I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Daniyeli 3:1-30

3  UNebhukadenetsare ukumkani wenza umfanekiso+ wegolide, ukuphakama kwawo kwakuziikubhite ezingamashumi amathandathu, ububanzi bawo buziikubhite ezintandathu. Wawumisa ethafeni laseDura kwiphondo laseBhabhiloni.+  Waza uNebhukadenetsare wathumela ukuba kuhlanganiswe amabamba, nabathetheli,+ neerhuluneli, nabacebisi, noonondyebo, nabagwebi, nabaqondisi-mthetho,+ nabo bonke abalawuli bamaphondo, beze ekusungulweni+ komfanekiso abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani.  Ahlanganisana ke amabamba,+ nabathetheli, neerhuluneli, nabacebisi, noonondyebo, nabagwebi, nabaqondisi-mthetho, nabo bonke abalawuli bamaphondo, ukuze kusungulwe umfanekiso abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani, baza bema phambi komfanekiso abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani.  Waza ummemezi+ wadanduluka kakhulu esithi: “Kuthiwa kuni zizwana, nani zintlanga, neelwimi,+  xa nithe neva isandi sesigodlo, nesempempe, nesekitare, nesohadi olunxantathu, nesomrhubhe, nesempempe enengxowa, nesazo zonke iintlobo zezixhobo zomculo,+ yiwani phantsi ninqule umfanekiso wegolide awumisileyo uNebhukadenetsare ukumkani.  Nabani na ongawanga phantsi, anqule,+ uya kuphoswa ngawo loo mzuzu+ ezikweni elivutha umlilo.”+  Ngoko ke, sathi sakuvakala isandi sesigodlo, nesempempe, nesekitare, nesohadi olunxantathu, nesomrhubhe, nesazo zonke iintlobo zezixhobo zomculo, zawa phantsi ngaxeshanye zonke izizwana,+ neentlanga, neelwimi, zanqula umfanekiso wegolide abewumisile uNebhukadenetsare ukumkani.  Kwathi kanye ngelo xesha, kwasondela amaKhaledi athile aza amangalela amaYuda.+  Athi kuNebhukadenetsare ukumkani: “Phila ngonaphakade kumkani.+ 10  Wena ngokwakho, kumkani, uwise umyalelo wokuba wonke umntu ova isandi sesigodlo, nesempempe, nesekitare, nesohadi olunxantathu, nesomrhubhe, nesempempe enengxowa, nesazo zonke iintlobo zezixhobo zomculo,+ ufanele awe phantsi anqule umfanekiso wegolide; 11  nokuba nabani na ongawanga phantsi anqule ufanele aphoswe ezikweni elivutha umlilo.+ 12  Kukho maYuda athile owamiseleyo ukuba alawule iphondo laseBhabhiloni,+ uShadraki, uMeshaki noAbhednego; la madoda omeleleyo akakunanzanga wena, kumkani, akabakhonzi oothixo bakho, nomfanekiso wegolide owumisileyo akawunquli.”+ 13  Waqumba uNebhukadenetsare, wavutha ngumsindo,+ wathi mabaziswe ooShadraki, noMeshaki, noAbhednego.+ Aziswa ke la madoda omeleleyo phambi kokumkani. 14  Wathi uNebhukadenetsare kubo: “Kunjalo ngokwenene na, Shadraki, Meshaki nawe Abhednego, ukuthi anibakhonzi oothixo bam,+ nomfanekiso wegolide endiwumisileyo aniwunquli?+ 15  Ke ukuba nithe ngoku nalungela ukuthi xa nisiva isandi sesigodlo, nesempempe, nesekitare, nesohadi olunxantathu, nesomrhubhe, nesempempe enengxowa, nesazo zonke iintlobo zezixhobo zomculo,+ niwe phantsi ninqule umfanekiso endiwenzileyo, kolunga. Kodwa ukuba aninquli, ngawo lo mzuzu niya kuphoswa ezikweni elivutha umlilo. Yaye nguwuphi na uthixo onokunihlangula ezandleni zam?”