I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Eksodus 1:1-22

1  Ke kaloku ngawo la amagama oonyana bakaSirayeli abafikayo eYiputa noYakobi; ndoda nganye yeza nendlu yayo:+  nguRubhen,+ uSimeyon,+ uLevi+ noYuda,+  uIsakare,+ uZebhulon+ noBhenjamin,+  uDan+ noNafetali,+ uGadi+ noAshere.+  Iyonke imiphefumlo eyaphumayo esinqeni sikaYakobi+ yayiyimiphefumlo engamashumi asixhenxe, kodwa yena uYosefu wayesele eseYiputa.+  Ekugqibeleni wafa uYosefu,+ nabo bonke abantakwabo naso sonke eso sizukulwana.  Bathi ke baqhama oonyana bakaSirayeli, baqalisa ukunyakazela; yaye banda baza baba namandla ngomlinganiselo omkhulu ngokungaqhelekanga, kangangokuba lazala ilizwe ngabo.+  Ekuhambeni kwexesha kwavela ukumkani omtsha eYiputa owayengamazi uYosefu.+  Yaye wathi kubantu bakhe: “Khangelani! Aba bantu aba, oonyana bakaSirayeli, baninzi kwaye banamandla kunathi.+ 10  Yizani ke! Masiqhubane ngobuqili nabo,+ kuba hleze bande, baze bathi xa kuthe kwehla imfazwe, bathelele abo basithiyileyo, balwe nathi, bandule bemke kweli lizwe.” 11  Ngoko bamisa phezu kwabo amadoda aziintloko okubasebenzisa ngokubaqhuba ngebhaxa ngenjongo yokubacinezela ngemithwalo yabo;+ baza bakha izixeko ezingoovimba bakaFaro, ezizezi, iPitom neRahameses.+ 12  Kodwa okukhona babebacinezela, kokukhona babesanda yaye kokukhona babesasazeka ngokubanzi, kangangokuba bagubha lunkwantyo ngenxa yoonyana bakaSirayeli.+ 13  Ngenxa yoko amaYiputa abakhobokisa ngobuzwilakhe oonyana bakaSirayeli.+ 14  Yaye abenza bakrakra ubomi babo ngokubatsalisa nzima ebukhobokeni, besenza udaka lodongwe+ nezitena nawo wonke umsebenzi wobukhoboka wasendle,+ ewe, wonke umsebenzi wobukhoboka ababanyanzela ngobuzwilakhe ukuba bawenze.+ 15  Kamva ukumkani waseYiputa wathi kubazalisikazi bamaHebhere,+ igama lomnye linguShifra, elomnye igama linguPuwa, 16  ewe, wade wathi: “Ekuzaliseni kwenu abafazi bamaHebhere, nize nibabone xa besesihlalweni sokuzala, ukuba ngunyana, nize nimbulale; kodwa ukuba yintombi, yiyekeni iphile.” 17  Noko ke, abazalisikazi boyika uTHIXO oyinyaniso,+ baza abenza ngokokuthetha kukakumkani waseYiputa kubo,+ kodwa babayeka baphila abantwana abangamakhwenkwe.+ 18  Ekuhambeni kwexesha ukumkani waseYiputa wababiza abazalisikazi waza wathi kubo: “Niyenzeleni na le nto, yokuba nibayeke baphile abantwana abangamakhwenkwe?”+ 19  Bathi bona abazalisikazi kuFaro: “Abafazi bamaHebhere abafani nabafazi bamaYiputa. Ngenxa yokuba bomelele, bazala ngaphambi kokuba umzalisikazi afike kubo.” 20  Ngoko uThixo waqhubana kakuhle nabo bazalisikazi;+ yaye abantu baye besiba baninzi ngakumbi baza baba namandla kakhulu. 21  Kwathi kuba abazalisikazi babemoyika uTHIXO oyinyaniso wabavelisela iintsapho.+ 22  Ekugqibeleni uFaro wabayalela bonke abantu bakhe, esithi: “Bonke oonyana abasandul’ ukuzalwa baphoseni kuMlambo umNayile, kodwa zonke iintombi ziyekeni ziphila.”+

Umbhalo osemazantsi