I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Duteronomi 18:1-22

18  “Ababingeleli, abaLevi, isizwe sabaLevi siphela,+ mabangabi nasabelo nalifa kunye noSirayeli. Bodla umnikelo wasemlilweni kaYehova, nelifa lakhe.+  Mabangabi nalifa phakathi kwabazalwana babo. NguYehova ilifa labo,+ kanye njengoko ethethile kubo.  “Nali ke ilungelo eliyimfanelo yababingeleli eliphuma ebantwini, eliphuma kwabo babingelela ixhoba eliyinkunzi yenkomo okanye imvu: Bomnika umbingeleli umkhono nemihlathi neswili.  Womnika ulibo lokudla kwakho okuziinkozo, nolwewayini yakho entsha nolweoli yakho noboya bokuqala obuchetyiweyo bomhlambi wakho weegusha.+  Ngokuba nguye uYehova uThixo wakho amnyulileyo ezizweni zakho zonke ukuba eme alungiselele egameni likaYehova, yena noonyana bakhe, ngamaxesha onke.+  “Xa athe, ngenxa yokunqwena konke komphefumlo wakhe, waphuma umLevi kwesinye sezixeko zakho naphi na kwaSirayeli, apho ahlala khona okwethutyana,+ waya kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova,+  wothi ke alungiselele egameni likaYehova uThixo wakhe njengabazalwana bakhe bonke, abaLevi, abamiyo khona phambi koYehova.+  Wodla isabelo esilinganayo nesabanye,+ ngaphandle koko akufumana kwizinto azithengisayo empahleni yamanyange.  “Wakuba ungenile kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, uze ungafundi ukwenza izinto ezicekisekayo zezo ntlanga.+ 10  Maze kungafunyanwa namnye kuwe udlulisa unyana wakhe okanye intombi yakhe emlilweni,+ novumisayo,+ noqhelisela umlingo,+ nohlaba izihlabo+ nokhafulayo,+ 11  nobopha ngoomabophe,+ nobuza koneshologu,+ noyinkunkqele ekuxeleni iziganeko kwangaphambili,+ nobuzisa kwabafileyo.+ 12  Kuba uYehova uyamcekisa wonke ubani ozenzayo ezi zinto, yaye kungenxa yezi zinto zicekisekayo le nto uYehova uThixo wakho azigxothayo  phambi kwakho.+ 13  Uze ungqineke ungenasiphoso kuYehova uThixo wakho.+ 14  “Kuba ezi ntlanga uhlutha ilizwe lazo zaziphulaphula abo baqhelisela umlingo+ nabavumisi;+ kodwa wena, akakunikanga nantoni na enjengaleyo uYehova uThixo wakho.+ 15  UYehova uThixo wakho uya kunivelisela umprofeti, phakathi kwenu, kubazalwana benu, onjengam—nize nimphulaphule+ 16  njengako konke owakucelayo kuYehova uThixo wakho eHorebhe ngomhla wokudibana kwebandla,+ usithi, ‘Mandingaliva kwakhona ilizwi likaYehova uThixo wam, nalo mlilo mkhulu mandingabi sawubona, ukuze ndingafi.’+ 17  Wathi ke uYehova kum, ‘Bathethe kakuhle.+ 18  Ndiya kubavelisela umprofeti ophuma phakathi kwabazalwana babo, onjengawe;+ yaye eneneni ndiya kuwabeka amazwi am emlonyeni wakhe,+ aze ngokuqinisekileyo athethe kubo konke endiya kumyalela kona.+ 19  Kothi ke umntu othe akawaphulaphula amazwi am aya kuwathetha egameni lam, mna ngokwam ndiya kufuna ingxelo kuye ngako oko.+ 20  “‘Ke yena umprofeti ofane nje wacinga ukuthetha egameni lam ilizwi endingamyalelanga ukuba alithethe+ nothe wathetha egameni lathixo bambi,+ loo mprofeti umele afe.+ 21  Xa ke uthe entliziyweni yakho: “Siya kwazi njani na ukuba ilizwi elo akalithethanga uYehova?”+ 22  ilizwi athe walithetha umprofeti egameni likaYehova laza alenzeka okanye alazaliseka, lilo elo ilizwi angalithethanga uYehova. Uthethe ngokukhukhumala umprofeti lowo.+ Uze ungothuswa nguye.’+

Umbhalo osemazantsi