Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Amosi 1:1-15

1  Amazwi ka-Amosi, owayephakathi kwabafuyi beegusha baseTekowa,+ awawabonayo ngokuphathelele uSirayeli+ ngemihla kaUziya+ ukumkani wakwaYuda nangemihla kaYerobhoham+ unyana kaYowashe,+ ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi kwenyikima yomhlaba.+  Wathi: “UYehova—uya kugquma eseZiyon,+ akhuphe ilizwi lakhe eseYerusalem;+ yaye amadlelo abalusi amele azile, uchochoyi lweKarmele lumele lome.”+  “Utsho uYehova ukuthi, ‘“Ngenxa yokuvukela kathathu kweDamasko,+ nangenxa yokuba kukane, andiyi kukubuyisa oku, ngenxa yokuyibhula kwabo iGiliyadi+ ngezixhobo zokubhula zentsimbi.  Ndiza kuthumela umlilo+ endlwini kaHazayeli,+ kwaye umele uziqwenge iinqaba zokuhlala zikaBhen-hadadi.+  Ndiza kuwaphula umvalo waseDamasko,+ ndimnqumle ummi waseBhikate-aven, nophethe intonga yobukhosi waseBhete-eden; nabantu baseSiriya kuya kufuneka baye eKire+ njengabathinjwa,” utsho uYehova.’  “Utsho uYehova ukuthi, ‘“Ngenxa yokuvukela kathathu kweGaza,+ nangenxa yokuba kukane, andiyi kukubuyisa oku, ngenxa yokuthabathela kwayo ekuthinjweni iqela elipheleleyo labathinjwa+ ukuze banikelwe kuEdom.+  Ndiza kuthumela umlilo kudonga lwaseGaza,+ yaye umele uziqwenge iinqaba zayo zokuhlala.  Ndiza kumnqumla ummi eAshdode,+ nophethe intonga yobukhosi eAshkelon;+ yaye ndiza kusibuyisela isandla+ sam kuEkron,+ nabaseleyo bamaFilisti bamele batshabalale,”+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.’  “Utsho uYehova ukuthi, ‘Ngenxa yokuvukela kathathu kweTire,+ nangenxa yokuba kukane, andiyi kukubuyisa oku, ngenxa yokunikela kwayo iqela elipheleleyo labathinjwa kuEdom, nangenxa yokuba bengazange bawukhumbule umnqophiso wabazalwana.+ 10  Ndiza kuthumela umlilo kudonga lwaseTire, yaye umele uziqwenge iinqaba zayo zokuhlala.’+ 11  “Utsho uYehova ukuthi, ‘Ngenxa yokuvukela kathathu kukaEdom,+ nangenxa yokuba kukane, andiyi kukubuyisa oku, ngenxa yokusukela kwakhe umntakwabo ngekrele,+ nangenxa yokuba wonakalisa iimpawu zakhe zenceba,+ nomsindo wakhe uqwenga ngonaphakade; nokuvutha komsindo wakhe—wakugcina ngokungapheliyo.+ 12  Ndiza kuthumela umlilo kwaTeman,+ yaye umele uziqwenge iinqaba zokuhlala zaseBhotsera.’+ 13  “Utsho uYehova ukuthi, ‘“Ngenxa yokuvukela kathathu koonyana baka-Amoni,+ nangenxa yokuba kukane, andiyi kukubuyisa oku,+ ngenxa yokuqhaqha kwabo abafazi abamithiyo baseGiliyadi, ngenjongo yokwandisa ummandla wabo.+ 14  Ndiza kubasa umlilo eludongeni lwaseRabha,+ kwaye umele uziqwenge iinqaba zayo ezinde zokuhlala, ngokuhlaba umkhosi ngemini yedabi, ngesivuthuvuthu ngemini yomoya osisaqhwithi.+ 15  Ukumkani wabo umele aye ekuthinjweni, yena neenkosana zakhe xa zizonke,”+ utsho uYehova.’

Umbhalo osemazantsi