Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Duteronomi 19:1-21

19  “Xa athe uYehova uThixo wakho wazinqumla iintlanga+ ezo akunika ilizwe lazo uYehova uThixo wakho, walihlutha ilizwe lazo waza wahlala ezixekweni zazo nasezindlwini zazo,+  uze uzibekele bucala izixeko ezithathu phakathi kwelizwe lakho akunika lona uYehova uThixo wakho ukuba ulidle ilifa.+  Uze uzilungiselele indlela, uwahlule ube ziinxalenye ezintathu ummandla welizwe lakho aya kukudlisa ilifa lalo uYehova uThixo wakho, ukuze nasiphi na isibulala-mntu sisabele khona.+  “Yiyo ke le indlela yokusingatha ityala lesibulala-mntu esithe sasabela khona ukuze siphile: Ukuba sithe salibetha idlelane laso singazi yaye besingalithiyanga ngaphambili;+  okanye saya nedlelane laso ehlathini sisiya kugawula imithi, saza saphakamisa izembe ngesandla sicanda umthi, suke yaphuncuka intsimbi emphinini,+ yabetha kwidlelane laso lafa, sona sifanele sisabele kwesinye sezi sixeko ukuze siphile.+  Kungenjalo, umphindezeli+ wegazi usenokusisukela isibulala-mntu eso, kuba ishushu intliziyo yakhe, asifumane, ngokuba nde kwendlela; aze awubethe ufe umphefumlo waso, ngoxa besingafanelwanga sisigwebo sokufa,+ kuba besingalithiyanga ngaphambili.  Kungenxa yoko le nto ndikuyalela, ndisithi, ‘Uze uzibekele bucala izixeko ezithathu.’+  “Yaye ukuba uYehova uThixo wakho uthe wawandisa ummandla wakho njengoko wafungayo kookhokho bakho,+ waza wakunika lonke ilizwe awathembisa ukulinika ookhokho bakho,+  ngenxa yokuwugcina kwakho wonke lo myalelo ndikuyalela wona namhlanje uze uwenze, wokuba umthande uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe ngamaxesha onke,+ umele ke ngoko wongeze ezinye izixeko ezithathu kwezi zithathu,+ 10  ukuze kungaphalazwa gazi limsulwa+ phakathi kwelizwe lakho akunika lona uYehova uThixo wakho njengelifa, nokuze ungabi netyala legazi.+ 11  “Kodwa ukuba umntu uthe walithiya+ idlelane lakhe, walilalela, wasuka walibetha, wawubulala umphefumlo walo,+ waza umntu lowo wasabela kwesinye sezi zixeko, 12  amadoda amakhulu esixeko sakowabo amele athumele ukuba athatyathwe apho, amnikele esandleni somphindezeli wegazi, yaye umele afe.+ 13  Ze lingabi nasizi iliso lakho ngaye,+ yaye umele ulisuse ityala legazi elimsulwa kwaSirayeli,+ ukuze kulunge kuwe. 14  “Uze ungawunciphisi umda wedlelane lakho,+ awawumisayo amanyange elifeni lakho oya kulidla ezweni elo akunika lona uYehova uThixo wakho ukuba ulidle ilifa. 15  “Ze kungesuki kuwe ngqina linye ngenxa yayo nasiphi na isiphoso okanye nasiphi na isono somntu,+ nokuba sisiphi na isono asenzileyo. Lifanele ilizwi limiswe ngomlomo wamangqina amabini okanye ngomlomo wamangqina amathathu.+ 16  Ukuba lisuke ingqina eliceba ububi ngomntu lazisa isimangalo semvukelo ngaye,+ 17  abo bantu babini babambeneyo bamele bame phambi koYehova, phambi kwababingeleli nabagwebi abaya kubakho ngaloo mihla.+ 18  Bamele baphandisise ngokucokisekileyo+ abagwebi, yaye ukuba ingqina elo lilingqina lobuxoki kwaye lizise isimangalo sobuxoki ngomzalwana walo, 19  nize nenze kulo kanye njengoko belicebe ukwenza ngako kumzalwana walo,+ nibususe ke ububi phakathi kwenu.+ 20  Baya kuva abo baseleyo baze boyike, bangaze kwakhona benze nabuphi na ububi obunjengobu phakathi kwenu.+ 21  Ze lingabi nasizi iliso lakho:+ umphefumlo wobuyiselwa ngomphefumlo, iliso ngeliso, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo.+

Umbhalo osemazantsi