I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Duteronomi 34:1-12

34  Wenyuka ke uMoses esuka ezinkqantosini zakwaMowabhi waya eNtabeni yeNebho,+ encotsheni yePisga,+ ekhangelene neYeriko.+ Waza uYehova wambonisa lonke ilizwe, ukususela eGiliyadi ukusa kwaDan,+  nelakwaNafetali lonke nelizwe lakwaEfrayim nelakwaManase nelizwe lonke lakwaYuda ukusa kulwandle lwasentshona,+  nelaseNegebhi+ neSithili,+ ithafa elisentlanjeni yaseYeriko, isixeko semithi yesundu,+ ukusa eTsoware.+  Wathi uYehova kuye: “Lilo eli ilizwe endafunga ngalo kuAbraham, uIsake noYakobi, ndisithi, ‘Ndiya kulinika imbewu yakho.’+ Ndikwenze walibona ngamehlo, ekubeni ungayi kuwelela kulo.”+  Emva koko uMoses umkhonzi kaYehova+ wafela apho ezweni lakwaMowabhi ngokomyalelo kaYehova.+  Wamngcwabela entlanjeni ezweni lakwaMowabhi malungana neBhete-peyore,+ yaye akukho bani ulaziyo ingcwaba lakhe unanamhla.+  UMoses wayenekhulu elinamashumi amabini eminyaka ubudala ekufeni kwakhe.+ Lalingenalurhatyazo iliso lakhe,+ yaye engekaphelelwa ngamandla.+  Oonyana bakaSirayeli bamlilela uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi iintsuku ezingamashumi amathathu.+ Ekugqibeleni zaphela iintsuku zokumlilela nokumzilela uMoses.  Waza uYoshuwa unyana kaNun wazala ngumoya wobulumko,+ ngokuba uMoses wayembeke isandla;+ bamphulaphula ke oonyana bakaSirayeli baza benza kanye njengoko uYehova wamyalelayo uMoses.+ 10  Kodwa akubanga savela kwaSirayeli mprofeti unjengoMoses,+ awathi uYehova wamazi ubuso ngobuso,+ 11  ngemiqondiso yonke nemimangaliso awamthumayo uYehova ukuba ayenze ezweni laseYiputa kuFaro nakubakhonzi bakhe bonke nakwilizwe lakhe+ lonke, 12  nangaso sonke isandla esomeleleyo nangokoyikeka konke okukhulu awakwenzayo uMoses emehlweni kaSirayeli wonke.+

Umbhalo osemazantsi