Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Eksodus 11:1-10

11  UYehova wathi kuMoses: “Ndisaya kuzisa esinye isibetho phezu koFaro neYiputa. Emva koko wonindulula nimke apha.+ Ekunindululeni kwakhe ngokupheleleyo, uya kunigxotha niphume niphele apha.+  Thetha, ke ngoku, ezindlebeni zabantu, ukuba ndoda nganye icele kwiqabane layo, nomfazi ngamnye acele kwiqabane lakhe, impahla yesilivere nempahla yegolide.”+  UYehova wabenza bakholeka abantu emehlweni amaYiputa.+ Kananjalo indoda leyo inguMoses yayinkulu kakhulu ezweni laseYiputa, emehlweni abakhonzi bakaFaro nasemehlweni abantu.+  Wathi uMoses: “Utsho uYehova ukuthi, ‘Malunga nasezinzulwini zobusuku ndophuma ndiye phakathi kweYiputa,+  kwaye onke amazibulo+ ezweni laseYiputa amele afe, ukususela kwizibulo likaFaro ohleli etroneni yakhe kuse kwizibulo lesicakakazi esiselityeni lokuguba nezibulo ngalinye lesilo.+  Ngokuqinisekileyo kuya kubakho isikhalo esikhulu ezweni lonke laseYiputa, ekungazange kubekho sinjalo, nekungasayi kuphinda kubekho sinjalo kwakhona.+  Kodwa bona oonyana bakaSirayeli, akuyi kubakho nanja eya kubavungamela, kususela emntwini kuse kwisilo;+ ukuze nazi ukuba uYehova unako ukwahlukanisa phakathi kwamaYiputa noonyana bakaSirayeli.’+  Yaye bonke aba bakhonzi bakho baya kuza ngokuqinisekileyo kum baze baqubude kum,+ besithi, ‘Phuma, wena nabantu bonke abakulandelayo.’ Ndothi ke ndiphume emva koko.” Watsho ephuma kuFaro evutha ngumsindo.  Wandula wathi uYehova kuMoses: “Akayi kuniphulaphula uFaro,+ ukuze yande imimangaliso yam ezweni laseYiputa.”+ 10  UMoses noAron bayenza yonke le mimangaliso phambi koFaro;+ kodwa uYehova wayiyeka yaba lukhuni intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.+

Umbhalo osemazantsi