I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Duteronomi 20:1-20

20  “Xa uthe waphuma waya kulwa idabi neentshaba zakho waza wabona amahashe neenqwelo zokulwa,+ isizwana esikhulu kunawe, uze ungasoyiki; ngokuba uYehova uThixo wakho unawe,+ owakukhuphayo ezweni laseYiputa.+  Kothi ke xa nithe nasondela edabini, eze umbingeleli athethe ebantwini.+  Wothi kubo, ‘Yiva, Sirayeli, nisondele namhlanje ekulweni idabi neentshaba zenu. Mazingaphakuzeli iintliziyo zenu.+ Musani ukoyika niphakuzele okanye nityhwatyhwe ngenxa yazo,+  kuba uYehova uThixo wenu uhamba nani ukuba anilwele kwiintshaba zenu, anisindise.’+  “Nawo amagosa+ othetha ebantwini, athi, ‘Nguwuphi na umntu owakhe indlu entsha waza akayisungula? Makahambe abuyele endlwini yakhe, kuba hleze afele edabini ize isungulwe ngomnye umntu.+  Nguwuphi na umntu otyale isidiliya waza akaqalisa ukusisebenzisa? Makahambe abuyele endlwini yakhe, kuba hleze afele edabini size sisetyenziswe ngomnye umntu.+  Nguwuphi na umntu ogane umfazi waza akamthabatha? Makahambe abuyele endlwini+ yakhe, kuba hleze afele edabini aze athatyathwe mntu wumbi.’  Aya kuthetha ngokubhekele phaya amagosa ebantwini athi, ‘Nguwuphi na umntu owoyikayo nonedyudyu?+ Makahambe abuyele endlwini yakhe, ukuze angazinyibilikisi iintliziyo zabazalwana bakhe njengentliziyo yakhe.’+  Kothi akugqiba amagosa ukuthetha ebantwini, amisele iintloko zemikhosi zokukhokela abantu. 10  “Xa uthe wasondela esixekweni usiya kulwa naso, womemeza uxolo kuso.+ 11  Kothi ukuba sithe sakuphendula ngoxolo, sakuvulela, babe ngabakho bonke abantu abafunyanwa kuso, ubasebenzise ngokubaqhuba ngebhaxa, bakukhonze.+ 12  Kodwa ukuba sithe asenza luxolo nawe,+ sasuka salwa imfazwe nawe kuze kufuneke ukuba usingqinge, 13  ngokuqinisekileyo uYehova uThixo wakho uya kusinikela esandleni sakho, yaye uze uxabele yonke into eyindoda kuso ngohlangothi lwekrele.+ 14  Kuphela ngamabhinqa nabantwana abancinane+ nezilwanyana zasekhaya+ nento yonke ekweso sixeko, amaxhoba aso onke, oya kuziphangela wona;+ yaye uze uwadle amaxhoba eentshaba zakho, akunikileyo uYehova uThixo wakho.+ 15  “Uya kwenjenjalo kuzo zonke izixeko ezikude kakhulu kuwe ezingezizo izixeko zezi ntlanga. 16  Kuphela kusezixekweni zezi zizwana akunikayo uYehova uThixo wakho njengelifa apho ungamele usindise nayiphi na into ephefumlayo,+ 17  ngokuba ufanele uwatshabalalise kuthi tu, amaHiti nama-Amori, amaKanan namaPerizi, amaHivi namaYebhusi,+ kanye njengoko ekuyalele uYehova uThixo wakho; 18  ukuze banganifundisi ukwenza zonke izinto zabo ezicekisekayo, abazenze koothixo babo, nize none kuYehova uThixo wenu.+ 19  “Xa uthe wasingqinga isixeko kangangeentsuku ezininzi, usilwa naso ukuze usithimbe, uze ungayonakalisi imithi yaso ngokuyixabela ngezembe; ngokuba ufanele udle kuyo, ngoko uze ungayigawuli,+ kuba umthi wasendle ungumntu na ukuba ungqingwe nguwe? 20  Kuphela ngumthi owaziyo ukuba asimthi udliwayo, oya kuwonakalisa, uwugawule, wakhe izinto zokungqinga+ isixeko olwa imfazwe naso, side siwe.

Umbhalo osemazantsi