I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Daniyeli 12:1-13

12  “Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli,+ inkosana enkulu+ emela+ oonyana babantu bakowenu.+ Kwaye ngokuqinisekileyo kuya kubakho ixesha lokubandezeleka ekungazange kubekho linjengalo ukususela oko lwabakhoyo uhlanga kude kube lelo xesha.+ Ngelo xesha ke abantu bakowenu baya kusinda,+ bonke abo bafunyenwe bebhaliwe encwadini.+  Abaninzi kwabo balele eluthulini lomhlaba baya kuvuka,+ abanye baya kuvukela kubomi obuhlala ngokungenammiselo+ baze abanye bavukele kubomi behlazo nobenyanyekayo bexesha elingenammiselo.+  “Abo ke banengqiqo baya kukhanya njengokuqaqamba kwesibhakabhaka;+ baze abo bakhokelele abaninzi ebulungiseni+ bakhazimle njengeenkwenkwezi ngonaphakade kanaphakade.  “Wena ke, Daniyeli, wagcine eyimfihlelo la mazwi, uyitywine incwadi leyo,+ kude kube lixesha lesiphelo.+ Abaninzi baya kuphengulula, yaye ulwazi lokwenyaniso luya kuba luninzi.”+  Mna Daniyeli, ndabona amanye amadoda amabini emi+ elunxwemeni lomsinga ngapha nangapha.+  Enye ke yathi kwindoda eyambethe ilinen,+ ebiphezu kwamanzi omsinga: “Kuya kude kube nini na ukuphela kwezi zinto zimangalisayo?”+  Ndayiva indoda eyambethe ilinen, ebiphezu kwamanzi omsinga, njengoko yayiphakamisela isandla sayo sokunene nesasekhohlo emazulwini yaza yafunga+ Lowo uphila ixesha elingenammiselo, isithi:+ “Kuya kuba lixesha elimisiweyo, namaxesha amisiweyo anesiqingatha.+ Yaye kamsinya nje kwakuba kugqityiwe ukwaphulwa kwamandla abantu abangcwele,+ zonke ezi zinto ziya kuzaliseka.”  Ndakuva oko, kodwa andakuqonda;+ ngoko ke ndathi: “Owu nkosi yam, soba yintoni na isiphelo sayo yonke le nto?”+  Yona yahlabela mgama yathi: “Hamba, Daniyeli, kuba la mazwi aya kugcinwa eyimfihlelo, atywinwe kude kube lixesha lesiphelo.+ 10  Abaninzi baya kuzihlambulula,+ bazenze mhlophe,+ baze basulungekiswe.+ Ke bona abangendawo ngokuqinisekileyo baya kwenza ngokungendawo,+ bangaqondi konke konke;+ kodwa bona abanengqiqo baya kuqonda.+ 11  “Ukususela kwixesha lokupheliswa+ kombingelelo owenziwa rhoqo+ kwaza kwabekwa into elizothe+ lesiphanziso, yoba ziintsuku eziliwaka elinamakhulu amabini anamashumi asithoba. 12  “Unoyolo+ lowo uhlala elindile kude kufike iintsuku eziliwaka elinamakhulu amathathu anamashumi mathathu anesihlanu! 13  “Wena ke, qhubeka kude kube sekupheleni;+ uya kuphumla,+ kodwa uya kubuya uvuke, wamkele isabelo selifa lakho ekupheleni kwemihla.”+

Umbhalo osemazantsi