I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Efese 3:1-21

3  Ngenxa yoku mna, Pawulos, olibanjwa+ likaKristu Yesu ngenxa yenu, bantu beentlanga+  ukuba, ngokwenene, niye neva ngobugosa+ bobubele obungasifanelanga bukaThixo obanikwa mna ngokubhekisele kuni,  okokuba ndayityhilelwa imfihlelo engcwele,+ kanye njengoko ndibhalile ngaphambili ngokufutshane.  Ngenxa yoku nina, xa nikufunda oku, niya kuba nako ukuyiqonda indlela endiyiqiqa ngayo+ imfihlelo engcwele+ kaKRISTU.  Kwezinye izizukulwana oonyana babantu abazange bayaziswe le mfihlelo+ njengoko iye ngoku yatyhilwa+ kubapostile bakhe abangcwele nabaprofeti+ ngomoya,  eyile, yokuba abantu beentlanga bafanele babe ziindlalifa ezimanyeneyo namalungu omzimba+ angamadlelane yaye babe nesabelo kunye nathi kwisithembiso+ ngokumanyene noKristu Yesu ngazo iindaba ezilungileyo.  Ndaba ngumlungiseleli+ wako oku ngenxa yesipho sesisa sobubele obungasifanelanga bukaThixo endabunikwa ngokusebenza kwamandla akhe.+  Mna mntu ungaphantsi+ nakoyena mncinane kubo bonke abo bangcwele, ndanikwa obu bubele bungasifanelanga,+ ukuze ndivakalise kuzo iintlanga+ iindaba ezilungileyo ezingobutyebi+ obungenakuqondwa bukaKRISTU  nokuze ndenze abantu babone indlela elungiselelwa+ ngayo imfihlelo+ engcwele yona ebikade ifihliwe ukususela kwixesha elidlulileyo elingenammiselo ikuye uThixo, owadala zonke izinto.+ 10  Injongo yoku yayikukuze ngoku ngalo ibandla+ oorhulumente namagunya+ kwezasezulwini iindawo baziswe ngobulumko bukaThixo obuziintlobo ezininzi,+ 11  ngokwenjongo kanaphakade awayiyilayo ngoKRISTU,+ uYesu iNkosi yethu, 12  esithe ngaye saba nale nkululeko yokuthetha nokusondela+ ngentembelo ngalo ukholo lwethu kuye. 13  Ngoko ke ndiyanicela ukuba ningayekeleli ngenxa yezi mbandezelo+ zam ngenxa yenu, kuba zona zithetha uzuko kuni. 14  Ngenxa yoko ndiguqa ngamadolo+ kuBawo,+ 15  lowo ebizwa ngaye yonke intsapho+ ezulwini nasemhlabeni,+ 16  ukuze ngokobutyebi+ bozuko lwakhe anenze nomelele kumntu eninguye ngaphakathi+ ngamandla omoya wakhe,+ 17  nokuba uKRISTU ngalo ukholo lwenu ahlale ezintliziyweni zenu ngothando;+ khon’ ukuze nimiliselwe+ nize nendele kwisiseko,+ 18  ukuze nina nabo bonke abo bangcwele nicacelwe ngokucokisekileyo engqondweni+ koko bukuko ububanzi nobude nokuphakama nobunzulu,+ 19  nilwazi nothando lukaKRISTU+ olugqwesa ulwazi, ukuze nizaliswe kuko konke ukuzala+ kukaThixo. 20  Ke kaloku kulowo unako ukwenza ngaphezu koko sikucelayo nesikuthelekelelayo,+ ngamandla akhe asebenzayo+ kuthi, 21  kuye makube luzuko ngalo ibandla nangaye uKristu Yesu kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade.+ Amen.

Umbhalo osemazantsi