Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Duteronomi 8:1-20

8  “Wonke umyalelo endikuyalela wona namhlanje nize nikunyamekele ukuwugcina,+ ukuze niqhubeke niphila+ yaye nande, ningene nilidle ilifa ilizwe elo walifungela ookhokho benu uYehova.+  Uze uyikhumbule yonke indlela akuhambise ngayo uYehova uThixo wakho kule minyaka ingamashumi amane entlango,+ ukuba akuthobe,+ akuvavanye+ ukuze akwazi okusentliziyweni yakho,+ ukuba woyigcina imiyalelo yakhe okanye akunjalo kusini na.  Ngoko wakuthoba, wakulambisa,+ wakudlisa imana,+ into obungayazi, ababengayazi nooyihlo; ukuze akwazise ukuba akaphili ngasonka sodwa umntu kodwa uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaYehova.+  Ingubo yakho yokwaleka ayiguganga, nonyawo lwakho aludumbanga kule minyaka ingamashumi amane.+  Kwaye wazi kakuhle ngentliziyo yakho ukuba uYehova uThixo wakho wayekulungisa, kanye njengoko umntu emlungisa unyana wakhe.+  “Uze uyigcine ke imiyalelo kaYehova uThixo wakho ngokuthi uhambe ngeendlela zakhe+ nangokumoyika.+  Kuba uYehova uThixo wakho ukungenisa ezweni elihle,+ ezweni leentlambo zamanzi, lemithombo namanzi anzongonzongo aphuma ethafeni elisentlanjeni+ nakummandla weentaba,  ezweni lengqolowa nerhasi neediliya namakhiwane neerharnati,+ ezweni leoli yeminquma nobusi,+  ezweni ongayi kunqatyelwa sisonka sokudla kulo, ongayi kuswela nto kulo, ezweni lamatye entsimbi noya kumba ubhedu ezintabeni zalo. 10  “Wakuba udlile wanela,+ uze umbonge+ uYehova uThixo wakho ngenxa yelizwe elihle akunike lona.+ 11  Uze ulumke ungamlibali+ uYehova uThixo wakho ngokuthi ungayigcini imiyalelo yakhe nezigwebo zakhe nemimiselo yakhe endikuyalela yona namhlanje;+ 12  kuba hleze uthi wakuba udlile wanela, wakhe izindlu ezintle, uhlale kuzo,+ 13  wande umhlambi wakho weenkomo nomhlambi wakho weegusha, yande kuwe isilivere negolide, yande yonke into onayo; 14  isuke iphakame intliziyo+ yakho uze umlibale uYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yamakhoboka;+ 15  owakuhambisayo entlango enkulu neyoyikekayo,+ eneenyoka ezinobuhlungu+ noonomadudwane nebaleleyo kwaye ingenamanzi; owakuvelisela amanzi eweni leqhwitha;+ 16  owakudlisa imana+ entlango, nto leyo babengayazi ooyihlo, ukuze akuthobe,+ akuvavanye, ukuba akwenzele okulungileyo kamva;+ 17  uze uthi ke entliziyweni yakho, ‘Ngamandla am nokuqina kwesandla sam okundizuzise le ndyebo.’+ 18  Uze umkhumbule uYehova uThixo wakho, ngokuba nguye okunike amandla okuzuza indyebo;+ ukuze awuphumeze umnqophiso wakhe awawufungela ookhokho benu, njengoko kunjalo namhla.+ 19  “Kothi ukuba uthe wamlibala uYehova uThixo wakho, walandela thixo bambi, wabakhonza, waqubuda kubo, ndiyaningqinela namhlanje ukuba niya kutshabalala ngenene.+ 20  Njengeentlanga uYehova azitshabalalisayo phambi kwenu, notshabalala ngokunjalo nani, ngenxa yokuba ningaliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wenu.+

Umbhalo osemazantsi