I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Amosi 8:1-14

8  Yenjenje ukundibonisa iNkosi enguMongami uYehova, yaye, khangela! nantso ingobozi ineziqhamo zasehlotyeni.+  Yandula ke yathi: “Ubona ntoni na,+ Amosi?” Ndathi: “Ingobozi eneziqhamo zasehlotyeni.”+ Waza uYehova wahlabela mgama wathi kum: “Isiphelo sibafikele abantu bam amaSirayeli.+ Andisayi kuba sabaxolela ngokubhekele phaya.+  ‘Neengoma zetempile okunene ziya kuba kukubhomboloza ngaloo mini,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova. ‘Kuya kubakho izidumbu ezininzi.+ Ngokuqinisekileyo ziya kulahlwa kuyo yonke indawo—kuthi tu!’  “Yivani oku, nina nilingqavulayo ihlwempu,+ nokuze nibaphelise abalulamileyo emhlabeni,+  nisithi, ‘Kuya kudlula nini ukuthwasa kwenyanga+ size sithengise ukudla okuziinkozo?+ Kanjalo, nesabatha,+ size sithengise ingqolowa; ukuze sinciphise iefa+ nokuze sikhulise ishekele nokuze sigqwethe izikali zibe zezenkohliso;+  ukuze sithenge abantu abasweleyo ngesilivere nehlwempu ngexabiso leembadada ezimbini, nokuze sithengise umdlungu nje wokudla okuziinkozo?’+  “UYehova ufunge uKongama kukaYakobi,+ esithi, ‘Andisayi kuze ndiyilibale imisebenzi yabo yonke.+  Aliyi kuphazamiseka ngenxa yoku na ihlabathi,+ kufuneke bazile bonke abemi balo;+ lize, lonke, ngokuqinisekileyo linyuke kanye njengomNayile, lilatyuze, liwuthe njengomNayile waseYiputa?’+  “‘Kuya kuthi ngaloo mini,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘ndenze ukuba litshone ilanga emini enkulu,+ ndibangele nobumnyama elizweni ngemini eqaqambileyo. 10  Ndiza kuyijika imithendeleko yenu ibe kukuzila+ nazo zonke iingoma zenu zibe sisimbonono, kwaye ndiza kuzinxibisa amarhonya izinqe zonke ndize ndizichebe inkqayi iintloko zonke;+ yaye ndiza kuyenza imeko ibe njengokuzilela unyana okuphela kwakhe,+ nokuphela kwako kube njengemini ekrakra.’ 11  “‘Khangela! Kuza imihla,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, ‘yaye ndiza kuthumela indlala elizweni, kungekhona indlala yesonka, kungekhona ukunxanelwa amanzi, kodwa kube kokokuva amazwi kaYehova.+ 12  Ngokuqinisekileyo baya kubhadula ukususela elwandle ukuya kutsho elwandle, nokususela emntla kuse empumalanga. Baya kusingasinga befuna ilizwi likaYehova, kodwa abayi kulifumana.+ 13  Ngaloo mini iintombi ezinyulu ezintle ziya kuwa isiduli, nabafana, ngenxa yonxano;+ 14  abo bafunga ngokuba netyala kweSamariya,+ besithi: “Ephila nje uthixo wakho, wena Dan!”+ baze bathi, “Iphila nje indlela yaseBher-shebha!”+ Kwaye ngokuqinisekileyo baya kuwa, yaye abasayi kuvuka kwakhona.’”+

Umbhalo osemazantsi