I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Eksodus 27:1-21

27  “Uze usenze isibingelelo ngomthi womnga, ubude baso bube ziikubhite ezintlanu nobubanzi baso bube ziikubhite ezintlanu. Soba namacala amane alinganayo isibingelelo eso,+ ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezintathu.  Uze wenze iimpondo zaso+ ezimbombeni zaso zone. Mazivele kuso iimpondo zaso, yaye uze usaleke ngobhedu.+  Uze usenzele iinkonkxa zokususa uthuthu lwaso, nemihlakulo yaso, nezitya zaso, neefolokhwe zaso, neengcedevu zaso zomlilo; yonke impahla yaso uyenze ngobhedu.+  Wosenzela uthango, umnatha ophinyeneyo+ wobhedu; wenze emnatheni lowo amakhonkco abe mane ngobhedu eziphelweni zawo zozine.  Uze uwubeke phantsi kongqameko lwesibingelelo umnatha lowo, yaye umele ube ngasembindini wesibingelelo.+  Uze usenzele izibonda isibingelelo, izibonda zomthi womnga, uzaleke ngobhedu.+  Izibonda zaso zofakwa emakhonkcweni, yaye zimele zibe semacaleni omabini esibingelelo izibonda ezo ekuthwalweni kwaso.+  Wosenza ngamaplanga, sibe holoholo. Njengoko waboniswa ngako entabeni, mabenjenjalo.+  “Uze wenze nentendelezo+ yomnquba. Kwicala elingaseNegebhi, emzantsi, intendelezo yoba namawunduwundu elinen ecikizekileyo ephothiweyo,+ ubude becala lilinye bube ziikubhite ezilikhulu. 10  Iintsika zayo ezingamashumi amabini neziseko zazo ezingamashumi amabini zoba zezobhedu. Izikhonkwane zeentsika nezidibanisi zazo zoba zezesilivere.+ 11  Kananjalo, nakubude becala langasentla, makubekho amawunduwundu aziikubhite ezilikhulu ubude bawo, neentsika zayo ezingamashumi amabini neziseko zazo ezingamashumi amabini mazibe zezobhedu, zona izikhonkwane zeentsika nezidibanisi zazo zibe zezesilivere.+ 12  Ububanzi bentendelezo, kwicala lasentshona, boba ngamawunduwundu aziikubhite ezingamashumi amahlanu, iintsika zawo zibe lishumi neziseko zazo zibe lishumi.+ 13  Bona ububanzi bentendelezo kwicala lasempuma, ngasempumalanga, boba ziikubhite ezingamashumi amahlanu.+ 14  Amawunduwundu akweli cala oba ziikubhite ezilishumi elinesihlanu, iintsika zawo zibe ntathu neziseko zazo zibe zithathu.+ 15  Namawunduwundu akwelinye icala oba ziikubhite ezilishumi elinesihlanu, iintsika zawo zibe ntathu neziseko zazo zibe zithathu.+ 16  “Esangweni lentendelezo makubekho umkhusane oziikubhite ezingamashumi amabini ubude, wemisonto eluhlaza noboya obudaywe bamfusa bubomvu nomchako omfusa nelinen ecikizekileyo ephothiweyo, yalukwa,+ ube neentsika ezine neziseko zazo zibe zine.+ 17  Zonke iintsika zentendelezo eziyijikelezileyo zoba nezibopho zesilivere, nezikhonkwane zazo zibe zezesilivere kodwa zona iziseko zazo zibe zezobhedu.+ 18  Ubude bentendelezo boba ziikubhite ezilikhulu,+ ububanzi bube ziikubhite ezingamashumi amahlanu, ukuphakama kube ziikubhite ezintlanu, zelinen ecikizekileyo ephothiweyo, iziseko zazo zibe zezobhedu. 19  Yonke impahla yomnquba kuyo yonke inkonzo yayo, nazo zonke izikhonkwane zentente yayo, nezikhonkwane zonke zentendelezo zoba zezobhedu.+ 20  “Ke wena, uze ubayalele oonyana bakaSirayeli ukuba bakuzisele ioli esulungekileyo yeminquma, engqushiweyo, yesikhanyiso, ukuze zihlale zikhanyisile rhoqo izibane.+ 21  Ententeni yokuhlangana, ngaphandle kwekhuselo+ eliphambi kweSingqino, uAron noonyana bakhe bosilungisa kususela ngokuhlwa kude kuse phambi koYehova.+ Oko koba ngummiselo koonyana bakaSirayeli ukusa kwixesha elingenammiselo,+ ezizukulwaneni zabo.+

Umbhalo osemazantsi