekileyo uze uyijikeleze ngomphetho olukiweyo. Indawo leyo ivulekileyo maze ibe njengeyesambatho sentsimbi, ukuze ingakrazuki.+ 33  Uze wenze emqukumbelweni waso iirharnati ngemisonto eluhlaza nangoboya obudaywe bamfusa bubomvu nangomchako omfusa, zijikeleze umqukumbelo waso, usijikeleze kwanangeentsimbi+ zegolide eziphakathi kwazo; 34  kobakho intsimbi yegolide nerharnati, kube yintsimbi yegolide nerharnati emqukumbelweni wesambatho esingenamikhono, zisijikeleze.+ 35  Wosinxiba ke uAron ukuze alungiselele, sivakale isandi saso ekungeneni kwakhe engcweleni phambi koYehova nasekuphumeni kwakhe, ukuze angafi.+ 36  “Uze wenze ipleyiti ekhazimlayo ngegolide esulungekileyo, ukrole kuyo ngokrolo lwetywina, uthi, ‘Ubungcwele bobukaYehova.’+ 37  Uyifake umtya oluhlaza, ibotshelelwe elunkontshweni.+ Yoba ngaphambili elunkontshweni. 38  Ibe sebunzi kuAron, ukuze aphendule uAron ngesiphoso esenziwe nxamnye nezinto ezingcwele,+ abazingcwalisayo oonyana bakaSirayeli, oko kukuthi, zonke izipho zabo ezingcwele; yaye imele ihlale isebunzi kuye rhoqo, ukuze bakholeke+ phambi koYehova. 39  “Uze uwuluke umwunduzo ngelinen ecikizekileyo nonkontsho ulwenze ngelinen ecikizekileyo,+ wenze nombhinqo,+ uwuluke. 40  “Wobenzela oonyana baka-Aron imiwunduzo,+ ubenzele nemibhinqo, ubenzele kwanezigqubuthelo zentloko+ ukuze babe nozuko nomfaneleko.+ 41  Uze umambese ngazo uAron umntakwenu noonyana bakhe benaye, yaye ubathambise,+ ubamisele,+ ubangcwalise, baze babe ngababingeleli kum. 42  Wobenzela iimpahla zangaphantsi zelinen, zokugubungela ubuze benyama yabo.+ Zothabathela esinqeni zise emathangeni. 43  UAron noonyana bakhe bamele bazinxibe ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana okanye ekusondeleni kwabo esibingelelweni besiza kulungiselela endaweni engcwele, ukuze bangenzi siphoso baze ngokuqinisekileyo bafe. Oko koba ngummiselo kuye nakwinzala yakhe emva kwakhe, kuse kwixesha elingenammiselo.+

Umbhalo osemazantsi