I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Amosi 2:1-16

2  “Utsho uYehova ukuthi, ‘“Ngenxa yokuvukela kathathu kukaMowabhi,+ nangenxa yokuba kukane, andiyi kukubuyisa oku, ngenxa yokutshisa kwakhe amathambo okumkani wakwaEdom aba yikalika.+  Ndiza kuthumela umlilo kwaMowabhi, kwaye umele uziqwenge iinqaba zokuhlala zaseKeriyoti;+ yaye uMowabhi umele afe ngengxolo, ngokuhlaba umkhosi, ngesandi sesigodlo.+  Ndiza kumnqumla umgwebi phakathi kwakhe, nazo zonke iinkosana zakhe ndiya kuzibulala kunye naye,”+ utsho uYehova.’  “Utsho uYehova ukuthi, ‘Ngenxa yokuvukela kathathu kukaYuda,+ nangenxa yokuba kukane, andiyi kukubuyisa oku, ngenxa yokuwugatya kwabo umthetho kaYehova,+ nangenxa yokuba abazange bayigcine imimiselo yakhe; kodwa baphambukiswa bubuxoki babo,+ obo balandelwa ngookhokho babo.+  Ndiza kuthumela umlilo kwaYuda, yaye umele uziqwenge iinqaba zokuhlala zaseYerusalem.’+  “Utsho uYehova ukuthi, ‘Ngenxa yokuvukela kathathu kukaSirayeli,+ nangenxa yokuba kukane, andiyi kukubuyisa oku, ngenxa yokuthengisa kwabo ilungisa ngesilivere, nehlwempu ngexabiso leembadada ezimbini.+  Balangazelela uthuli lomhlaba kwintloko yabantu abasweleyo;+ nendlela yabantu abalulamileyo bayayijika;+ umntu noyise baye kwintombi enye,+ ngenjongo yokuhlambela igama lam elingcwele.+  Banaba phezu kwezambatho ezithinjwe njengesibambiso+ ngasezibingelelweni zonke;+ basela iwayini yabo bahlawulisiweyo endlwini yoothixo babo.’+  “‘Kodwa mna, ndambhubhisa umAmori+ ngenxa yabo, okuphakama kwakhe kwakunjengokuphakama kwemisedare, nowayenamandla njengemithi exandileyo;+ ndasibhubhisa isiqhamo sakhe phezulu neengcambu zakhe ngaphantsi.+ 10  Ndaninyusa kwilizwe laseYiputa,+ yaye ndanihambisa entlango iminyaka emashumi mane,+ ukuze nilidle ilifa ilizwe lomAmori.+ 11  Ndaqhubeka ndivelisa abathile koonyana benu ukuba babe ngabaprofeti+ nabathile kubafana benu ukuba babe ngamaNaziri+. Ngokwenene akufanele kube njalo na oku, nina bonyana bakaSirayeli?’ utsho uYehova. 12  “‘Kodwa nanika amaNaziri iwayini ukuba asele,+ nabaprofeti nababekela umyalelo, nisithi: “Nize ningaprofeti.”+ 13  Yabonani, ndiyakuhexisa oko kuphantsi kwenu, kanye njengokuhexa kwenqwelo ezele zizithungu ezisandul’ ukusikwa. 14  Nendawo yokusabela imele itshabalale konamendu,+ nowomeleleyo akayi kuwaqinisa amandla akhe, kungekho ndoda inamandla iya kuwusindisa umphefumlo wayo.+ 15  Nophatha isaphetha akayi kuma, nonyawo zinamendu akayi kubaleka, nomkhweli wehashe akayi kuwusindisa umphefumlo wakhe.+ 16  Yena ke lowo womeleleyo entliziyweni yakhe phakathi kwamadoda anamandla, uya kusaba ehamba ze ngaloo mini,’+ utsho uYehova.”

Umbhalo osemazantsi