I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Duteronomi 16:1-22

16  “Yigcine inyanga enguAbhibhi,+ ubhiyozele ipasika kuYehova uThixo wakho,+ ngokuba wakukhupha ngenyanga enguAbhibhi uYehova uThixo wakho eYiputa ebusuku.+  Uze ubingelele ipasika kuYehova uThixo wakho,+ uthabathe emhlambini weegusha nasemhlambini weenkomo,+ kuloo ndawo uYehova aya kuyinyulela ukuba alibeke kuyo igama lakhe.+  Uze ungadli nto inegwele kunye nayo kangangeentsuku ezisixhenxe.+ Ufanele uyidle kunye namaqebengwana angenagwele, isonka senkxwaleko, ngokuba waphuma ngokungxama ezweni laseYiputa,+ ukuze uwukhumbule umhla wokuphuma kwakho ezweni laseYiputa yonke imihla yobomi bakho.+  Makungabonwa gwele kummandla wakho wonke kangangeentsuku ezisixhenxe,+ yaye inyama ebingelelwa ngengokuhlwa yosuku lokuqala mayingahlali ubusuku bonke kude kuse.+  Akuyi kuvunyelwa ukuba uyibingelele ipasika nokuba kukwesiphi na sezixeko akunika zona uYehova uThixo wakho.  Kodwa kuloo ndawo uYehova uThixo wakho aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe,+ woyibingelela apho ipasika ngokuhlwa ukutshona nje kwelanga,+ ngexesha elimisiweyo lokuphuma kwakho eYiputa.  Uze uyipheke, uyidlele+ kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova uThixo wakho,+ ubuye kusasa uye ezintenteni zakho.  Wodla amaqebengwana angenagwele iintsuku ezintandathu; ke ngosuku lwesixhenxe kuya kubakho indibano engcwele kaYehova uThixo wakho.+ Uze ungenzi namnye umsebenzi.  “Uze uzibalele iiveki ezisixhenxe. Woqala ukuzibala ezi veki zisixhenxe ukususela ekuqaleni kokufakwa kwerhengqa ekudleni okuziinkozo okungekavunwa.+ 10  Wandule ubhiyozele umthendeleko weeveki kuYehova uThixo wakho,+ ngokomlinganiselo womnikelo wokuzithandela wesandla sakho oya kuwunikela, ngokokusikelelwa kwakho nguYehova uThixo wakho.+ 11  Yaye uze ube nemihlali phambi koYehova uThixo wakho,+ wena nonyana wakho nentombi yakho nekhoboka lakho nekhobokazana lakho nomLevi osemasangweni akho nomphambukeli+ nenkwenkwe engenayise+ nomhlolokazi,+ abaphakathi kwenu, kuloo ndawo aya kuyinyulela ukulibeka kuyo igama lakhe uYehova uThixo wakho.+ 12  Uze ukhumbule ukuba wawulikhoboka eYiputa,+ uyigcine, uyenze le mimiselo.+ 13  “Uze ubhiyozele umthendeleko weminquba+ iintsuku zibe sixhenxe ekubutheni kwakho esandeni sakho nasesixovulelweni sakho seoli nesewayini. 14  Yiba nemihlali emthendelekweni+ wakho, wena nonyana wakho nentombi yakho nekhoboka lakho nekhobokazana lakho nomLevi nomphambukeli nenkwenkwe engenayise nomhlolokazi, abasemasangweni akho. 15  Wowubhiyozela iintsuku ezisixhenxe umthendeleko+ lowo kaYehova uThixo wakho kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova, ngokuba uYehova uThixo wakho uya kukusikelela+ kuyo yonke imveliso yakho nakuko konke esikwenzayo isandla sakho, uzaliswe luvuyo kuphela.+ 16  “Kathathu ngonyaka mayibonakale yonke into eyindoda phambi koYehova uThixo wakho kuloo ndawo aya kuyinyula:+ ngomthendeleko wamaqebengwana angenagwele+ nangomthendeleko weeveki+ nangomthendeleko weminquba,+ yaye mayingabonakali ilambatha+ phambi koYehova. 17  Isipho sayo nganye masibe ngokwentsikelelo akunike yona uYehova uThixo wakho.+ 18  “Uze uzimisele abagwebi+ namagosa+ phakathi kwawo onke amasango owanikwe nguYehova uThixo wakho ngokwezizwe zakho, bagwebe abantu ngobulungisa. 19  Uze ungasijiki isigwebo.+ Ungakhethi buso+ okanye wamkele isinyobo, kuba isinyobo simfamekisa amehlo ezilumko,+ sigqwethe amazwi amalungisa. 20  Okusesikweni—okusesikweni uze ukusukele,+ ukuze uhlale uphila yaye ulidle ilifa ilizwe elo akunika lona uYehova uThixo wakho.+ 21  “Uze ungazityaleli naluphi na uhlobo lomthi njengesibonda esingcwele kufuphi nesibingelelo sikaYehova uThixo wakho oya kuzenzela sona.+ 22  “Ungazimiseli intsika engcwele,+ nto leyo ayithiyileyo uYehova uThixo wakho.+

Umbhalo osemazantsi