I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Daniyeli 10:1-21

10  Ngonyaka wesithathu kaKoreshi+ ukumkani wasePersi, uDaniyeli ogama linguBheleteshatsare;+ watyhilelwa udaba oluthile, oluyinyaniso, noluphathelele umkhosi omkhulu.+ Waluqonda olo daba, wawuqonda nombono lowo.+  Ngaloo mihla mna, Daniyeli, ndandizilile+ kangangeeveki ezintathu.  Andidlanga sonka simnandi, akungenanga nyama okanye wayini emlonyeni wam, yaye andizithambisanga zada zaphela iiveki ezintathu.+  Kwaye ngomhla wamashumi amabini anesine wenyanga yokuqala, ngoxa ndandiseludongeni lomlambo omkhulu, oko kukuthi, iHidekeli,+  ndawaphakamisa amehlo am ndaza ndabona indoda ethile eyayambethe ilinen,+ ibhinqe esinqeni+ sayo igolide yaseUfazi.+  Umzimba wayo wawunjengekrizolite,+ ubuso bayo bunjengembonakalo yombane,+ amehlo ayo enjengezikhuni zomlilo,+ iingalo zayo neenyawo zayo zinjengobhedu olumenyezelisiweyo,+ ilizwi layo linjengesandi sesihlwele.  Lo mbono ke wabonwa ndim ndedwa, mna Daniyeli; wona amadoda endandikunye nawo akazange awubone.+ Asuka afikelwa luloyiko olukhulu, aza abaleka aya kuzimela.  Ndaza mna—ndasala ndedwa, ndawubona ke lo mbono mkhulu. Ndaphelelwa ngamandla, nobuso bam bambatsha.+  Ndayiva ithetha; ndathi ndisaphulaphule ndalala yoyi,+ ubuso bam bubheke emhlabeni.+ 10  Ndeva ndichukunyiswa sisandla,+ sandiphakamisa ndaguqa ngamadolo ndaza ndaxhathisa ngeentende zezandla zam. 11  Yathi kum: “Daniyeli, wena ndoda inqweneleka kakhulu,+ phakama ume apho ubumi khona, uze uwagqale la mazwi ndiza kukuxelela wona,+ kuba ndithunywe kuwe.” Yakutsho ke ndaphakama, ndingcangcazela. 12  Yahlabela mgama yathi kum: “Musa ukoyika,+ Daniyeli, kuba kususela kumhla wokuqala owayinikelayo intliziyo yakho ekuqondeni+ nasekuzithobeni kwakho phambi koThixo+ wakho amazwi akho avakele, ngoko ke ndize ngenxa yamazwi akho.+ 13  Kodwa inkosana+ yommandla wasebukhosini wasePersi+ yamelana+ nam iintsuku ezingamashumi amabini ananye, wada uMikayeli,+ omnye weenkosana ezibalaseleyo,+ weza kundinceda; wandikhulula apho ndandithintelwe khona ngakookumkani basePersi.+ 14  Ngoko ke ndize kukuchazela izinto eziya kuhlela abantu bakowenu+ ekupheleni kwemihla,+ kuba lo mbono+ usengowemihla ezayo.”+ 15  Ithe ke yakutsho, ndajonga phantsi+ ndisikwe umlomo. 16  Wasuka othile ofana noonyana babantu wachukumisa imilebe yam,+ ndaza ndawuvula umlomo wam ndathetha+ ndathi kulowo wayemi phambi kwam: “Owu nkosi yam,+ lo mbono unditsho ndonganyelwa kukoyika, ndaphelelwa nangamandla.+ 17  Ndikwaze njani na ke ngoku mna mkhonzi wakho, ukuthetha nawe nkosi yam?+ Kude kube ngoku bendiphelelwe ngamandla, kungasekho mpefumlo iseleyo konke konke kum.”+ 18  Waphinda wandichukumisa lowo unembonakalo enjengeyomntu wasemhlabeni, wandomeleza.+ 19  Wandula ke wathi: “Musa ukoyika,+ ndoda inqweneleka kakhulu.+ Ngamana ungaba noxolo.+ Yomelela, ewe, yomelela.”+ Akuba etshilo ndomelela ndaza ekugqibeleni ndathi: “Ungathetha nkosi yam,+ kuba undomelezile.”+ 20  Ngoko wahlabela mgama wathi: “Uyazi ngokwenene na ukuba ndizeleni kuwe? Yaye ngoku ndiza kubuya ndiye kulwa nenkosana yasePersi.+ Xa ndisimka kuya kuza nenkosana yaseGrisi.+ 21  Noko ke, ndiza kukuxelela izinto ezibhalwe phantsi embhalweni wenyaniso,+ yaye akukho namnye undixhasayo ekulweni nazo ngaphandle kukaMikayeli,+ inkosana yenu.+

Umbhalo osemazantsi