I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Duteronomi 13:1-18

13  “Xa kuthe kwavela phakathi kwakho umprofeti+ okanye umphuphi wamaphupha,+ wakunika umqondiso okanye umhlola,+  kuze ke kwenzeke ngokomqondiso okanye umhlola awuthethileyo kuwe,+ esithi, ‘Masilandele thixo bambi, ongabaziyo, sibakhonze,’  uze ungawaphulaphuli amazwi aloo mprofeti okanye loo mphuphi wamaphupha,+ ngokuba sukuba enivavanya+ uYehova uThixo wenu ukuze azi ukuba niyamthanda na uYehova uThixo wenu ngentliziyo yenu yonke nangomphefumlo wenu wonke.+  Nize nilandele uYehova uThixo wenu, noyike yena, nigcine imiyalelo yakhe, niphulaphule ilizwi lakhe, nikhonze yena, ninamathele kuye.+  Ke loo mprofeti+ okanye loo mphuphi wamaphupha makabulawe,+ kuba ethethe ngemvukelo ngoYehova uThixo wenu, onikhuphileyo ezweni laseYiputa waza wanikhulula endlwini yamakhoboka, ukuze akuwexule endleleni akuyalele ngayo uYehova uThixo wakho ukuba uhambe ngayo;+ uze ubutshayele ke ububi bungabikho phakathi kwakho.+  “Xa athe umntakwenu, umntakanyoko, okanye unyana wakho okanye intombi yakho okanye umfazi omnonophelayo okanye iqabane lakho elinjengomphefumlo wakho kuwe,+ lazama ukukulukuhla emfihlekweni, lisithi, ‘Masiye kukhonza thixo bambi,’+ ongabazanga, wena nookhokho bakho,  koothixo bezizwana eziningqongileyo, ezikufuphi kuwe nokuba zezikude nawe, ukususela esiphelweni selizwe kuse esiphelweni selizwe,  uze ungavumelani naye okanye umphulaphule,+ lingabi nosizi iliso lakho ngaye, ungabi nemfesane ngaye,+ ungamkhuseli;  kodwa ufanele umbulale afe.+ Kufanele kufike esakho isandla kuye kuqala ukuba simbulale, kwandule ukufika esabantu bonke isandla emva koko.+ 10  Uze umxulube ngamatye afe,+ ngokuba efune ukukuwexula kuYehova uThixo wakho, okukhuphileyo ezweni laseYiputa, endlwini yamakhoboka.+ 11  Ngoko uya kuva wonke uSirayeli aze oyike, angaphindi enze nantoni na embi njengaleyo phakathi kwakho.+ 12  “Xa uthe weva kwesinye sezixeko zakho, akunika zona uYehova uThixo wakho ukuba uhlale kuzo, kusithiwa, 13  ‘Kuphume amadoda angamatshivela phakathi kwakho,+ awexula abemi besixeko sawo,+ esithi: “Masiye kukhonza thixo bambi,” eningabazanga,’ 14  uze uphande, uhlolisise, ubuzise ngokucokisekileyo;+ yaye ukuba oko kuyinyaniso, kwafumaniseka ukuba yenzekile into leyo ecekisekayo phakathi kwakho, 15  umele ubaxabele ngenene abemi beso sixeko ngohlangothi lwekrele.+ Uze usitshabalalise+ ngohlangothi lwekrele, sona nento yonke ekuso, kwanezilwanyana zaso zasekhaya. 16  Wowabuthela onke amaxhoba aso esazulwini sendawo yaso yembutho, usitshise ngomlilo eso sixeko+ namaxhoba aso onke njengomnikelo opheleleyo kuYehova uThixo wakho, sibe yimfumba yamanxuwa ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Sifanele singaze sibuye sakhiwe. 17  Esandleni sakho makunganamatheli nento le kwezi zinto zenziwe ngcwele ngokwahlulelwa,+ ukuze abuye uYehova ekuvutheni komsindo wakhe+ aze eneneni abe nenceba kuwe, athi ngokuqinisekileyo abonakalise inceba+ kuwe yaye akwandise, kanye njengoko wafungayo kookhokho bakho.+ 18  Ngoko ke uze uliphulaphule ilizwi likaYehova uThixo wakho, uyigcine yonke imiyalelo+ yakhe endikuyalela yona namhlanje, ukuba wenze okulungileyo emehlweni kaYehova uThixo wakho.+

Umbhalo osemazantsi