I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Amosi 6:1-14

6  “Yeha abo bahleli ngokukhululeka+ eZiyon nabo bakholose ngentaba yaseSamariya! Bangababalaseleyo kwinxalenye eyintloko yeentlanga, kwaye indlu kaSirayeli ifikile kubo.  Yiyani eKalene, nize nibone; sukani apho niye eHamati enkulu,+ nize nihle niye eGati+ yamaFilisti. Zilunge ngakumbi na kunezi zikumkani, okanye ummandla wazo mkhulu na kunommandla wenu?+  Niyayikhupha na engqondweni yenu imini yentlekele,+ yaye nisondeza indawo yokuhlala yogonyamelo na?+  Nina balala ezingqengqelweni zeempondo zeendlovu+ nabanabileyo emandlalweni wabo, nabadla iinkunzi zeegusha emhlambini namathole eenkunzi zeenkomo phakathi kwamathole atyetyisiweyo;+  abaqambayo ngokwesandi somrhubhe;+ abathi, njengoDavide, baziyilele izixhobo zengoma;+  abasela ngezitya zewayini,+ nabathambisa ngeyona oli intle,+ nabangakhange baguliswe sisihelegu sakwaYosefu.+  “Ngoko ke ngoku baya kuba phambili kwabo baya ekuthinjweni,+ nesiyunguma sabo banabileyo simele siphele.  “‘INkosi enguMongami uYehova ifunge umphefumlo wayo,’+ utsho uYehova uTHIXO wemikhosi, ukuthi, ‘“Ndiyalicekisa iqhayiya likaYakobi,+ neenqaba zakhe zokuhlala ndizithiyile,+ kwaye ndiza kusinikela isixeko noko sizaliswe kuko.+  Kuya kuthi ukuba kushiywe amadoda alishumi ndlwini-nye, nawo afe.+ 10  Uyisekazi kuya kufuneka athwale nganye nganye, yaye uya kutshisa nganye nganye, ukuze akhuphe amathambo endlwini.+ Yaye kuya kufuneka atsho kuye nabani na okwezona nxalenye zingaphakathi endlwini ukuthi, ‘Basekho na abangakumbi abakunye nawe?’ Ngokuqinisekileyo uya kuthi, ‘Akukho mntu!’ Kwaye kuya kufuneka athi, ‘Yithi cwaka! Kuba esi ayisosihlandlo sako nakuphi na ukukhankanywa kwegama likaYehova.’”+ 11  “‘Kuba yabona, uYehova uyayalela,+ yaye ngokuqinisekileyo uya kuxabela indlu enkulu ibe livithi nendlu encinane ibe bubutyobo.+ 12  “‘Amahashe aya kubaleka na phezu kwengxondorha, okanye uya kulima na ubani apho ngeenkomo? Kuba nijike okusesikweni+ kwaba sisityalo esinetyhefu, nesiqhamo sobulungisa saba ngumhlonyane, 13  nina banemihlali ngento engeyiyo;+ abathi: “Asizithabathelanga kuthi na iimpondo ngamandla ethu?”+ 14  Khangelani! Ndinivusela uhlanga,+ nina ndlu kaSirayeli,’ utsho uYehova uTHIXO wemikhosi, ‘yaye lumele lunicinezele ukususela ekungeneni eHamati+ kude kuse entlanjeni yaseArabha.’”

Umbhalo osemazantsi