I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Duteronomi 27:1-26

27  UMoses namadoda amakhulu akwaSirayeli babayalela abantu, besithi: “Wugcineni wonke umyalelo endiniyalela wona namhlanje.+  Kothi mhla nayiwela iYordan+ nangena kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, uzimisele amatye amakhulu, uwaqabe ngekalika.  Uze ubhale kuwo onke amazwi alo mthetho+ wakuba uwelile,+ ukuze ungene kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, ilizwe eliqukuqela ubisi nobusi, njengoko uYehova uThixo wookhokho benu ethethile kuni.+  Nothi nakuyiwela iYordan, niwamise la matye, kanye njengoko ndiniyalela namhlanje, eNtabeni ye-Ebhali,+ yaye uze uwaqabe ngekalika.+  Uze umakhele apho isibingelelo uYehova uThixo wakho, isibingelelo samatye. Uze ungaphakamisi sixhobo santsimbi phezu kwawo.+  Ufanele usakhe ngamatye apheleleyo isibingelelo sikaYehova uThixo wakho, unikele phezu kwaso iminikelo etshiswayo kuYehova uThixo wakho.+  Uze ubingelele imibingelelo yobudlelane,+ uyidlele apho,+ ube nemihlali phambi koYehova uThixo wakho.+  Uze ke uwabhale ematyeni lawo onke amazwi alo mthetho,+ uwenze acace gca.”+  Bathetha ke, uMoses nababingeleli, abaLevi, kuSirayeli wonke, besithi: “Yithi cwaka uphulaphule, Sirayeli. Namhla uye waba sisizwana sikaYehova uThixo wakho.+ 10  Uze uliphulaphule ilizwi likaYehova uThixo wakho, wenze ngokwemiyalelo yakhe+ nangokwemimiselo yakhe,+ endikuyalela yona namhlanje.” 11  Waqhubeka ke uMoses ebayalela abantu ngaloo mini, esithi: 12  “Aba balandelayo ngabo abaya kuma basikelele abantu eNtabeni yeGerizim+ nakuba niyiwelile iYordan: USimeyon noLevi noYuda noIsakare noYosefu noBhenjamin. 13  Yaye aba balandelayo bona ngabo abaya kuma baqalekise+ eNtabeni ye-Ebhali:+ URubhen, uGadi noAshere noZebhulon, uDan noNafetali. 14  Baya kuphendula abaLevi ngezwi eliphakamileyo bathi kuwo onke amadoda akwaSirayeli:+ 15  “‘Uqalekisiwe umntu owenza umfanekiso oqingqiweyo+ okanye otyhidiweyo,+ nto leyo ecekisekayo kuYehova,+ eyimveliso yezandla zosebenza ngomthi nangesinyithi,+ ayibeke endaweni esitheleyo.’ (Baphendule bonke abantu bathi, ‘Amen!’)+ 16  “‘Uqalekisiwe omphatha ngendelelo uyise okanye unina.+ (Bathi bonke abantu, ‘Amen!’) 17  “‘Uqalekisiwe onciphisa umda wedlelane lakhe.’+ (Bathi bonke abantu, ‘Amen!’) 18  “‘Uqalekisiwe owenza imfama ibhadule endleleni.’+ (Bathi bonke abantu, ‘Amen!’) 19  “‘Uqalekisiwe ojika+ isigwebo+ somphambukeli+ nesenkwenkwe engenayise nesomhlolokazi.’+ (Bathi bonke abantu, ‘Amen!’) 20  “‘Uqalekisiwe olala nomfazi kayise, ngokuba utyhila umbhinqo kayise.’+ (Bathi bonke abantu, ‘Amen!’) 21  “‘Uqalekisiwe olala nasiphi na isilo.’+ (Bathi bonke abantu, ‘Amen!’) 22  “‘Uqalekisiwe olala nodade wabo, intombi kayise okanye intombi kanina.’+ (Bathi bonke abantu, ‘Amen!’) 23  “‘Uqalekisiwe olala nomkhwekazi wakhe.’+ (Bathi bonke abantu, ‘Amen!’) 24  “‘Uqalekisiwe olibetha alibulale idlelane lakhe endaweni esitheleyo.’+ (Bathi bonke abantu, ‘Amen!’) 25  “‘Uqalekisiwe osamkelayo isinyobo sokubetha abulale umphefumlo, igazi elimsulwa.’+ (Bathi bonke abantu, ‘Amen!’) 26  “‘Uqalekisiwe ongawamisiyo amazwi alo mthetho ukuba awenze.’+ (Bathi bonke abantu, ‘Amen!’)

Umbhalo osemazantsi