Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ABagwebi 21:1-25

21  Ke kaloku amadoda akwaSirayeli ayefungile eMizpa,+ esithi: “Ayikho indoda kuthi eya kunikela intombi yayo kuBhenjamin njengomfazi.”+  Ngenxa yoko abantu beza eBheteli+ baza baqhubeka behleli apho phambi koTHIXO oyinyaniso+ de kwaba ngokuhlwa, baqhubeka beliphakamisa ilizwi labo baza balila kakhulu.+  Kwaye babesithi: “Kutheni, Yehova THIXO kaSirayeli, ukuba kwenzeke oku kwaSirayeli, ukuba isizwe esinye singabikho namhlanje kwaSirayeli?”+  Yaye kwathi ngemini elandelayo abantu bavuka ekuseni bakha isibingelelo apho baza banikela iminikelo etshiswayo+ neminikelo yobudlelane.+  Baza oonyana bakaSirayeli bathi: “Ngubani na kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli ongezanga ebandleni kuYehova, kuba kukho isifungo esikhulu+ esenziweyo ngokuphathelele lowo ungezanga kuYehova eMizpa, esithi, ‘Makabulawe nakanjani na.’”+  Yaye oonyana bakaSirayeli bazisola ngoBhenjamin umzalwana wabo. Ngoko bathi: “Namhlanje isizwe esinye sinqunyulwe kwaSirayeli.  Siya kwenza ntoni na kwabo baseleyo ngokuphathelele abafazi, njengoko thina ngokwethu sifungile+ kuYehova ukuba singabaniki nanye yeentombi zethu njengabafazi?”+  Kwaye bahlabela mgama bathi: “Ngubani na kwizizwe zakwaSirayeli ongezanga kuYehova eMizpa?”+ Yaye, khangela! akukho namnye uvela eYabheshe-giliyadi+ uzileyo enkampini ebandleni.  Xa abantu babalwayo, kaloku, khangela! kwakungekho ndoda apho eyayivela kubemi baseYabheshe-giliyadi. 10  Ngenxa yoko indibano yathumela ishumi elinesibini lamawaka amadoda awayengawona makroti yaza yawayalela, isithi: “Hambani, niye kubaxabela abemi baseYabheshe-giliyadi ngohlangothi lwekrele, kwanabafazi nabantwana.+ 11  Yaye nantsi into enifanele niyenze: Yonke indoda naye wonke umfazi onamava okulala nendoda nifanele nibatshabalalise.”+ 12  Noko ke, afumana kubemi baseYabheshe-giliyadi+ amantombazana angamakhulu amane, aziintombi ezinyulu,+ angazange abe nantlobano zokwazana nendoda ngokulala nendoda. Ngoko awazisa enkampini eShilo,+ ekwilizwe laseKanan. 13  Yaye yonke indibano yathumela yaza yathetha noonyana bakaBhenjamin ababekwingxondorha yaseRimon,+ babathembisa uxolo. 14  Ngako oko uBhenjamin wabuya ngelo xesha. Baza babanika abafazi ababebagcine bephila kubafazi baseYabheshe-giliyadi;+ kodwa abazange babafumanele abaneleyo.+ 15  Kwaye abantu bazisola ngoBhenjamin+ ngenxa yokuba uYehova wayenze uthanda phakathi kwezizwe zakwaSirayeli. 16  Ngenxa yoko amadoda amakhulu endibano athi: “Siya kwenza ntoni na ngamadoda aseleyo ngokuphathelele abafazi, kuba abafazi babhujisiwe kwaBhenjamin?” 17  Aza athi: “Kufanele kubekho ilifa labo bakwaBhenjamin+ basindileyo, ukuze isizwe singasuswa kwaSirayeli. 18  Ke thina, asivumelekanga ukubanika abafazi ezintombini zethu, ngenxa yokuba oonyana bakaSirayeli bafungile, besithi, ‘Makaqalekiswe onika uBhenjamin umfazi.’”+ 19  Ekugqibeleni athi: “Khangela! Kukho umthendeleko kaYehova unyaka nonyaka eShilo,+ engakumntla weBheteli, ukuya ngakwimpuma yohola wendlela onyuka usuka eBheteli uye kwaShekem+ nokuya ngakumzantsi weLebhona.” 20  Ngoko bayalela oonyana bakaBhenjamin, besithi: “Hambani, yaye nimele nilalele ezidiliyeni. 21  Kwaye nimele nikhangele, yaye, xa iintombi zaseShilo ziphuma ukuza kungqungqa+ zijikeleza, nimele niphume ezidiliyeni nize nizithele hlasi ngamnye umfazi kwiintombi zaseShilo, nize niye kwilizwe lakwaBhenjamin. 22  Yaye kuya kuthi ukuba ooyise okanye abantakwazo beze kuchophela ityala nxamnye nathi, nathi siya kuthi kubo, ‘Sibabaleni ngenxa yabo, ngenxa yokuba asithabathelanga ngamnye umfazi ngemfazwe,+ kuba abanikwanga nini apho beniya kuba netyala.’”+ 23  Ngako oko oonyana bakaBhenjamin benza kanye ngaloo ndlela, bazithabathela abafazi ngokwenani labo+ kubafazi ababengqungqa,+ babaxhwila; emva koko bemka baza babuyela kwilifa labo baza bakha izixeko+ bahlala kuzo. 24  Basasazeka apho oonyana bakaSirayeli, ngamnye waya kwisizwe sakhe nakwintsapho yakhe; baphuma apho, ngamnye waya kwilifa lakhe.+ 25  Ngaloo mihla kwakungekho kumkani kwaSirayeli.+ Ngamnye wayesenza oko kulungileyo emehlweni akhe.+

Umbhalo osemazantsi