I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

ABagwebi 10:1-18

10  Ke kaloku emva koAbhimeleki kwaphakama+ uTola unyana kaPuwa , unyana kaDodo, indoda yakwaIsakare, nowayehlala eShamire kummandla weentaba wakwaEfrayim+ ukuze asindise uSirayeli.  Kwaye waqhubeka egweba uSirayeli iminyaka engamashumi amabini anesithathu, emva koko wafa waza wangcwatywa eShamire.  Kwaza emva kwakhe kwaphakama uYayire umGiliyadi,+ waqhubeka egweba uSirayeli iminyaka engamashumi amabini anesibini.  Waba noonyana abangamashumi amathathu ababekhwela amaesile angamashumi amathathu akhule ngokupheleleyo,+ yaye babenezixeko ezingamashumi amathathu. Ezi zisaqhubeka zibizwa ngokuba yiHavoti-yayire+ kude kube namhla; zikwilizwe laseGiliyadi.  Emva koko uYayire wafa waza wangcwatywa eKamon.  Kwakhona oonyana bakaSirayeli benza okubi emehlweni kaYehova,+ baqalisa ukukhonza ooBhahali+ nemifanekiso ka-Ashtoreti+ noothixo baseSiriya+ noothixo baseSidon+ noothixo bakwaMowabhi+ noothixo boonyana baka-Amoni+ noothixo bamaFilisti.+ Bamshiya uYehova kwaye abazange bamkhonze.+  Ngoko wavutha umsindo kaYehova nxamnye noSirayeli,+ kangangokuba wamthengisa+ esandleni samaFilisti+ nasesandleni soonyana baka-Amoni.+  Ngenxa yoko abaqoba aza abacinezela kakhulu oonyana bakaSirayeli ngaloo nyaka—iminyaka elishumi elinesibhozo bonke oonyana bakaSirayeli ababengaphesheya kweYordan kwilizwe lama-Amori elaliseGiliyadi.  Oonyana baka-Amoni babewela iYordan bayokulwa kwanoYuda noBhenjamin nendlu kaEfrayim; yaye uSirayeli wayebandezelekile kakhulu.+ 10  Kwaye oonyana bakaSirayeli bamemeza kuYehova becela uncedo,+ besithi: “Sonile+ kuwe, ngenxa yokuba siye samshiya uThixo wethu saza sakhonza ooBhahali.”+ 11  Waza uYehova wathi koonyana bakaSirayeli: “Kwakungekho eYiputa+ nakuma-Amori+ nakoonyana baka-Amoni+ nakumaFilisti+ 12  nakumaSidon+ nama-Amaleki+ nakumaMidiyan,+ xa ayenicinezela+ naza nina nadanduluka kum, endathi ndanisindisa esandleni sawo? 13  Ke nina, nandishiya+ naza nakhonza abanye oothixo.+ Yiyo loo nto ndingayi kunisindisa kwakhona.+ 14  Hambani niye kumemeza nicele uncedo koothixo+ enibakhethileyo.+ Mayibe ngabo abanisindisayo ngexesha lokubandezeleka kwenu.” 15  Kodwa oonyana bakaSirayeli bathi kuYehova: “Sonile.+ Yenza wena  kuthi nantoni na elungileyo emehlweni akho.+ Kuphela, nceda, usihlangule ngalo mhla.”+ 16  Kwaye babashenxisa oothixo basemzini phakathi kwabo+ baza bakhonza uYehova,+ kangangokuba umphefumlo wakhe+ awuzange ukwazi ukunyamezela ngenxa yenkathazo kaSirayeli.+ 17  Ekuhambeni kwexesha oonyana baka-Amoni+ babizelwa ndawonye baza bamisa ikampu  eGiliyadi.+ Ngoko oonyana bakaSirayeli bahlanganisana ndawonye baza bamisa inkampu eMizpa.+ 18  Yaye abantu neenkosana zaseGiliyadi bathi omnye komnye: “Nguwuphi na umntu oya kukhokela ekulweni noonyana baka-Amoni?+ Makabe yintloko yabo bonke abemi baseGiliyadi.”+

Umbhalo osemazantsi