I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Amosi 3:1-15

3  “Liveni eli lizwi alithethileyo uYehova ngani,+ nyana bakaSirayeli, ngokuphathelele intsapho iphela endayinyusayo ezweni laseYiputa,+ ndisithi,  “Ndaze nina kuphela+ kuzo zonke iintsapho zomhlaba.+ Kungenxa yoko le nto ndiya kuniphendulisa ngazo zonke iziphoso zenu.+  “‘Baya kuhamba ndawonye na ababini ngaphandle kokuba benze idinga lokuhlangana?+  Iya kugquma na ingonyama ehlathini ingenalo ixhoba?+ Ingonyama entsha enesingci iya kulikhupha na ilizwi layo kwindawo yayo yokuzimela ukuba ayibambanga nto konke konke?  Iya kuwela esabatheni na intaka emhlabeni xa kungekho mgibe?+ Siyanyuka na emhlabeni isabatha xa singabambisanga nto ngokupheleleyo?  Ukuba kuvuthelwa isigodlo esixekweni, abathi na nabantu bangcangcazele?+ Ukuba kubakho intlekele esixekweni, asingoYehova na othabathe inyathelo?  Kuba iNkosi enguMongami uYehova ayiyi kwenza nto ngaphandle kokuba iwutyhilile umcimbi wayo oyimfihlo kubakhonzi bayo abaprofeti.+  Ingonyama igqumile!+ Ngubani na ongayi koyika? INkosi enguMongami uYehova ithethile! Ngubani na ongayi kuprofeta?’+  “‘Kuvakaliseni oku kwiinqaba zokuhlala zaseAshdode nakwiinqaba zokuhlala kwilizwe laseYiputa,+ nithi: “Hlanganisanani ndawonye ezintabeni zaseSamariya,+ nize nibone izidubedube ezininzi phakathi kwayo nokuqhatha okungaphakathi kwayo.+ 10  Abakwazanga ukwenza oko kuthe tye,”+ utsho uYehova, “abo baziqwebela ugonyamelo+ nokuphanga kwiinqaba zabo zokuhlala.”’ 11  “Ngoko ke itsho iNkosi enguMongami uYehova ukuthi, ‘Utshaba luyajikeleza elizweni apha,+ yaye ngokuqinisekileyo luya kuwahlisa amandla akho kuwe, neenqaba zakho zokuhlala okunene ziya kuphangwa.’+ 12  “Utsho uYehova ukuthi, ‘Kanye njengoko umalusi exhwila emlonyeni wengonyama amanqina amabini okanye isicwili sendlebe,+ ngoko oonyana bakaSirayeli baya kuxhwilwa, abo bahlala eSamariya kwisingqengqelo esimbejembeje+ nakumandlalo waseDamasko.’+ 13  “‘Yivani nize ninikele ubungqina+ endlwini kaYakobi,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova, uTHIXO wemikhosi. 14  ‘Kuba, ngemini yokumphendulisa kwam+ ngenxa yokuvukela kwakhe uSirayeli, ndiza kuziphendulisa nezibingelelo zaseBheteli;+ ngokuqinisekileyo iimpondo zesibingelelo ziya kunqunyulwa yaye zimele ziwele emhlabeni.+ 15  Ndiza kuxabela indlu yasebusika+ ukongezelela kwindlu yasehlotyeni.’+ “‘Nezindlu zeempondo zeendlovu kuya kufuneka zitshabalale,+ kwaye kuya kufuneka ziphele nezindlu ezininzi,’+ utsho uYehova.”

Umbhalo osemazantsi