I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Amosi 4:1-13

4  “Liveni eli lizwi, nina zimazi zeenkomo zaseBhashan,+ ezisentabeni yaseSamariya,+ eziqhatha izisweli,+ ezityumza amahlwempu, ezithi kwiinkosi zazo, ‘Zisani, sisele!’  INkosi enguMongami uYehova ifunge ubungcwele bayo yathi,+ ‘“Khangelani! Nizelwa yimihla, yaye ngokuqinisekileyo uya kuniphakamisa ngamagwegwe omxheli nenxalenye yokugqibela yenu ngamagwegwe okuloba iintlanzi.+  Niya kuphuma ngeentanda,+ ngamnye aye ngqo phambili; kwaye ngokuqinisekileyo niya kuphoswa eHarmon,” utsho uYehova.’  “‘Yizani eBheteli nize ninxaxhe.+ EGiligali nxaxhani ngokufuthi,+ nize nizise imibingelelo yenu kusasa; ngomhla wesithathu, izishumi zenu.+  Niqhumisele umbingelelo wemibulelo ngento enegwele,+ nibhengeze iminikelo yokuzithandela;+ kuvakaliseni oku, kuba leyo yindlela enithanda ngayo, nina nyana bakaSirayeli,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.  “‘Mna ndaninika ukucoceka kwamazinyo+ kuzo zonke izixeko zenu nokuswela isonka kuzo zonke iindawo zenu;+ kodwa anibuyelanga kum,’+ utsho uYehova.  “‘Mna ke, ndayithintela imvula kuni kuseziinyanga ezintathu ukuba kuvunwe;+ yaye ndayinisa kwesinye isixeko, kodwa kwesinye isixeko andayinisa. Esinye isiqwenga somhlaba sanelwa yimvula, kodwa kwesinye isiqwenga somhlaba endingayinisanga kuso kwakomile.+  Izixeko ezibini okanye ezithathu zibhadulele sixekweni sinye ukuze zisele amanzi,+ yaye zazinganeli; kodwa anibuyelanga kum,’+ utsho uYehova.  “‘Ndanibetha ngembalela nesihumba.+ Imiyezo yenu nezidiliya zenu zanda, kodwa imikhiwane yenu neminquma yenu yadliwa ngumbungu;+ ukanti anibuyelanga kum,’+ utsho uYehova. 10  “‘Ndathumela phakathi kwenu indyikitya yokufa ngokohlobo lwaleyo yaseYiputa.+ Ndabulala abafana benu ngekrele,+ ndathimba namahashe enu.+ Ndamana ndisenza ukuba ukunuka kakubi kweenkampu zenu kunyukele nasemathatheni enu;+ kodwa anibuyelanga kum,’+ utsho uYehova. 11  “‘Ndanibhukuqa, njengokubhukuqa kukaThixo iSodom neGomora.+ Yaye naba njengesikhuni esixhwilwe emlilweni;+ kodwa anibuyelanga kum,’+ utsho uYehova. 12  “Ngoko ke naku endiya kukwenza kuwe, Sirayeli. Ngenxa yokuba ndiya kwenza kanye le nto kuwe, zilungiselele ukuhlangana noThixo wakho,+ Sirayeli. 13  Kuba, khangela! uMyili weentaba+ noMdali womoya,+ Lowo uxelela umntu wasemhlabeni oko akuxhalabeleyo engqondweni yakhe,+ Lowo wenza isifingo sibe bubumnyama,+ Lowo unyathela kwiindawo eziphakamileyo zomhlaba,+ nguYehova uTHIXO wemikhosi igama lakhe.”+

Umbhalo osemazantsi