I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Eksodus 24:1-18

24  Wathi ke kuMoses: “Nyuka uye kuYehova, wena noAron, uNadabhi noAbhihu+ namashumi asixhenxe+ kumadoda amakhulu akwaSirayeli, nize niqubude nimgama.  Makusondele uMoses yedwa kuYehova; mabangasondeli bona, nabantu mabanganyuki naye.”+  Waya uMoses, wabaxelela abantu onke amazwi kaYehova nemimiselo yonke,+ baza baphendula ngazwi-nye bonke abantu bathi: “Sikulungele ukwenza ngokwamazwi onke awathethileyo uYehova.”+  Ngako oko wawabhala phantsi uMoses onke amazwi kaYehova.+ Wavuka ekuseni waza wakha isibingelelo emazantsi entaba neentsika ezilishumi elinesibini ngokwezizwe ezilishumi elinesibini zakwaSirayeli.+  Emva koko wathuma abafana bakoonyana bakaSirayeli, banikela iminikelo etshiswayo baza babingelela imibingelelo ngeenkunzi zeenkomo, yaba yimibingelelo yobudlelane+ kuYehova.  Wandula ke uMoses wathabatha isiqingatha segazi waza wasigalela ezityeni,+ esinye isiqingatha segazi wafefa ngaso esibingelelweni.+  Ekugqibeleni wathabatha incwadi yomnqophiso+ waza wayifunda ezindlebeni zabantu.+ Bathi bona: “Sikulungele ukukwenza nokukuthobela konke akuthethileyo uYehova.”+  Walithabatha ke ngoko uMoses igazi, wabafefa ngalo abantu+ waza wathi: “Nalo igazi lomnqophiso+ awenzileyo uYehova nani ngawo onke la mazwi.”  Wanyuka uMoses noAron, uNadabhi noAbhihu namashumi asixhenxe kumadoda amakhulu akwaSirayeli, 10  bambona uTHIXO kaSirayeli.+ Phantsi kweenyawo zakhe kwaye kungathi ngamatye athe tyaba esafire nanjengamazulu esulungekile.+ 11  Akasolulanga isandla sakhe nxamnye namadoda lawo abalaseleyo oonyana bakaSirayeli,+ kodwa abona umbono woTHIXO oyinyaniso+ aza adla, asela.+ 12  Wathi uYehova kuMoses: “Nyuka uze kum entabeni, uhlale khona, ndothi ke ndikunike amacwecwe amatye nomthetho kwanomyalelo endowubhalela ukuze bafundiswe ngayo.”+ 13  Wasuka uMoses noYoshuwa umlungiseleli wakhe, waza wanyuka uMoses waya entabeni yoTHIXO oyinyaniso.+ 14  Kodwa wathi kuwo amadoda amakhulu: “Silindeni kule ndawo side sibuye.+ Yaye, khangelani! uAron noHure+ banani. Nabani na onesimangalo, makaye kubo.”+ 15  Wanyuka ke uMoses waya entabeni, laza ilifu layigubungela intaba.+ 16  Ubuqaqawuli bukaYehova+ bahlala phezu kweNtaba yeSinayi,+ laza ilifu layigubungela iintsuku ezintandathu. Ethubeni wambiza uMoses ngosuku lwesixhenxe ephakathi efini.+ 17  Ke ukubonakala kobuqaqawuli bukaYehova emehlweni oonyana bakaSirayeli kwaye kunjengomlilo odlayo+ encotsheni yentaba. 18  Wangena ke uMoses phakathi efini waza wanyuka intaba.+ Wahlala uMoses entabeni apho iimini ezingamashumi amane nobusuku obungamashumi amane.+

Umbhalo osemazantsi