I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

3 Yohane 1:1-14

 Indoda enkulu,+ kuGayo, intanda, endimthanda ngokwenene.+  Ntanda,+ ndithandazela ukuba kuzo zonke izinto uphumelele+ yaye ube sempilweni entle,+ kanye njengoko umphefumlo wakho uphumelela.+  Kuba ndaba nemihlali kakhulu xa abazalwana bafikayo baza banikela ubungqina ngenyaniso onayo, kanye njengoko uqhubeka uhamba enyanisweni.+  Andinaluvuyo lungaphezu kolu lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.+  Ntanda, mhle umsebenzi wokholo owenzela abazalwana,+ abasemzini nokwenza,+  yaye baye banikela ubungqina phambi kwebandla ngalo uthando lwakho. Wenza okukholekileyo ngokubandulula abanjalo ngohlobo olufanele uThixo.+  Kuba kwakungenxa yegama lakhe abathi baphuma, bengathabathanga nantoni na+ kubantu beentlanga.  Thina, ke ngoko, simele sibamkele abantu abanjalo ngomoya wokubuk’ iindwendwe,+ ukuze sibe ngabasebenzi abangamadlelane kuyo inyaniso.+  Ndalibhalela ibandla, kodwa uDiyotrefe, othanda ukuba kwindawo yokuqala+ phakathi kwabo, akayamkeli ngembeko+ nantoni na+ evela kuthi. 10  Ngoko ke, ukuba ndithe ndafika, ndiya kuyikhumbula imisebenzi yakhe aqhubeka eyenza,+ ephololoza ngathi ngamazwi angendawo.+ Kanti ke, nangaphezu koko, akabamkeli ngembeko abazalwana,+ yaye nabo bafuna ukubamkela+ uzama ukubathintela+ efuna nokubaphosela ngaphandle+ kwebandla. 11  Ntanda, yiba ngoxelisa, kungekhona okubi, kodwa okulungileyo.+ Lowo wenza okulungileyo uphuma kuThixo.+ Lowo wenza okubi akambonanga uThixo.+ 12  UDemetriyo yena ungqinelwa ngabo bonke+ nayinyaniso ngokwayo. Nathi ke siyangqina ngaye,+ yaye uyazi ukuba ubungqina esibunikelayo buyinyaniso.+ 13  Bendinezinto ezininzi zokukubhalela, kodwa andinqweneli kuqhubeka ndikubhalela ngeinki nosiba.+ 14  Kodwa ndithemba ukukubona kungekudala, yaye siya kuthetha ubuso ngobuso.+ Ngamana ungaba noxolo.+ Bayakubulisa abahlobo bakho.+ Nawe ndibulisele+ kubahlobo bam ngamagama.

Umbhalo osemazantsi