+ 16  UShadraki, noMeshaki, noAbhednego baphendula bathi kukumkani: “Owu Nebhukadenetsare, akuyomfuneko ukuba sikuphendule koku.+ 17  Ukuba kumele kube njalo uThixo wethu esimkhonzayo, unako ukusihlangula. Uya kusihlangula ezikweni elivutha umlilo, nasesandleni sakho kumkani.+ 18  Kodwa ukuba akunjalo, makwazeke kuwe, kumkani, ukuba asiyi kubakhonza oothixo bakho, nomfanekiso wegolide owumisileyo asiyi kuwunqula.”+ 19  Ngoko wavutha ngumsindo uNebhukadenetsare, nembonakalo yobuso bakhe yatshintsha ngakuShadraki, noMeshaki, noAbhednego. Wathi iziko malenziwe shushu ngokuphindwe kasixhenxe kunesiqhelo. 20  Waza wayalela amadoda athile omeleleyo nanamandla+ emkhosini wakhe wamajoni ukuba abophe uShadraki, noMeshaki, noAbhednego, aze abaphose ezikweni elivutha umlilo.+ 21  Abotshwa ke la madoda omeleleyo eneengubo zawo zokwaleka, nezambatho zawo neminqwazi yawo nezinye izinxibo zawo aza aphoswa ezikweni elivutha umlilo. 22  Kwathi, ngenxa yokuba ilizwi lokumkani belingqongqo, lenziwa lashushu ngokugqithiseleyo iziko, kangangokuba loo madoda omeleleyo ayephosa uShadraki, noMeshaki, noAbhednego abulawa ngamadangatye omlilo. 23  Kodwa bona bobathathu uShadraki, noMeshaki, noAbhednego, bawela phakathi bebotshiwe ezikweni elivutha umlilo.+ 24  Wothuka uNebhukadenetsare ukumkani waza waphakama ngokukhawuleza. Wathi kumagosa akhe aphakamileyo asebukhosini: “Besingaphosanga amadoda omeleleyo amathathu ebotshiwe phakathi emlilweni?”+ Aphendula athi kukumkani: “Kunjalo, kumkani.” 25  Wathi: “Khangelani! Ndibona amadoda amane omeleleyo ehambahamba ekhululekile phakathi emlilweni, engenzakalanga, yaye le yesine yona ifana nonyana woothixo ngembonakalo.”+ 26  Wandula ke uNebhukadenetsare wasondela esangweni leziko elivutha umlilo.+ Wathi: “Shadraki, Meshaki, nawe Abhednego, bakhonzi bOyena Thixo Uphakamileyo,+ phumani nize apha!” Baphuma ke uShadraki, noMeshaki, noAbhednego emlilweni. 27  Ahlanganisana amabamba, nabathetheli, neerhuluneli, namagosa aphakamileyo+ kakumkani, aza abona ukuba umlilo awubanga namandla emizimbeni+ yala madoda omeleleyo, yaye kwakungarhawukanga nonwele olu lwentloko yawo,+ kwaneengubo zawo zokwaleka zazingatshintshanga, engenalo nevumba eli lomlilo. 28  Wasuka wadanduluka uNebhukadenetsare wathi: “Makabongwe uTHIXO kaShadraki, kaMeshaki noAbhednego,+ othumele ingelosi yakhe+ yaza yabahlangula abakhonzi bakhe abakholose ngaye,+ nabathe balitshitshisa ilizwi lokumkani, baxolela ukunikela ngemizimba yabo kunokuba  bakhonze+ okanye banqule+ nawuphi na uthixo ngaphandle koThixo wabo.+ 29  Yaye ndikhupha umyalelo+ wokuba zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi ezithetha nantoni na ephosakeleyo ngoTHIXO kaShadraki, kaMeshaki noAbhednego, zifanele zixhaxhwe,+ nezindlu zazo zenziwe indawo yangasese kawonke-wonke;+ kuba akukho thixo wumbi unako ukuhlangula ngale ndlela.”+ 30  Ngoko ukumkani wabenza banempumelelo ooShadraki, noMeshaki, noAbhednego kwiphondo laseBhabhiloni.+

Umbhalo osemazantsi