I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ABagwebi 15:1-20

15  Kwathi emva kwethuba, ngemihla yokuvuna ingqolowa, uSamson watyelela umfazi wakhe enetakane+ lebhokhwe. Ngoko wathi: “Ndiza kungena emfazini wam kwigumbi langaphakathi.”+ Yaye uyise womfazi akazange amvumele ukuba angene.  Kodwa uyise womfazi wathi: “Eneneni ndizixelele oku, ‘Ngokungathandabuzekiyo umele ukuba umthiyile.’+ Ngenxa yoko ndimnike umkhaphi wakho.+ Akalunganga ngakumbi kunaye na udade wabo omncinane? Nceda, mayibe nguye owakho esikhundleni somnye lowa.”  Noko ke, uSamson wathi kubo: “Ngesi sihlandlo mandibe msulwa nxamnye namaFilisti ukuba kunokwenzeka ndiqhubane ngobubi nawo.”+  Yaye uSamson wahamba waya kubamba iimpungutye ezingamakhulu amathathu+ waya kuthabatha nezikhuni zomlilo waza wajikela umsila komnye umsila waza wabeka isikhuni somlilo sasinye phakathi kwemisila emibini, kanye phakathi.  Ngoko walumeka umlilo kwizikhuni zomlilo waza wazithumela emasimini amaFilisti okudla okuziinkozo okungekavunwa. Ngaloo ndlela watshisa yonk’ into ukususela kwisithungu ukuya kukudla okuziinkozo okungekavunwa nakwizidiliya nakwigcume lomnquma.+  AmaFilisti athi: “Ngubani na owenze le nto?” Baza bathi: “NguSamson umkhwenyana womTimna, ngenxa yokuba uthabathe umfazi wakhe waza wamnika umkhaphi wakhe.”+ Koko amaFilisti enyuka aza amtshisa yena noyise ngomlilo.+  USamson wathi kuwo: “Ukuba nenza ngolu hlobo, akukho nto yimbi ngaphandle kokuba ndiziphindezelele kuni,+ kwaye emva koko ndiza kuyeka.”  Kwaye waya kuwaxabela, efumba imilenze phezu kwamathanga ngokubulala ngogonyamelo, emva koko wehla waza wahlala kwimfanta yengxondorha yase-Etam.+  Kamva amaFilisti+ eza amisa inkampu kwaYuda+ aza ahambahamba eLehi.+ 10  Kwaye amadoda akwaYuda athi: “Kutheni na neza nxamnye nathi?” wona athi: “Size kubopha uSamson, ukuze simenze kanye ngale ndlela enze ngayo kuthi.” 11  Ngoko kwehla amadoda akwaYuda angamawaka amathathu aya kwimfanta yengxondorha yase-Etam+ aza athi kuSamson: “Akwazi na ukuba silawulwa ngamaFilisti?+ Ngoko kuthetha ntoni oku usenze kona?” Ngoko wathi kuwo: “Ndenze kanye njengoko enzile kum.”+ 12  Kodwa athi kuye: “Sehlile ukuze sikubophe, ukuze sikunikele esandleni samaFilisti.” USamson wathi kuwo: “Fungani kum ukuba nina aniyi kundihlasela.” 13  Kwaye ahlabela mgama athi kuye: “Hayi, kodwa siya kukubopha kuphela, size sikunikele esandleni sawo; kodwa asiyi kukubulala konke konke.” Ngako oko ambopha ngeentsontelo ezimbini ezintsha+ aza amnyusa amkhupha engxondorheni. 14  Yena waya kufikelela eLehi, yaye amaFilisti akhwaza ngokugcoba akuhlangana naye.+ Kwaye umoya kaYehova+ wasebenza kuye, yaye iintsontelo ezazisezingalweni zakhe zaba ngathi yimisonto yelinen etshiswe ngomlilo,+ kangangokuba amakhamandela akhe anyibilika ezandleni zakhe. 15  Ke kaloku wafumana ithambo lomhlathi we-esile eliliduna elifumileyo waza wolula isandla sakhe walithabatha, waxabela iwaka lamadoda ngalo.+ 16  Waza uSamson wathi: “Ngethambo lomhlathi we-esile eliliduna—imfumba enye, iimfumba ezimbini! Ngethambo lomhlathi we-esile eliliduna ndixabele iwaka lamadoda.”+ 17  Yaye kwathi akugqiba ukuthetha, walilahla ngoko nangoko ithambo lomhlathi esandleni sakhe waza wayibiza loo ndawo ngokuthi yiRamati-lehi.+ 18  Ke kaloku wanxanwa kakhulu, waza wabiza kuYehova esithi: “Nguwe onikele olu sindiso lukhulu esandleni somkhonzi wakho,+ kwaye ngoku ndiya kufa lunxano na ndize ndiwele esandleni sabangalukanga?”+ 19  Ngoko uThixo wavula umgongxo omile okwesingqusho owawuseLehi, kwaza kwaphuma amanzi+ kuwo, wasela, emva koko wabuya umoya wakhe+ waza waphila.+ Kungenxa yoko le nto wawubiza ngokuba yiEn-hakore igama lawo, eseseLehi de kube namhla. 20  Kwaye waqhubeka egweba uSirayeli kwimihla yamaFilisti iminyaka engamashumi amabini.+

Umbhalo osemazantsi