I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Duteronomi 25:1-19

25  “Xa kuthe kwabakho impikiswano phakathi kwabantu,+ baza baya ematyaleni ukuze bagwetyelwe ityala labo,+ umele lowo ulilungisa avakaliswe elilungisa nalowo ungendawo avakaliswe engongendawo.+  Kothi ke ukuba uthe ongendawo wafanelwa kukubethwa,+ umgwebi amlalise phantsi aze abethwe+ phambi kwakhe imivumbo elingene isenzo sakhe sobungendawo.  Angambetha imivumbo engamashumi amane. Akafanele ongeze namnye, kuba hleze athi akongeza imivumbo emininzi kunaleyo+ ahlazeke umzalwana wakho emehlweni akho.  “Uze ungayifaki isicheme inkunzi yenkomo ibhula.+  “Xa athe umntu wahlala ndawonye nomntakwabo waza wafa omnye kubo engenanyana, umfazi walowo ufileyo makangendeli ngaphandle kwindoda yasemzini. Umntakwabo ndoda yakhe ufanele amthabathe abe ngumfazi wakhe, enze kuye umtshato wongeno.+  Wothi ke owamazibulo athe wamzala abizwe ngegama lomntakwabo ofileyo,+ ukuze lingacinywa igama lakhe kwaSirayeli.+  “Ke ukuba indoda leyo ithe ayathanda ukumthabatha umhlolokazi womntakwayo, umele anyuke umhlolokazi lowo womntakwayo aye esangweni kumadoda amakhulu+ athi, ‘Umntakwabo ndoda yam walile ukuligcina igama lomntakwabo kwaSirayeli. Akavumi ukwenza umtshato wongeno kum.’  Oyibiza ke amadoda amakhulu esixeko sakowayo aze athethe kuyo, ime yona ithi, ‘Andithandanga kumthabatha.’+  Umele ke asondele kuyo umhlolokazi womntakwayo phambi kwamehlo amadoda amakhulu, ayikhulule imbadada elunyaweni lwayo+ aze ayitshicele ebusweni+ aphendule athi, ‘Makwenziwe nje kwindoda engayi kuyakha indlu yomntakwayo.’+ 10  Kothiwa ke igama layo kwaSirayeli ‘Ngundlu yokhululwe-imbadada.’ 11  “Ukuba amadoda athe asukuzana, wasondela umfazi wenye ukuba ahlangule indoda yakhe esandleni saleyo iyibethayo, wolula isandla sakhe wayibamba ngamaphambili,+ 12  uze usishunqule isandla sakhe. Malingabi nasizi iliso lakho.+ 13  “Uze ungabi neentlobo ezimbini zemilinganiselo engxoweni yakho,+ omkhulu nomncinane. 14  Uze ungabi neentlobo ezimbini ze-efa+ endlwini yakho, enkulu nencinane. 15  Ufanele ube nomlinganiselo ochanileyo nosesikweni. Ufanele ube ne-efa echanileyo nesesikweni, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni lowo akunika wona uYehova uThixo wakho.+ 16  Ngokuba uyacekiseka kuYehova uThixo wakho wonk’ ubani ozenzayo ezi zinto, wonk’ umenzi wokungekho sikweni.+ 17  “Khumbula oko wakwenzayo uAmaleki kuwe endleleni ekuphumeni kwenu eYiputa,+ 18  indlela awakuhlangabeza ngayo endleleni waza wabaxabela ngasemva kwakho bonke abo babeshiyekele emva kwakho, ngoxa wawuphelelwe ngamandla kwaye utyhafile; akamoyikanga uThixo.+ 19  Kothi ekukuphumzeni kukaYehova uThixo wakho ezintshabeni zakho zonke ezikujikelezileyo ezweni elo akunika lona uYehova uThixo wakho ukuba ulihluthe njengelifa,+ umsuse uAmaleki angabi saphinda akhankanywe phantsi kwamazulu.+ Uze ungalibali.

Umbhalo osemazantsi