I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Duteronomi 17:1-20

17  “Uze ungabingeleli kuYehova uThixo wakho inkunzi yenkomo okanye igusha enesiphene, nayo nantoni na embi; ngokuba oko ukucekisile uYehova uThixo wakho.+  “Xa kuthe kwafunyanwa phakathi kwenu, kwesinye sezixeko akunika zona uYehova uThixo wakho, indoda okanye ibhinqa elenze okubi emehlweni kaYehova uThixo wakho, lawugqitha umnqophiso wakhe,+  laya lanqula thixo bambi laqubuda kubo okanye laqubuda elangeni okanye enyangeni okanye kumkhosi wonke wamazulu,+ nto leyo endingayiyalelanga,+  waxelelwa ke, weva, waphanda ngokucokisekileyo, yaye khangela! oku kufumaniseke kuyinyaniso,+ yenzekile le nto icekisekayo kwaSirayeli!  uze uyikhuphele ngaphandle kwamasango akho loo ndoda okanye elo bhinqa lenze le nto imbi, ewe, indoda leyo okanye ibhinqa elo, lixulube ngamatye life.+  Ofanelwe kukufa wobulawa ngomlomo wamangqina amabini nokuba ngamangqina amathathu.+ Makangabulawa ngomlomo wengqina elinye.+  Kofika kuqala kuye isandla samangqina ukumbulala, kufike isandla sabantu bonke emva koko;+ ubutshayele ke ububi bungabikho phakathi kwakho.+  “Xa ithe yakunqabela indlela yokugweba umbandela othile,+ obandakanya ukuphalazwa kwegazi,+ okanye ibango elisemthethweni,+ okanye isenzo sogonyamelo, okanye impikiswano,+ emasangweni akho, uze usuke unyuke uye kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho,+  uye kubabingeleli,+ abaLevi, nakumgwebi+ oya kubakho ngaloo mihla, ubuze, bakunike ilizwi lokugweba.+ 10  Uze wenze ngokwelizwi abaya kukunika lona bekuloo ndawo aya kuyinyula uYehova; yaye umele ukunyamakele ukwenza ngako konke abaya kukuyalela kona. 11  Ngokomthetho abaya kukubonisa wona, nangokwesigwebo abaya kusithetha kuwe, uze wenjenjalo.+ Ungaphambuki kulo ilizwi abaya kukunika lona, uye ekunene okanye ekhohlo.+ 12  Umntu othe wakhukhumala ngokuthi angamphulaphuli umbingeleli lowo omiyo, olungiselela khona kuYehova uThixo wakho, nomgwebi lowo,+ makafe+ loo mntu; ubutshayele ububi kwaSirayeli.+ 13  Bova ke bonke abantu baze boyike,+ bangabi sakhukhumala kwakhona. 14  “Xa uthe ekugqibeleni wafika kulo ilizwe akunika lona uYehova uThixo wakho, walihlutha, wahlala kulo,+ wathi, ‘Mandizimisele ukumkani njengazo zonke iintlanga ezindijikelezileyo’;+ 15  wozimisela ukumkani aya kumnyula+ uYehova uThixo wakho. Uze uzimisele ukumkani wakubazalwana bakho. Akuyi kuvunyelwa ukuba uzimisele owasemzini ongengomzalwana wakho. 16  Kuphela nje makangazandiseli mahashe,+ angababuyiseli abantu eYiputa ukuze andise amahashe;+ ngokuba uYehova uthe kuni, ‘Ningaze nibuye ngale ndlela kwakhona.’ 17  Makangazandiseli bafazi, ukuze ingaphambuki intliziyo yakhe;+ angazandiseli kakhulu nasilivere nagolide.+ 18  Wothi xa athe wahlala etroneni yobukumkani bakhe, azikhuphelele encwadini umbhalo walo mthetho ethabatha kulowo uphathwa ngababingeleli, abaLevi.+ 19  “Umele uhlale kuye, awufunde imihla yonke yobomi bakhe,+ ukuze afunde ukumoyika uYehova uThixo wakhe nokuwagcina onke amazwi alo mthetho nale mimiselo ukuba ayenze;+ 20  ukuze ingaphakami intliziyo yakhe phezu kwabazalwana bakhe,+ angatyeki emyalelweni aye ekunene okanye ekhohlo,+ aze ayolule imihla yakhe ebukumkanini+ bakhe, yena noonyana bakhe phakathi kukaSirayeli.

Umbhalo osemazantsi