Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ABagwe. 12:1-15

12  Aza amadoda akwaEfrayim abizelwa ndawonye yaye awelela ngasentla, athi kuYifeta: “Bekutheni ukuze uwele uye kulwa noonyana baka-Amoni, ungasibizi thina ukuba sihambe nawe?+ Indlu yakho siza kuyitshisa ngomlilo phezu kwakho.”+  Kodwa uYifeta wathi kuwo: “Ndiye ndasukuzana ngokukhethekileyo, mna nabantu bam, kunye noonyana baka-Amoni.+ Kwaye ndamemeza kuni ndicela uncedo, yaye anizange nindisindise esandleni sabo.  Ndathi ndakubona ukuba aningobasindisi, ngoko ndazimisela ukuwubeka entendeni yam+ umphefumlo wam ndize ndiwele nxamnye noonyana baka-Amoni.+ Koko uYehova wabanikela esandleni sam. Ngoko kutheni na ukuba nize kulwa nam namhla?”  Ngoko nangoko uYifeta waqokelela ndawonye onke amadoda aseGiliyadi+ waza walwa noEfrayim; yaye amadoda aseGiliyadi amxabela uEfrayim, kuba wayethe: “Nina ningabo babaleke kwaEfrayim, maGiliyadi, ngaphakathi kwaEfrayim, ngaphakathi kwaManase.”  Yaye uGiliyadi wawathimba amazibuko aseYordan+ ngaphambi koEfrayim; kwaye kwakusithi xa amadoda abalekayo akwaEfrayim esithi: “Mandiwele,” ayesandula amadoda aseGiliyadi athi kuye ngamnye: “Ngaba ungumEfrayim?” Akuthi: “Hayi!”  ayesandula athi kuye: “Nceda uthi Shibholete.”+ Kwaye wayesithi: “Sibholete,” njengoko wayengakwazi ukulitsho ngokuchanileyo igama elo. Kwaye ayembamba aze ambulale emazibukweni aseYordan. Ngoko ngelo xesha kwawa amashumi amane anesibini amawaka kwaEfrayim.+  Yaye uYifeta waqhubeka engumgwebi kwaSirayeli iminyaka emithandathu, emva koko uYifeta umGiliyadi wafa waza wangcwatywa esixekweni sakowabo eGiliyadi.  Kwaye uIbhetsan waseBhetelehem+ waba ngumgwebi kwaSirayeli emva kwakhe.+  Yaye waba noonyana abangamashumi amathathu neentombi ezingamashumi amathathu. Wathumela ngaphandle waza wezisela oonyana bakhe iintombi ezingamashumi amathathu ezivela ngaphandle. Kwaye waqhubeka engumgwebi wakwaSirayeli iminyaka esixhenxe. 10  Wafa uIbhetsan, wangcwatyelwa eBhetelehem. 11  Kwaye emva kwakhe uElon umZebhulon+ waba ngumgwebi kwaSirayeli. Yaye waqhubeka engumgwebi kwaSirayeli iminyaka elishumi. 12  Wafa uElon umZebhulon, wangcwatyelwa eAyalon kwilizwe lakwaZebhulon. 13  Yaye emva kwakhe uAbhedon unyana kaHileli umPiratoni+ waba ngumgwebi kwaSirayeli. 14  Kwaye waba noonyana abangamashumi amane nabazukulwana abangamashumi amathathu ababekhwela kumaesile akhule ngokupheleleyo angamashumi asixhenxe.+ Yaye waqhubeka engumgwebi kwaSirayeli iminyaka esibhozo. 15  Wafa uAbhedon unyana kaHileli umPiratoni, wangcwatywa ePiratoni kwilizwe lakwaEfrayim kwintaba yama-Amaleki.+

Umbhalo osemazantsi