I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

2 Timoti 3:1-17

3  Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela+ kuya kufika amaxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.+  Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abazidlayo, abanekratshi, abanyelisi, abangathobeli bazali,+ abangenambulelo, abanganyanisekanga,+  abangenawo umsa wemvelo,+ abangayifuni kwaphela imvisiswano,+ abanyelisi,+ abangenakuzeyisa,+ iindlobongela, abangathandi kulunga,+  abangcatshi,+ abaneentloko ezilukhuni, abakhukhumele likratshi,+ abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo,+  benembonakalo yozinikelo lobuthixo+ kodwa bengaphili ngokuvisisana nalo;+ ngoko ke zikhwebule kwabanjalo.+  Kuba phakathi kwabo kuphuma abo bachwechwela imizi,+ belahlekisa abafazi ababuthathaka, abasindwa zizono, nabaqhutywa ziinkanuko ezahlukahlukeneyo,+  abasoloko befunda kodwa bangaze bafikelele kulwazi oluchanileyo lwenyaniso.+  Kanye njengokuba uYanes noYambresi+ bamchasayo uMoses, nabo aba bayaqhubeka beyichasa inyaniso,+ kuba bonakele ngokupheleleyo engqondweni,+ nokholo lwabo luphuthile.+  Noko ke, abasoze bahambele ndawo, kuba impambano yabo ibonakala kubantu bonke, kwanjengokuba kwaba njalo nangempambano yabaya babini.+ 10  Kodwa wena uyilandele ngokusondeleyo imfundiso yam, ikhondo lam lobomi,+ injongo yam, ukholo lwam, ukuzeka kade umsindo kwam, uthando lwam, unyamezelo lwam, 11  iintshutshiso zam, iimbandezelo zam, uhlobo lwezinto ezenzeka kum kwa-Antiyokwe,+ eIkoniyo,+ eListra,+ uhlobo lweentshutshiso endizinyamezeleyo; ukanti kuzo zonke iNkosi yandihlangula.+ 12  Enyanisweni, bonke abo banqwenela ukuphila ngozinikelo lobuthixo ngokunxulumene noKristu Yesu, nabo baya kutshutshiswa.+ 13  Kodwa abantu abangendawo namabhedengu baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa yaye belahlekiswa.+ 14  Noko ke, wena yima ezintweni owazifundayo waza weyiselwa ekuzikholelweni,+ ubazi abantu owazifunda kubo,+ 15  kuba uyaze kwasebusaneni+ imibhalo engcwele, enako ukukunika ubulumko obusa elusindisweni+ ngokukholwa kuKristu Yesu.+ 16  Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo+ kwaye siyingenelo ekufundiseni,+ ekohlwayeni,+ ekulungelelaniseni izinto,+ ekuqeqesheleni+ ebulungiseni, 17  ukuze umntu kaThixo awufanelekele+ aze awuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.+

Umbhalo osemazantsi